ITestamente eNtsha 2023
Ukufundisa Abantwana Abancinane


“Ukufundisa Abantwana Abancinane,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2023 (2022)

“Ukufundisa Abantwana Abancinane,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Ukufundisa Abantwana Abancinane

Ukuba unabantwana abancinane kusapho lwakho, nantsi eminye imisebenzi enokubanceda bafunde:

  • Cula. Amaculo neengoma eziphuma kwi Children’s Songbook zifundisa imfundiso ngokunamandla. Nceda abantwana bakho banxibelelanise imiyalezo yeengoma nobomi babo.

  • Mamela okanye nidlale ibali Abantwana abancinane bayawathanda amabali—aphuma kwizibhalo , asuka ebomini bakho, okanye asuka kwimbali yosapho lwakho, kunye nakwi Iimagazini zeBandla. Khangela iindlela zokubabandakanya kubaliso lwamabali. Bangabamba imifanekiso okanye izinto, bazobe imifanekiso yoko bakuvayo, balinganise ibali, okanye bancede ukubalisa ibali. Nceda abantwana bakho baqaphele iinyaniso zevangeli ezisemabalini owabelana ngawo.

  • Fundani isibhalo. Abantwana abancinane bangangakwazi ukufunda kakhulu, kodwa usenakho ukubabandakanya ekufundeni kwizibhalo . Ungadinga ukuqwalasela kumqolo omnye, ibinzana elibalulekileyo, okanye igama. Abantwana banokukwazi ukufunda ngentloko amabinzana amafutshane kwizibhalo ukuba bayawaphindaphinda amaxesha ambalwa. Njengoko besiva ilizwi likaThixo, baya kuva uMoya.

  • Jonga umfanekiso okanye ubukele umfanekiso bhanya-bhanya. Xa ubonisa abantwana bakho umfanekiso okanye umfanekiso bhanya-bhanya onxulumene nomgaqo wevangeli okanye ibali lesibhalo, babuze imibuzo ebanceda bafunde kule nto bayibonayo. Umzekelo, ungabuza, “Yintoni eyenzekayo kulo mfanekiso okanye kumfanekiso bhanya-bhanya? Ingaba ikwenza uzive njani?”

  • Dala. Abantwana bangokha, bazobe, okanye bafake imibala into enxulumana nebali okanye nomgaqo abawufundayo.

  • Thatha inxaxheba kwizifundo ezifundiswa ngomzekelo. Isifundiso esifundiswa ngomzekelo singanceda abantwana bakho baqonde umgaqo wevangeli onzima ukuqondakala. Xa usebenzisa izifundo ngomzekelo, fumana iindlela zokuvumela abantwana bakho bathathe inxaxheba. Baza kufunda lukhulu kumava wokusebenzisana kunokubukela nje umboniso.

  • Dlala indima. Xa abantwana bedlala indima kwimeko abanokuthi badibane nayo ebomini bokwenyani, bayakwazi ukuqonda ukuba umgaqo wevangeli usebenza njani ebomini babo.

  • Phindaphinda imisebenzi. Abantwana abancinane bangadinga ukuva iingqiqo amaxesha aphindaphindaneyo ukuze baziqonde. Musa ukoyika ukuphindaphinda amabali okanye imisebenzi rhoqo. Umzekelo, ungabelana ngebali lesibhalo amaxesha aliqela ngeendlela ezahlukeneyo—ngokufunda kwizibhalo, ukushwankathela ngawakho amazwi, ukubonisa umfanekiso bhanya-bhanya, ukuvumela abantwana bakho bakuncede ukubalisa ibali, ubameme ukuba balinganise ibali, njalo njalo.

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Shicilela