Uncedo lweZifundo
Mozaya, unyana kaBhenjamin


Mozaya, unyana kaBhenjamin

Ngukumkani olungileyo wamaNifayithi nomprofeti kwiNcwadi kaMormoni. UMozaya walandela umzekelo olungileyo kayise (Moz. 6:4–7). Waguqulela amacwecwe egolide angamashumi amabini anesine aqulathe imbali yamaYeredayithi (Moz. 28:17).

Incwadi kaMozaya

Yincwadi kwiNcwadi kaMormoni. Izahluko 1–6 ziqulathe intshumayelo kaKumkani uBhenjamin enamandla eya ebantwini bakhe. UMoya weNkosi wachukumisa iintliziyo zabo kwaye abantu babeguquka kwaye bengavakalelwa kwakhona ngumnqweno wokwenza ububi. Izahluko 7–8 zibalisa ngeqela lamaNifayithi elathi lahamba ukuya kuhlala kwilizwe lamaLeymenayithi. Iqela labafunisi lathunywa ukuya kubafuna. UAmon, inkokeli yeqela labafunisi, wabafumana kwaye wafunda ngabantu ngezilingo zabo phantsi kwengcinezelo yamaLeymenayithi. Izahluko 9–24 zichaza ingcinezelo nokokuba iinkokeli zabo—uZenif, uNowa, noLimhayi—bahlala njani phantsi kwamaLeymenayithi. Ufelo-nkolo lukamprofeti ekwakusithiwa nguAbhinadayi kanjalo lubhaliwe. UAlma waguquka ngetyala likaAbhinadayi. Izahluko 25–28 zibalisa ngamabali okuba unyana ka-Alma noonyana abane bakaKumkani uMozaya baba nokuguquka njani. Kwisahluko 29 uKumkani uMozaya zacebisa ukuba indlela emisiweyo yabagwebi ithatha indawo yookumkani. UAlma unyana ka-Alma wonyulwa abe ngumgwebi wokuqala omkhulu.

Shicilela