Bomi bangaphambili Khangela kanjalo Abantu/Amadoda, Mntu/Ndoda; Ekuqalekeni; Mfazwe ezulwini; Qumrhu eliseZulwini Ubomi phambi kobomi basemhlabeni. Onke amadoda nabafazi babehlala noThixo njengabantwana Bakhe ngokwasemoyeni phambi kokuza emhlabeni njengeziqu ezinomzimba onokufa. Oku kuthiwa ngamanye amaxesha yimo yokuqala (Abr. 3:26). Xa uThixo wabeka iziseko zomhlaba, bonke oonyana bakaThixo bakhwaza ngovuyo, Yobhi 38:4–7. Umoya uya kubuyela kuThixo owawunikayo, INtsh. 12:7. Phambi kokuba ndikubumbe esiswini ndakwazi, Yer. 1:4–5. Siyinzala sonke yakhe, Izenzo 17:28. UThixo wasonyula phambi kokusekwa kwehlabathi, Efese 1:3–4. Sithobele uYise woomoya, Heb. 12:9. Iingelosi ezingazange zigcine imo yazo yokuqala, uzigcinele amatyathanga angunaphakade, Yuda 1:6 (Abr. 3:26). UMtyholi neengelosi zakhe baphoselwa ngaphandle, Isityh. 12:9. Babebiziwe baze balungiswa ukususela kwisiseko sehlabathi, Alma 13:3. UKrestu wakhangela phezu kwesibhakabhaka sanaphakade nesihlwele sasezulwini phambi kokuba ihlabathi lenziwe, I&M 38:1. Umntu wayekho kanjalo ekuqalekeni kunye noThixo, I&M 93:29 (Hil. 14:17; I&M 49:17). Oomoya ababekekileyo babekhethiwe ekuqalekeni baba ngabalawuli eBandleni, I&M 138:53–55. Abaninzi bafumana izifundo zabo zokuqala kwilizwe lemimoya, I&M 138:56. Zonke izinto zazidalwe ngokwasemoyeni phambi kokuba babe semhlabeni, Moses 3:5. Ndenza ihlabathi, nabantu phambi kokuba babesenyameni, Moses 6:51. UAbraham wabona iingqiqo ezazilungisiwe phambi kokuba ihlabathi libekho, Abr. 3:21–24.