Thanda izinto zehlabathi Khangela kanjalo Butyebi; Kratshi; Lambatha, Mampunge/Kuzingca; Mali Yiminqweno engenabulungisa nemizamo yobutyebi basenyameni nezinto eziphathekayo ngethuba ulahla izinto zasemoyeni. Koba kumnceda ntoni na umntu ukuba uya kuzuza ihlabathi liphela waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe, Mat. 16:26. Babeka iintliziyo zabo phezu kwezinto ezililize zehlabathi, Alma 4:8 (Alma 31:27). Bekani bucala izinto zeli hlabathi, I&M 25:10. Iintliziyo zabantu zisekelezelwe kakhulu phezu kwezinto zeli hlabathi, I&M 121:35.