ITestamente eNtsha 2023
EyoMnga 26–EyoMqungu 1. Sinoxanduva lweMfundo Yethu


“EyoMnga 26–EyoMqungu 1. Sinoxanduva lweMfundo Yethu,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMnga 26–EyoMqungu 1. Sinoxanduva lweMfundo Yethu,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
usapho lujonge kwi-albham yeefoto

EyoMnga 26–EyoMqungu 1

Sinoxanduva lweMfundo Yethu

Injongo yezibhalo kukukunceda uze kuKrestu kwaye uguqukele ngokunzulu kwivangeli yaKhe. Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho ingakunceda uqonde izibhalo kwaye ufumane kuzo ukomelela kwasemoyeni okudingayo wena kunye nosapho lwakho. Emva koko, kwiiklasi zenu zeBandla, niya kuba namathuba okwabelana ngokuqonda nokukhuthaza abanye abaNgcwele kwiinzame zabo zokulandela uKrestu.

Bhala Iimvakalelo Zakho

“Ufuna ntoni?” UYesu wabuza abafundi bakaYohane uMbhaptizi (Yohane 1:38). Unokuzibuza umbuzo ofanayo—into oyifumana kwiTestamente eNtsha kulo nyaka iya kuxhomekeka kakhulu kwinto oyifunayo. “Funani, kwaye nofumana” sisithembiso soMsindisi (Mateyu 7:7). Ke buza imibuzo ethi qatha engqondweni yakho njengoko ufunda, emva koko ufune iimpendulo ngenkuthalo. KwiTestamente eNtsha uza kufunda ngamava anamandla okomoya abafundi bakaYesu Krestu. Njengomfundi othembekileyo woMsindisi, unganawo amava akho okomoya anamandla xa usamkela isimemo soMsindisi, esifumaneka kulo mqulu ungcwele, “Uze, Undilandele” (Luka 18:22).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Ukuze ndifunde ngokwenene kuMsindisi, kufuneka ndisamkele isimemo saKhe, “Uze, Undilandele.”

Isimemo soMsindisi, “Uze, undilandele,” sisebenza kumntu wonke—nokokuba sibatsha kwindlela yobufundi okanye sihambile kubo bonke ubomi bethu. Esi yayisisimemo saKhe kwindoda esisityebi eyayizama ukugcina imiyalelo (bona Mateyu 19:16–22; Luka 18:18–23). Oko kwafundwa yindodana—kunye noko sonke ekufuneka sikufunde—kukuba ukuba ngumfundi kuthetha ukunikela yonke imiphefumlo yethu kuBawo waseZulwini nakuYesu Krestu. Siqhubela phambili kubufundi bethu njengoko sichonga into esisilela kuyo, senze iinguqu, kwaye sizame ukubalandela Bona ngokupheleleyo.

Ukufunda kuMsindisi kuqala xa sizama ukuqonda oko Yena wayekufundisa. Umzekelo, ukuqonda kwakho ukuthobeka kubanzulu njani njengoko ujonga oku kulandelayo?

Ukuba ufuna ukufunda ngakumbi, zama lo msebenzi ngomnye umgaqo wevangeli, njengothando okanye uxolelo.

Ndinoxanduva lokufunda kwam.

UMdala David A. Bednar wafundisa: “Masingalindeli iBandla njengombutho wokusifundisa okanye wokusixelele konke esimele ukukwazi kwaye sikwenze ukuze sibengabafundi abathembekileyo kwaye sinyamezele ngokukhaliphileyo kude kube sekupheleni. Endaweni yoko, uxanduva lwethu kukufunda oko kufuneka sikufundile, siphile njengoko sazi oko masikuphile, kwaye sibe ngabo iNkosi ingathanda ukuba sibe ngabo. Kwaye amakhaya ethu ayimeko ekugqibeleni efanele ukufunda, yokuphila kunye neyokuba njalo” (“Prepared to Obtain Every Needful Thing,” Liahona, Canzibe 2019, 102).

Kuthetha ukuthini ukuthatha uxanduva lokufunda kwakho? Khangela iimpendulo ezinokubakho kwingxelo kaMdala Bednar nakwizibhalo ezilandelayo: Yohane 7:17; AbaseTesalonika 5:21; Yakobi 1:5–6, 22; 2:17; 1 Nifayi 10:17–19; 2 Nifayi 4:15; Alma 32:27; kunye IMfundiso neMinqophiso 18:18; 58:26–28; 88:118. Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukuze ukhuthale ngaphezulu ekufundeni ivangeli?

