ITestamente eNtsha 2023
Uguquko Yinjongo Yethu


“Uguquko Yinjongo Yethu,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2023 (2022)

“Uguquko Yinjongo Yethu,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
umfazi efunda izibhalo

Uguquko Yinjongo Yethu

Injongo yalo lonke ufundo kunye nofundiso lwevangeli kukwenza nzulu uguquko lwethu kuBawo waseZulwini noYesu Krestu kwaye kusincede sifane naBo ngakumbi. Ngesi sizathu, xa sifunda ivangeli, asikhangeli nje kuphela iinkcukacha ezintsha; sifuna ukuba “sisidalwa esitsha” (2 AbaseKorinte 5:17). Oku kuthetha ukuthembela kuBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu ukuba basincede sitshintshe iintliziyo zethu, iimbono zethu, izenzo zethu kunye neemvelo zethu.

Kodwa uhlobo lofundo lwevangeli oluthi lomeleze ukholo lwethu kwaye lukhokelele kummangaliso wenguquko alwenzeki konke ngexesha elinye. Lona lunabela ngaphaya kwegumbi lokufundela lungene phakathi ezintliziyweni nasemakhayeni ethu. Lona lufuna iinzame ezingaguquguqukiyo, nezemihla ngemihla zokuqonda kunye nokuphila ivangeli. Ufundo lweVangeli olukhokelela kuguquko lwenene lufuna impembelelo yoMoya oyiNgcwele.

UMoya oyiNgcwele usikhokelela enyanisweni kwaye unika ubungqina ngaloo nyani (bona Yohane 16:13). Wona ukhanyisela iingqondo zethu, utyhila ukuqonda kwethu, kwaye uchukumisa iintliziyo zethu ngesityhilelo esivela kuThixo, umthombo wayo yonke inyaniso. UMoya oyiNgcwele uhlambulula iintliziyo zethu. Uphefumlela ngaphakathi kuthi umnqweno wokuphila ngokwenyaniso, kwaye Wona uyasisebezela iindlela zokwenza oku. Ngokunyanisekileyo, “uMoya oyiNgcwele … uya ku[si]fundisa zonke izinto” (Yohane 14: 26).

Ngezi zizathu, kwiinzame zethu zokuphila, zokufunda, kunye nokufundisa ivangeli, kumele kuqala nokubalulekileyo sifune ubudlelwane boMoya. Le njongo kumele ilawule konke oko sikukhethayo kwaye ikhokele iingcinga zethu kunye nezenzo zethu. Thina kumele sifune konke okumema impembelelo yoMoya kwaye sale konke okuqhubela loo mpembelelo kude—kuba siyazi ukuba sinokufanela ubukho boMoya oyiNgcwele, singakwazi ukufanela ukuphila kubukho bukaBawo oseZulwini kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu.

Shicilela