Uncedo lweZifundo
Yuda


Yuda

KwiTestamente eNdala, ngunyana wesine kaYakobi noLeya (Gen. 29:35; 37:26–27; 43:3, 8; 44:16; 49:8). UYakobi wamsikelela uYuda okokuba uya kuba yinkokeli yendalo phakathi koonyana bakaYakobi nokuba uShilo (uYesu Krestu) uya kuba yinzala yakhe (Gen. 49:10).

Isizwe sikaYuda

Isizwe sikaYuda sathabatha ukukhokela emva kokuzinza eKanan. Utshaba lwaso olukhulu yayisisizwe sikaEfrayim. UMoses wasikelela isizwe sikaYuda (Dut. 33:7). Emva kolawulo lukaSolomon, isizwe sikaYuda saba nobukumkani bakwaYuda.

Ubukumkani bakwaYuda

Kulawulo lukaRehabheham ubukhosi bukaSolomon babophulwe baba bubukumkani obubini obahlukeneyo, okuphambili kwakungenxa yomona phakathi kwezizwe zikaEfrayim noYuda. Ubukumkani basezantsi, okanye ubukumkani bakwaYuda, babubandakanye isizwe sikaYuda nenxenye enkulu ngakumbi kaBhenjamin. IYerusalem yayilikomkhulu babo. Ngokupheleleyo basala buthembeke ngakumbi kunqulo lukaYehova kunokwenziwayo kubukumkani basentla. UYuda wayeveliswe nje nganeno ekuhlaselweni okuvela entla nasempumalanga, namandla anobungangamsha asala ezandleni zosapho lukaDavide kwade kwaba kukuthinjwa kwaseBhabhilon. Ubukumkani bukaYuda babanako ukubakho kangangeminyaka eli-135 emva kokuwa phantsi kobukumkani obunabantu abaninzi ngakumbi nobunamandla ngakumbi bakwaSirayeli.

Intonga kuYuda

Oku kubhekisa eBhayibhileni njengembali yendlu kaYuda (Hez. 37:15–19). Ngemihla yokugqibela, xa amasebe awohlukeneyo endlu kaSirayeli ehlanganiswa, iimbali zawo ezinyulu kanjalo ziya kuhlanganiswa kunye. Ezi mbali zezibhalo ziyafezekisana zize zakhe ubungqina obumanyeneyo bokuba uYesu unguKrestu, uThixo kaSirayeli noThixo wehlabathi lonke (GJS, Gen. 50:24–36 [Isihlomelo]; 2 Nif. 3; 29).

Shicilela