ITestamente eNtsha 2023
Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho


“Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho

Senzelwe Bani Esi siXhobo?

Esi sixhobo sesakhe wonke umntu ngamnye nosapho eBandleni. Senzelwe ukukunceda ufunde ivangeli—nokuba uwedwa okanye unosapho lwakho. Ukuba awuzange ufunde ivangeli rhoqo kwixesha elidlulileyo, esi sixhobo singakunceda ukuba uqalise. Ukuba sele unaso isimilo esilungileyo sokufunda ivangeli, esi sixhobo singakunceda ubenamava anentsingiselo.

Umfanekiso
umyeni nomfazi bafunda izibhalo

Kumele NdisiSebenzise Njani Esi siXhobo?

Sebenzisa esi sixhobo nangeyiphina indlela eluncedo kuwe. Ungasifumana siluncedo njengesikhokelo okanye uncedo kwisifundo sakho wedwa kunye nesosapho. Ungasisebenzisa nakumhlangano wangorhatya wosapho. Izishwankathelo zibonisa imigaqo ebalulekileyo efumaneka kwiTestamente eNtsha, zicebisa ngeengcebiso zokufunda kunye nemisebenzi yabantu ngabanye kunye neyeentsapho, kwaye zibonelela ngeendawo zokubhala iimvakalelo zakho.

Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho ayimelanga ukuba ithathe indawo okanye ikhuphisane nezinye izinto ezilungileyo ozenzayo zokufunda ivangeli. Landela inkokhelo yoMoya ukugqiba ngendlela yokujongana nofundo lwakho lwelizwi likaThixo.

Ingaba Esi siXhobo Sihambelana Njani Nento Eyenzeka eBandleni?

Izishwankathelo ezikwesi sixhobo zilungelelanisiwe ngokoludwe lwenkqubo yokufunda yarhoqo ngeveki. Izixhobo ze-Uze, Undilandele zaBantwana Abancinane, zeSikolo sangeCawa, kunye namaQumrhu oBubingeleli bukaAron kunye neeklasi zamaNtombazane Amancinane zilandela uludwe lwenkqubo olufanayo. Ukuxhasa imizamo yakho yokufunda kunye nokuphila ivangeli ekhaya, ootitshala bakho eBandleni baya kukunika ithuba lokwabelana ngamava akho, iingcinga, kunye nemibuzo yakho emalunga nemihlathi yezibhalo ubuyifunda ekhaya.

Kuba iSikolo sangeCawa sifundiswa kabini kuphela enyangeni, ootitshala beSikolo sangeCawa bangakhetha ukutsiba okanye badibanise izishwankathelo ukuze kugcinwe uhambiselwano noludwe lwenkqubo yangeveki. Oku kunokuba kananjalo yimfuneko (kuzo zombini iZikolo zangeCawe kunye nesaBantwana Abancinane) ngeeveki xa iintlanganiso zeBandla zesiqhelo zingabanjwa ngenxa yenkomfa yengingqi okanye ezinye izizathu. Ngezi veki uyamenywa ukuba uqhubeke nokufunda iTestamente eNtsha ekhaya.

Ingaba Kufuneka Ndilandele Uludwe Lwenkqubo?

Uludwe lwenkqubo luya kukunceda ugqibe ukufunda ITestamente eNtsha ekupheleni konyaka. Ukongeza, ukulandela uludwe lwenkqubo olufanayo njengabanye kunokukhokelela kumava anentsingiselo ekhaya, ebandleni, nakwenye indawo. Kodwa ungaziva ubophelelekile kuludwe lwenkqubo okanye unyanzelekile ukufunda yonke imiqolo; uludwe lwenkqubo ngokulula lusisikhokelo sokukunceda uzingcambazise ngesantya sakho. Into ebalulekileyo kukuba uyazifundela ivangeli ngamnye ngamnye kwakunye nanjengosapho.

Shicilela