ITestamente eNtsha 2023
Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa


“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
umfazi efunda izibhalo

Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Nazi ezinye iindlela ezilula zokuphucula ufundo lwakho lwelizwi likaThixo kwizibhalo.

Khangela iiNyaniso ezimalunga noYesu Krestu

Izibhalo zisifundisa ukuba zonke izinto zingqina ngoYesu Krestu (bona 2 Nifayi 11:4; Moses 6:63), ngoko ke cinga ngokubhala okanye ukrwele imiqolo efundisa ngoMsindisi kunye nangendlela yokumlandela Yena.

Khangela Amazwi kunye naMabinzana Aphembelelayo

Ungafumana ukuba amazwi namabinzana athile kwizibhalo ayakuchukumisa, ngokungathi ayebhalelwe wena ngqo. Angavakala ekufanele ngobunye kwaye akuphembelele kwaye akukhuthaze. Cinga ngokuwaphawula kwizibhalo zakho okanye uwabhale kwingxelo yemihla ngemihla yakho yokufunda.

Khangela iiNyaniso zeVangeli

Ngamanye amaxesha iinyaniso zevangeli (ixesha elininzi zibizwa iimfundiso okanye imigaqo) zibekwe ngqo, kwaye ngamanye amaxesha zibekwa njengomzekelo okanye njengebali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zanaphakade ezifundiswayo kule miqolo?”

Mamela uMoya

Nika ingqalelo kwiingcinga kunye neemvakalelo zakho, nokuba azinxulumelenanga noko ukufundayo. Ezo mvakalelo zingayinto kanye uBawo oseZulwini afuna ukuba uyifunde.

Fanisa iZibhalo noBomi Bakho

Cinga ngendlela amabali kunye neemfundiso ozifundayo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Umzekelo, ungazibuza, “Ngawaphi amava endikhe ndanawo afanayo noku ndikufundayo?” okanye “Ndingawulandela kanjani umzekelo walo mntu ukwizibhalo?”

Buza iMibuzo njengoko uFunda

Njengoko ufunda izibhalo, imibuzo isenokufika engqondweni yakho. Le mibuzo inganxulumelana noko ukufundayo okanye nobomi bakho jikelele. Cinga nzulu ngale mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo njengoko uqhubekeka ufunda izibhalo.

Umfanekiso
inkwenkwe ifunda izibhalo

Ukuzuza ukuqonda okongezelelekileyo kwimiqolo oyifundayo, sebenzisa imibhalo engezantsi, , IsiKhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org), kunye nolunye uncedo lwezifundo.

Cinga iMeko yeZibhalo

Ungafumana ukuqonda okunentsingiselo malunga nesibhalo ukuba ucinga ngokwemeko yaso—iinkcukacha okanye imo yesibhalo. Umzekelo, ukwazi imvelaphi kunye neenkolelo zabantu umprofeti athethe nabo kungakunceda uqonde ngcono injongo yamazwi akhe.

Bhala Iingcinga kunye Neemvakalelo Zakho

Zininzi iindlela zokubhala iimvakalelo ezizayo njengoko ufunda. Umzekelo, ungaphawula igama okanye ibinzana elinentsingiselo kwaye ubhale iingcinga zakho njengesikhumbuzo kwizibhalo zakho. Ungagcina ingxelo yemihla ngemihla yokuqonda, yokuva neemvakalelo ozifumanayo.

Funda Amazwi abaProfeti nabaPostile beMihla yokuGqibela

Yabelana ngokuQonda

Ukuxoxa ngokuqonda okuphuma kufundo lwakho buqu akuyiyo indlela elungileyo kuphela yokufundisa abanye, kodwa ikwanceda yomeleze ukuqonda kwakho ngako oko ukufundayo.

Phila ngako Oko Ukufundayo

Ufundo lwezibhalo akumelanga ukuba lusiphembelele kuphela kodwa kumele kananjalo lusikhokele kutshintsho lwendlela esiphila ngayo. Mamela oko uMoya akukhuthaza ukwenze njengoko ufunda, kwaye uzibophelele ukwenza intshukumo ngolo chukimiso.

UMdala David A. Bednar wathi: “Masingalindeli iBandla njengombutho wokusifundisa okanye wokusixelela konke esimele ukukwazi kwaye sikwenze ukuze sibengabafundi abathembekileyo kwaye sinyamezele ngokukhaliphileyo kude kube sekupheleni [bona IMfundiso neMinqophiso 121:29]. Endaweni yoko, uxanduva lwethu lobuqu kukufunda oko kufuneka sikufundile, siphile njengoko sazi oko masikuphile, kwaye sibe ngabo iNkosi ingathanda ukuba sibe ngabo. Kwaye amakhaya ethu ayimeko ekugqibeleni efanele ukufunda, yokuphila kunye nokuba” (“Prepared to Obtain Every Needful Thing,” Liahona, Canzibe 2019, 102).

Shicilela