Yiza Khangela kanjalo Mfundi; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Kwizibhalo, urhoqo uthetha ukusondela kothile ngokulandela okanye ngokuthobela, kanye njengakwibinzana “yizani kuKrestu, nize nigqibelele kuye” (Moro. 10:32). Thobani indlebe yenu, kwaye nize kum, Isaya 55:3. Yizani kum, nonke nina nibulalekayo, Mat. 11:28. Bayekeni abantwana abancinane beze kum, Mat. 19:14. Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, Luka 9:23. Lowo uzayo kum akasayi kulamba, Yoh. 6:35. UKrestu umema bonke beze kuye, 2 Nif. 26:33. Yizani kum nize nisindiswe, 3 Nif. 12:20. Yizani kuKrestu, Moro. 10:32. Memani bonke beze kuKrestu, I&M 20:59. Yizani kum, yaye imiphefumlo yenu iya kuphila, I&M 45:46.