Mfundiso kaKrestu Khangela kanjalo Cebo lenkululeko; Vangeli Imigaqo neemfundiso zevangeli kaYesu Krestu. Imfundiso yam iya kuchaphaza njengemvula, Dut. 32:2. Abo bakrokrayo baya kwamkela imfundiso, Isaya 29:24. Abantu babekhwankqisiwe yimfundiso yakhe, Mat. 7:28. Imfundiso asiyoyam, kodwa yeyalowo wandithumayo, Yoh. 7:16. Sonke isibhalo sikwancedela ukufundisa, Ⅱ Tim. 3:16. Le yimfundiso kaKrestu, kwaye nekuphela kwayo neyinyani imfundiso kaBawo, 2 Nif. 31:21 (2 Nif. 32:6). Akusayi kubakho zimpikiswano phakathi kwenu malunga namanqaku emfundiso yam, 3 Nif. 11:28, 32, 35, 39–40. USathana uxhokonxela iintliziyo zabantu kukruthakruthano olunxulumene namanqaku emfundiso yam, I&M 10:62–63, 67. Fundisani abantwana imfundiso yenguquko, ukholo kuKrestu, ubhaptizo, nesipho soMoya oyiNgcwele, I&M 68:25. Fundisanani imfundiso yobukumkani, I&M 88:77–78. Imfundiso yobubingeleli iya kuchaphazela phezu komphefumlo wakho, I&M 121:45.