Njengoko lisetyenziswe kwizibhalo, usapho luba-yindoda nomfazi, abantwana, ngamanye amaxesha nezinye izizalwana ezihlala kwindlu enye okanye phantsi kwentloko enye yosapho. Usapho kanjalo lunako ukuba ngumzali ongatshatanga kunye nabantwana, indoda nomfazi ngaphandle kwabantwana, okanye kwa nomntu ongatshatanga ohlala yedwa.
IMfundiso neMinqophiso ibonisa ngaphambili indalo yonxibelelwano lomtshato nosapho. Umtshato weselestiyali noqhubekeko lweyunithi yosapho zenza abayeni nabafazi babe ngoothixo (I&M 132:15–20).