Lizwi likaThixo Khangela kanjalo Miyalelo kaThixo; Sityhilelo; Zibhalo Imigaqo, imiyalelo, okanye umyalezo ovela kuThixo. Abantwana bakaThixo banokufumana ilizwi Lakhe ngokuthe ngqo ngesityhilelo ngoMoya okanye livele kwizicaka Zakhe ezonyuliweyo (I&M 1:38). Umntu uphila ngelizwi lonke eliphuma emlonyeni weNkosi, Dut. 8:3 (Mat. 4:4; I&M 84:43–44). Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, kwaye likukukhanye emendweni wam, IiNd. 119:105. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele baze balithethe ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo, Izenzo 4:31–33. Intonga yesinyithi yayililizwi likaThixo eyayikhokelela emthini wobomi, 1 Nif. 11:25 (1 Nif. 15:23–25). Nibe ngaphaya kokuvakalelwa, ukuze ningabi nako ukuvakalelwa ngamazwi ayo, 1 Nif. 17:45–46. Yeha kulowo ulalayo ilizwi likaThixo, 2 Nif. 27:14 (2 Nif. 28:29; Etere 4:8). Funzelani phambili, nizondla ngelizwi likaKrestu, 2 Nif. 31:20 (2 Nif. 32:3). Ngenxa yokungakholwa kwabo babengenako ukuliqonda ilizwi likaThixo, Moz. 26:3 (Alma 12:10). Babethe baziphengulula izibhalo ngenkuthalo, ukuze babe nokulazi ilizwi likaThixo, Alma 17:2. Zamani isidima selizwi likaThixo, Alma 31:5. UAlma wathelekisa ilizwi likaThixo nembewu, Alma 32:28–43. Nantoni na abayithethayo beqhutywa nguMoya oyiNgcwele iya kuba lilizwi leNkosi, I&M 68:4. Philani ngamazwi onke aya kubheka phambili evela emlonyeni kaThixo, I&M 84:44–45. Nabani na oziqwebela ubutyebi belizwi lam akayi kukhohliswa, JS—Mateyu 1:37.