Nineve Khangela kanjalo Asiriya; Yona KwiTestamente eNdala, likomkhulu laseAsiriya kwaye ngaphezu kweminyaka engamakhulu amabini yayingumbindi workwebo kudonga olusempumalanga lomlambo iTigris. Yawa ekuweni phantsi kobukumkani beAsiriya, 606 P.K. USaneribhe, ukumkani waseAsiriya, wayehlala eNineve, Ⅱ OoKum. 19:36. UYona wayethunywe ukuba abizele isixeko enguqukweni, Yona 1:1–2 (Yona 3:1–4). Abantu baseNineve baguquka, Yona 3:5–10. UKrestu wasebenzisa iNineve njengomzekelo wenguquko phambi kwamaYuda, Mat. 12:41.