Lawulo Khangela kanjalo Mgaqo-siseko Xa uYesu Krestu ebuya, Yena uya kumisa uburhulumente bobulungisa. Ukulawula kuya kuba phezu kwamagxa akhe, Isaya 9:6 (2 Nif. 19:6). Nikelani izinto zikaKesare kuKesare, Mat. 22:21 (I&M 63:26). Lulamelani amagunya awongamileyo, Rom. 13:1. Thandazelani ookumkani nabo bonke abasemagunyeni, â… Â Tim. 2:1–2. Thobelani oozilawuli noomagunya nize nithobele abaphathi, Tito 3:1. Wuthobeleni wonke ummiselo ongowomntu ngenxa yayo iNkosi, â… Â Petr. 2:13–14. UYesu Krestu uya kuba ngumlawuli wokugqibela womhlaba, Isityh. 11:15. Yibani namadoda angamalungisa abe ngookumkani benu, Moz. 23:8. Yenzani imicimbi yenu ngelizwi labantu, Moz. 29:26. UKrestu uya kuba ngumlawuli wenu xa esiza, I&M 41:4. Lowo ugcina imithetho kaThixo akukho mfuneko yokwaphula mithetho yelizwe, I&M 58:21. Xa abakhohlakeleyo belawula, abantu bayalila, I&M 98:9–10. Oorhulumente bamiselwe nguThixo ukunceda uluntu, I&M 134:1–5. Abantu babophelelekile ukuxhasa nasekugcineni oorhulumente, I&M 134:5. Sikholelwa ekubeni phantsi kwezikumkani, oomongameli, abalawuli, noomantyi, V zoK 1:12.