Uncedo lweZifundo
Iivangeli


Iivangeli

Iimbali ezine okanye ubungqina ngobomi obunokufa bukaYesu neziganeko eziphathelele ebufundisini Bakhe ziqulathwe kwezi ncwadi zokuqala zine zeTestamente eNtsha. Zibhalwe nguMateyu, uMarko, uLuka, noYohane, zibubungqina obubhaliweyo bobomi bukaKrestu. Incwadi kaNifayi 3 kwiNcwadi kaMormoni ifana ngeendlela ezininzi neziVangeli zine zeTestamente eNtsha.

Iincwadi zeTestamente eNtsha ekuqaleni zazibhalwe ngesiGrike. Igama lesiGrike le vangeli lithetha “iindaba ezilungileyo.” Iindaba ezilungileyo zezokuba uYesu Krestu uthe wenza intlawulelo eya kukhulula lonke uluntu ekufeni aze avuze elowo ngamnye ngokwemisebenzi yakhe (Yoh. 3:16; Rom. 5:10–11; 2 Nif. 9:26; Alma 34:9; I&M 76:69).

Khangela kanjalo kuNgqinelwano lweeVangeli kwisihlomelo.