Nyaniso Khangela kanjalo Iingqiqo, Ngqiqo; Khanyiso, Khanyiso lukaKrestu; Lwazi Ulwazi lwezinto njengoko zinjalo, nanjengoko zazinjalo, nanjengoko ziya kuza (I&M 93:24). Inyaniso kanjalo ibhekisa ekukhanyeni nakwisityhilelo esivela emazulwini. Inyaniso iya kuntshula emhlabeni, IiNd. 85:11 (Moses 7:62). Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula, Yoh. 8:32. Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi, Yoh. 14:6. Ukuba sithi asinasono, inyaniso ayikho kuthi, â… Â Yoh. 1:8. Abanetyala bayithabatha ngokuba inyaniso inzima, 1 Nif. 16:2. Amalungisa athanda inyaniso, 2 Nif. 9:40. UMoya uthetha inyaniso kwaye awuxoki, Yakobi 4:13. Wena unguThixo wenyaniso kwaye akunako ukuxoka, Etere 3:12. Ngamandla oMoya oyiNgcwele ninokwazi inyaniso yazo zonke izinto, Moro. 10:5. Inyaniso ihlala ngonaphakade kanaphakade, I&M 1:39. Wena uthe wakhanyiselwa ngoMoya wenyaniso, I&M 6:15. INcwadi kaMormoni iqulathe inyaniso nelizwi likaThixo, I&M 19:26. UMonwabisi wathunyelwa ngaphambili ufundise inyaniso, I&M 50:14. Lowo wamkela ilizwi ngoMoya wenyaniso ulamkela njengoko lishunyayelwa nguMoya wenyaniso, I&M 50:17–22. Bhengeza inyaniso ngokunxulumene nezityhilelo endithe ndaninika, I&M 75:3–4. Nantoni na eyinyaniso ikukukhanya, I&M 84:45. Ukhanyiso lukaKrestu lukhanyiso lwenyaniso, I&M 88:6–7, 40. UMoya wam uyinyaniso, I&M 88:66. Ingqiqo, okanye ukhanyiso lwenyaniso, lwalungadalwanga, I&M 93:29. Ubuqaqawuli bukaThixo buyingqiqo, okanye ukhanyiso lwenyaniso, I&M 93:36. Ndiniyalele ekukhuliseleni abantwana benu ekukhanyeni nasenyanisweni, I&M 93:40. Owam eKuphela koZelweyo uzele lubabalo nenyaniso, Moses 1:6.