Kuzithemba Khangela kanjalo Kholo; Kholwa, Nkolo; Themba Ukuba nokuqiniseka, inkolo, ukuthemba, okanye ukholo entweni ethile, ngokukodwa kuThixo noYesu Krestu. Kungcono ukuthembela eNkosini kunokubeka ithemba emntwini, IiNd. 118:8. INkosi iya kuba lithemba lakho, ImiZ. 3:26. Xa uKrestu eya kubonakala, sinokuba nokuzithemba, â… Â Yoh. 2:28. AmaNifayithi akhohlakeleyo alahlekelwa yintembeko yabantwana bawo, Yakobi 2:35. Ngoko ke ukuthembeka kwenu kuya kusomelela ebusweni bukaThixo, I&M 121:45.