Uncedo lweZifundo
Efrayim


Efrayim

KwiTestamente eNdala, unyana wesibini kaYosefu noAzenathi (Gen. 41:50–52; 46:20). Kuphikisana nohlobo lwesiko, uEfrayim wafumana intsikelelo yobuzibulo endaweni kaManase, owayengunyana omkhulu (Gen. 48:17–20). UEfrayim waba nguyise wesizwe sikaEfrayim.

Isizwe sikaEfrayim

UEfrayim wayenikwe ubuzibulo kwaSirayeli (Ⅰ IziKr. 5:1–2; Yer. 31:9). Ngemihla yokugqibela ilungelo labo elilodwa noxanduva kukuphatha ububingeleli, base nomyalezo wevangeli ebuyiselweyo ehlabathini, baze baphakamise ibhanile ekuhlanganiseni uSirayeli ochithachithakeleyo (Isaya 11:12–13; 2 Nif. 21:12–13). Abantwana bakaEfrayim baya kuthweswa ngozuko abo bavela kumazwe asentla ababuya ngemihla yokugqibela (I&M 133:26–34).

Intonga kaEfrayim okanye kaYosefu

Imbali yeqela elinye elivela kwisizwe sikaEfrayim elakhokelwa liphuma eYerusalem lisiya eAmerika kangangesithuba sama-600 P.K. Le mbali yeliqela kuthiwa yintonga kaEfrayim okanye kaYosefu, okanye iNcwadi kaMormoni. Yona nentonga kaYuda (iBhayibhile) zenza ubungqina obumanyeneyo beNkosi uYesu Krestu, uVuko Lwayo, nomsebenzi Wayo onyulu phakathi kwezi zahlulo zibini zendlu kaSirayeli.