Kufuneka ndizazele ngokwam inyaniso.

Mhlawumbi uyabazi abantu ababonakala bangaze baphulukane nokholo lwabo, nokuba kwenzeka ntoni ebomini babo. Banokukukhumbuza ngeentombi ezintlanu eziziingqondi kumzekeliso woMsindisi (bona Mateyu 25:1–13). Into onokungayiboni ziinzame zabo zenyameko zokuqinisa ubungqina babo benyaniso.

Sibufumanai kwaye sibukhulisa njani ubungqina bethu? Bhala phantsi iingcinga zakho njengoko ucinga nzulu ngezi zibhalo zilandelayo: Luka 11:9–13; Yohane 5:39; 7:14–17; iZenzo 17:10–12; 1 AbaseKorinte 2:9–11; no Alma 5:45–46.

Umfanekiso
Intombi encinane ngasendleleni

Ngamnye nomnye wethu kufuneka sizizuzele ubungqina.

Kufuneka ndenze ntoni xa ndinemibuzo?

Njengoko ufuna ulwazi lokomoya, imibuzo iya kuza engqondweni yakho. Le migaqo ilandelayo inokukunceda ujongane nemibuzo ngeendlela ezakha ukholo kunye nobungqina:

  • Funa ukuqonda kuThixo. UThixo ungumthombo wayo yonke inyaniso, kwaye Yena utyhila inyaniso ngoMoya oyiNgcwele, ngezibhalo, nangabaprofeti baKhe nabapostile.

  • Yenza ngokholo. Ukuba iimpendulo azifiki kwangoko, themba ukuba iNkosi iya kutyhila iimpendulo xa ixesha lilungile. Okwangoku, qhubeka uphile ngenyaniso osele uyazi.

  • Gcina umbono wanaphakade. Zama ukubona izinto ngendlela iNkosi ezijonga ngayo, hayi njendlela ihlabathi elizibona ngayo. Jonga imibuzo yakho ngokwemeko yecebo losindiso likaBawo waseZulwini.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 13:1–23.Ukunceda usapho lwakho lulungiselele ukufunda kwiTestamente eNtsha kulo nyaka, ungafunda umzekeliso womhlwayeli. Usapho lwakho lunokonwabela ukuphumela phandle lukhangele iintlobo ezahlukeneyo zrmihlaba ezichazwa kulo mzekeliso. Singazenza njani iintliziyo zethu zifane “nomhlaba omhle” ochazwe nguYesu? (Mateyu 13:8).

AmaGalati 5:22–23; AbaseFilipi 4:8.UMongameli Russell M. Nelson ukumeme ukuba “uguqule ikhaya [lakho] libe yindawo engcwele yokholo” kwaye “ulungise ikhaya lakho libe liziko lemfundo yevangeli.” Kwabo bazenzayo ezi zinto, wathembisa: “Abenu abantwana baya konwabela ukufunda nokuphila iimfundiso zoMsindisi, kwaye nempembelelo yotshaba ebomini benu nakwikhaya lenu iya kuncipha. Iinguqu kusapho lwakho ziya bakuba yinto enkulu nexhasayo” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Liahona, Nkanga 2018, 113).

Ukuqala konyaka omtsha lixesha elifanelekileyo lokubamba ibhunga losapho malunga nokwenza ikhaya lakho libe “yindawo engcwele yokholo” kunye “neziko lemfundo yevangeli.” Zithini iingcebiso malunga nendlela yokwenza oku ethi qatha engqondweni njengoko sifunda AmaGalati 5:22–23 kunye AbaseFilipi 4:8? Mhlawumbi usapho lwakho lungazibekela iinjongo zobuqu nezosapho zokufunda iTestamente eNtsha kulo nyaka uzayo. Yintoni esinokuyenza ukuzikhumbuza ngeenjongo zethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela imfundiso. Imfundiso yinyaniso engunaphakade, engaguquguqukiyo. UMongameli Boyd K. Packer wabhengeza ukuba “imfundiso yokwenene, eqondwayo, iguqula izimo zengqondo nokuziphatha” (“Little Children,” Ensign, Nkanga. 1986, 17). Njengokuba wena nosapho lwakho nifunda izibhalo, khangela iinyaniso ezinokuninceda ukuba niphile ngakumbi njengoMsindisi.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Light of the World [UkuKhanya kweHlabathi], nguBrent Borup

Shicilela