ITestamente eNtsha 2023
Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho


“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
umama nomntwana befunda izibhalo ezingcwele

Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho

Ukufundwa rhoqo kwezibhalo lusapho yindlela enamandla yokunceda usapho lwakho ukuba luve impembelelo yoMoya oyiNgcwele nokuba lufunde ivangeli. Ubungakanani nobude bexesha lokufunda njengosapho azibalulekanga njengeenzame zenu ezingaguqukiyo. Njengoko nisenza ufundo lwezibhalo lube yinxalenye ebalulekileyo yobomi bosapho lwenu, niya kunceda amalungu osapho lwenu asondele ngakumbi kuBawo oseZulwini noYesu Krestu kwaye okhele ubugqina bawo kwisiseko selizwi likaThixo. Cingani ngokucebisana kunye malunga nale mibuzo ilandelayo:

  • Ingaba amalungu osapho lwakho angakhuthazana kanjani ukuba azifundele izibhalo ngokunokwawo?

  • Yintoni amalungu osapho lwakho anakho ukuyenza ukukhuthaza umntu ngamnye ukuba abelane ngoko akufundayo?

  • Unokuyigxininisa njani imigaqo oyifunda kwiTestamente eNtsha kwimizuzu yemihla ngemihla yokufundisa?

Khumbula ukuba ikhaya yeyona ndawo ifanelekileyo yokufunda ivangeli. Ninako ukufunda nokufundisa ivangeli ekhaya ngeendlela ezingenako ukwenzeka kwigumbi lokufunda eBandleni. Yiba nobuchule njengoko ucinga ngeendlela zokunceda usapho lwakho lufunde kwizibhalo. Cinga ngezinye zeengcebiso ezilandelayo ukuphucula ufundo lwezibhalo zosapho lwakho.

Umfanekiso
usapho neenkokheli zeBandla zicula kunye ekhayeni

Sebenzisani uMculo

Culani amaculo awomeleza imigaqo efundiswa kwizibhalo ezingcwele. Iculo elicetyisiweyo okanye iculo labantwana lidweliswa kwisishwankathelo seveki nganye. Ungabuza amalungu osapho imibuzo ngamagama okanye ngamabinzana asemazwini weculo. Ukwangeza ekuculeni, usapho lwakho lungadlala izenzo ezihambelana neengoma okanye lumamele iingoma ngemva logama lusenza eminye imisebenzi. Ngeengcebiso ezithe vetshe, bona “Ukuquka uMculo oNgcwele Kufundo Lwakho lweVangeli” kwesi sixhobo.

Yabelana ngeZibhalo eziNgcwele ezineNtsingiselo

Nika amalungu osapho ixesha lokwabelana ngemihlathi yezibhalo ezingcwele awazifumeneyo kufundo lwawo.

Sebenzisani Awenu Amagama

Mema amalungu osapho ukuba ashwankathele ngamazwi awo oko akufundayo kwizibhalo enizifundayo.

Sebenzisani iZibhalo eziNgcwele Ebomini Benu

Emva kokufunda umhlathi kwizibhalo, cela amalungu osapho abelane ngeendlela umyalezo ongena ngawo kubomi bawo.

Buza uMbuzo

Mema amalungu osapho abuze umbuzo wevangeli, nize nichithe ixesha nikhangela imiqolo enako ukunceda ukuphendula umbuzo.

Bonisa iSibhalo

Khetha umqolo owufumana unentsingiselo, kwaye uwubonise apho amalungu osapho aya kuwubona rhoqo. Mema amanye amalungu osapho anikane amathuba ekhetha isibhalo sokubonisa.

Umfanekiso
umama nabantwana befunda izibhalo ezingcwele

Yenza uLuhlu lweZibhalo

Njengosapho, khethani imiqolo eliqela eningathanda ukuxoxa ngayo kule veki izayo.

Faka Entloko iZibhalo eziNgcwele

Khethani umhlathi wezibhalo onentsingiselo kusapho lwakho, kwaye umeme amalungu osapho awufake entloko ngokuwuphindaphinda rhoqo ngemihla ngemihla okanye ngokudlala umdlalo wokuzikhumbuza.

Yabelana ngeZifundo Zezinto

Fumana izinto ezihambelana nemigaqo yevangeli kwimihlathi yezibhalo ezingcwele eniyifundayo njengosapho. Mema amalungu osapho ukuba athethe malunga nendlela into nganye ehambelana ngayo kwiimfundiso ezikwizibhalo.

Khetha iSihloko

Vumela amalungu osapho athathe amathuba ukukhetha isihloko usapho oluza kusifunda kunye. Sebenzisani IsiKhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org) ukufumana imihlathi yezibhalo ezingcwele ezimalunga nesihloko.

Zoba uMfanekiso

Fundani imiqolo embalwa njengosapho, kwaye niphe amalungu osapho ixesha lokuba azobe okuthile okunxulumene noko nikufundayo. Chithani ixesha nixoxa ngemizobo yenu.

Linganisani iBali

Emveni kokufunda ibali, mema amalungu osapho ukuba alilinganise. Emva koko, thethani ngokuba ibali linxulumene njani nezinto ozivayo ngokwakho nanjengosapho.

UMongameli Russell M. Nelson wathi: “Ndiyathembisa njengoko usebenza ngenyameko ukwenza ikhaya lakho libe liziko lokufundela ivangeli, emva kwexesha iintsuku zakho zeSabatha ziya kuba luyolo ngokwenene. Abantwana bakho baya konwabela ukufunda nokuphila iimfundiso zoMsindisi, nempembelelo yotshaba ebomini bakho nakwikhaya lakho iya kuncipha. Iinguqu kusapho lwakho ziya bakuba yinto enkulu nexhasayo” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 113).

Shicilela