ITestamente eNtsha 2023
Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli


“Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Ukubandakanya uMculo oNgcwele ekuFundeni Kwakho iVangeli

Ukucula iingoma zabaNtwana Abaselula kunye namaculo kungakusikelela nosapho lwakho ngeendlela ezininzi. Ezi ngcebiso zinokukunceda usebenzise umculo oyingcwele njengoko uzabalazela ukufunda nokuphila ivangeli.

  • Funda imigaqo yemfundiso. Khangela iinyaniso ezifundiswe kwiingoma oziculayo okanye ozimamelayo. Oku kungakhokelela kwiingxoxo zevangeli malunga nezi nyaniso imini yonke. Cula okanye umamele iingoma zaBantwana okanye amaculo afundisa ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe. Nika ingqalelo kwiindlela uMoya oyiNgcwele angqina ngazo ngoMsindisi kunye nangeemfundiso zaKhe.

  • Qaphela amandla omculo. Ukucula okanye ukumamela iingoma zaBantwana Abancinane kunye namaculo kunokuba yintsikelelo ngamaxesha emfuneko. Umzekelo, ukucula ingoma kunokuthulisa umntwana ngexesha lokulala, kunokwenza uvuyo njengoko usapho lwakho lusebenza kunye, kuphakamise ummelwane ogulayo, okanye kuthuthuzele umntu oziva enexhala.

  • Yabelana ngamava. Yabelana ngamava akho kunye nawosapho awahambelana nemiyalezo yeengoma. Unokwabelana ngamabali ezibhalo ahambelana nawo.

  • Bandakanya usapho lwakho. Usapho lwakho luya kufunda ngakumbi kwiingoma ukuba luthatha inxaxheba. Ukuze ubandakanye amalungu osapho, ungamema umntwana osele ekhulile ukuba ancedise ekufundiseni ingoma kubantakwabo abancinane okanye umeme abantwana ukuba bafundise usapho ngengoma abayifunde kuBantwana Abancinane. Unokuvumela kananjalo amalungu osapho ukuba atshintshane ngokukhokela ingoma.

  • Yiba nobuchule. Sebenzisa iindlela ezahlukeneyo zokufunda umculo oyingcwele njengosapho. Umzekelo, usenokwenza izenzo ezihambelana namagama kunye namabinzana kwingoma. Okanye ninokutshintshana ngokulinganisa iinxalenye zengoma ngelixa amanye amalungu osapho ezama ukuyithelekelela ingoma leyo. Usapho lwakho lunokonwabela ukucula iingoma ngezantya okanye amandla ezandi ezahlukeneyo. Usetyenziso lweThala Leencwadi leVangeli kunye nosetyenziso lweVangeli yaBantwana zinezandi ezishicilelweyo kunye nemifanekiso bhanya-bhanya enokukunceda ufunde iingoma. Unokwenza uluhlu lokudlala lo mculo ongcwele omele ukuwumamela.

Shicilela