Hlabathi/Lizwe Khangela kanjalo Bhabheli, Bhabhilon; Mhlaba; Mzimba onokufa Umhlaba; yindawo yokuvavanywa kwabantu abanomzimba onokufa. Ngokuzekelisayo, abo bantu bangayithobeliyo imiyalelo kaThixo. Ubukho bomzimba onokufa Ehlabathini niya kuba neembandezelo, Yoh. 16:33. Ningoyiki ukuya ekufeni; kuba kweli hlabathi uvuyo lwenu aluzelanga, I&M 101:36. Abantu abangayithobeliyo imiyalelo Ndiya kohlwaya ihlabathi ngenxa yobubi babo, Isaya 13:11 (2 Nif. 23:11). Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba landithiya kuqala kunani, Yoh. 15:18–19. Isakhiwo esikhulu esiphangaleleyo yayilikratshi lehlabathi, 1 Nif. 11:36. Ihlabathi livuthelwa ebugwenxeni, I&M 18:6. Zigcineni ningenachaphaza ehlabathini, I&M 59:9. Lowo uthembekileyo waza wanyamezela uya kuloyisa ihlabathi, I&M 63:47. Anisayi kuphila ngokohlobo lwehlabathi, I&M 95:13. Isiphelo sehlabathi Ndidala umhlaba omtsha: kwaye owokuqala awuyi kukhunjulwa, Isaya 65:17 (Isityh. 21:1; V zoK 1:10). Ekuphelisweni kweli hlabathi, umdiza uya kubuthwa uze utshiswe emlilweni, Mat. 13:40, 49 (Mal. 4:1; Yakobi 6:3). Isidiliya sam ndiya kusibangela ukuba sitshiswe ngomlilo, Yakobi 5:77 (I&M 64:23–24). INkosi iya kutshabalalisa uSathana nemisebenzi yakhe ekupheleni kwehlabathi, I&M 19:3. Umhlaba uya kufa, kodwa uya kudliswa ubomi kwakhona, I&M 88:25–26. INkosi yabonisa uEnoki isiphelo sehlabathi, Moses 7:67.