Sono Khangela kanjalo Bunyhuku-nyhuku, Nyhuku-nyhuku; Emasikizi, Sikizi; Khohlakele, Nkohlakalo; Khubekisa; Ngahloneli Thixo; Ngenabulungisa, Ntswelabulungisa; Vukelo Ukungathobeli imiyalelo kaThixo ngabom. Ozigubungelayo izono zakhe akayi kuba nampumelelo, ImiZ. 28:13. Nangona izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu, Isaya 1:18. Aboni baya kufa, kwaye amalungisa aya kusindiswa, Hez. 18. IMvana kaThixo ethwala isuse izono zehlabathi, Yoh. 1:29. Baptizwa, uze uhlambulule izono zakho, Izenzo 22:16. Umvuzo weson kukufa, Rom. 6:23. Kulowo waziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono, Yak. 4:17. Ungandenza na ukuba ndibe nokungcangcazela kwakuvela isono, 2 Nif. 4:31. Yeha kwabo bafela ezonweni zabo, 2 Nif. 9:38. Babengenako ukujongana nesono ngaphandle kube kungentiyo, Alma 13:12. Musa ukucinga ukuba uya kubuyiswa ukusuka esonweni uye eluvuyweni, Alma 41:9–10. INkosi ayinako ukusikhangela isono nangelona lincinane iqondo lolwamkelo, Alma 45:16 (I&M 1:31). Abantwana abancinane abanako ukwenza isono, Moro. 8:8. Ukuze baguquke, abantu bamele ukuvuma baze balahle izono zabo, I&M 58:42–43. Isono esikhulu ngakumbi sisele kuye lowo ungaxoleliyo, I&M 64:9. Lowo wona ngokuchasene nokhanyiselo olukhulu ngakumbi uya kuzuza isigwebo esikhulu, I&M 82:3. Kuloo mphefumlo wonayo izono zangaphambili zobuyela, I&M 82:7. Xa siqalisa ukugquma izono zethu, amazulu arhoxisa ayazirhoxisa, I&M 121:37.