ITestamente eNtsha 2023
EyoMqungu 23–29. Mateyu 3; Marko 1; Luka 3: “Tyenenezani iNdlela yeNkosi”


“EyoMqungu 23–29. Mateyu 3; Marko 1; Luka 3: ‘Tyenenezani iNdlela yeNkosi,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023, (2022)

“EyoMqungu 23–29. Mateyu 3; Marko 1; Luka 3,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYohane uMbhaptizi ebhaptiza uYesu

Iglasi yefestile enamachaphaza kwiTempile yaseNauvoo Illinois, nguTom Holdman

EyoMqungu 23–29

Mateyu 3; Marko 1; Luka 3

“Tyenenezani iNdlela yeNkosi”

Qala ngokufunda Mateyu 3; Marko 1; noLuka 3. Njengoko uthandazela uMoya oyiNgcwele ukuba ukuncede uqonde ezi zahluko, Wona uya kukunika ingqiqo eyeyakho ngokukodwa. Bhala ezi mvakalelo, kwaye wenze izicwangciso zokuzisebenzisa.

Bhala Iimvakalelo Zakho

UYesu Krestu nevangeli yaKhe ingakutshintsha. ULuka wacaphula isiprofeto samandulo sika-Isaya esasichaza isiphumo ukuza kukaKrestu okwakuya kubanaso: “Yonke imifula iya kudityelelwa, nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa; neendawo ezigoso kuya kuthi tye, nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo” (Luka 3:5; bona kwakhona Isaya 40:4). Lo ngumyalezo wethu sonke, kuquka nabo bacinga ukuba abanakutshintsha. Ukuba into esisigxina njengentaba ingenziwa ibe mthebelele, ngoko ke ngokuqinisekileyo iNkosi ingasinceda silungise iindlela zethu ezigoso (bona Luka 3:4–5). Njengoko sisamkela isimemo sikaYohane uMbhaptizi sokuguquka kunye nokutshintsha, silungiselela iingqondo neentliziyo zethu ukufumana uYesu Krestu ukuze nathi “silubone usindiso lukaThixo” (Luka 3:6).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Wayengubani uMarko?

Phakathi kwababhali beeVangeli, sazi okuncinane malunga noMarko. Siyazi ukuba wayeliqabane elalingumfundisi wevangeli kaPawulos, noPetros, nabanye abafundisi bevangeli abaliqela. Abafundi abaninzi bebhayibhile bakholelwa ukuba uPetros wayalela uMarko ukuba abhale iziganeko zobomi boMsindisi. IVangeli kaMarko kungenzeka ukuba yayibhalwe ngaphambi kwezinye ezintathu.

Bona kwakhona IsiKhokelo kwiZibhalo, “Marko.”

Mateyu 3:1–12; Marko 1:1–8; Luka 3:2–18

Inguquko lutshintsho olunamandlakazi lwengqondo nentliziyo.

Umsebenzi kaYohane uMbhaptizi yayikukulungiselela iintliziyo zabantu ukuba bamkele uMsindisi kwaye nokuba bafane naYe ngakumbi. Wakwenza njani oko? Yena wabhengeza, “Guqukani” (Mateyu 3:2). Waye wasebenzisa imifanekiso efana neziqhamo nengqolowa ukufundisa malunga nenguquko (bona Luka 3:9, 17).

Yeyiphi eminye imifanekiso oyifumanayo kwiingxelo zobulungiseleli bukaYohane uMbhaptizi? (bona Mateyu 3:1–12; Marko 1:1–8; Luka 3:2–18). Cinga ngokuyiphawula kwizibhalo zakho okanye uzobe imifanekiso yayo. Yintoni le mifanekiso efundisa yona lmalunga nemfundiso nemfuneko yenguquko?

Inguquko yokwenene “lutshintsho lwengqondo, imbono entsha malunga noThixo, malunga nesiqu sakho, namalunga nehlabathi. … [Ithetha] ukujongisa intliziyo nentando kuThixo” (IsiKhokelo kwiZibhalo, “Inguquko”). KuLuka 3:7–14, zeziphi iinguqu uYohane amemela abantu ukuba bazenze ukulungiselela ukufumana uKrestu? Ingaba le ngcebiso ingasebenza njani kuwe? Ungabonisa kanjani ukuba uguquke ngokwenene? (bona Luka 3:8).

Mateyu 3:7; Luka 3;7

Yayingoobani abaFarasi nabaSadusi?

AbaFarasi yayingamalungu eqela lezenkolo yamaYuda awayeqhayisa ngengqwalasela engqongqo yomthetho kaMoses nezithethe zawo. AbaSadusi babeliqela lezinga lezityebi zamaYuda ababenefuthe kwezenkolo nakwezopolitiko; babengakholelwa kwimfundiso yovuko. Omabini la maqela ayekreqile kwinjongo yamandulo yemithetho kaThixo.

Bona kananjalo Mateyu 23:23–28; IsiKhokelo kwiZibhalo, “AbaFarasi,” “AbaSadusi.”

Mateyu 3:11, 13–17; Marko 1:9–11; Luka 3:15–16, 21–22

UYesu Krestu wabhaptizelwa “ukuzalisa bonke ubulungisa.”

Xa wawubhaptizwa, wawulandela umzekelo woMsindisi. Thelekisa oko ukufunda kwiingxelo zobhaptizo loMsindisi kunye noko kwenzeka ngelixa lobhaptizo lwakho.

UBhaptizo loMsindisi

UBhaptizo Lwam

UBhaptizo loMsindisi

Ngubani owabhaptiza uYesu, kwaye leliphi igunya awayeliphethe?

UBhaptizo Lwam

Ngubani owabhaptiza wena, kwaye leliphi igunya awayeliphethe?

UBhaptizo loMsindisi

Wayebhaptizelwe phi uYesu?

UBhaptizo Lwam

Wawubhaptizelwe phi wena?

UBhaptizo loMsindisi

Wayebhaptizwe kanjani uYesu?

UBhaptizo Lwam

Wawubhaptizwe kanjani wena?

UBhaptizo loMsindisi

Kwakutheni uYesu abhaptizwe?

UBhaptizo Lwam

Kwakutheni wena ubhaptizwe?

UBhaptizo loMsindisi

UBawo oseZulwini wabonisa njani ukuba Yena wayekholisekile ngoYesu?

UBhaptizo Lwam

UBawo oseZulwini wabonisa njani ukuba Yena wayekholisekile ngawe xa wawubhaptizwa? Yena uyibonise kanjani imvume yaKhe ukusukela ngoko?

Bona kanjalo 2 Nifayi 31; Mozaya 18:8–11; IMfundiso neMinqophiso 20:37, 68–74.

Mateyu 3:16–17; Marko 1:9–11; Luka 3:21–22

Amalungu obuThixo angabantu abathathu abohlukeneyo.

IBhayibhile iqulethe ubungqina obuninzi bokokuba amalungu obuThixo angabantu abathathu abohlukeneyo. Iingxelo zobhaptizo loMsindisi zingomnye umzekelo. Njengoko ufunda ezi ngxelo, cinga nzulu malunga noko ukufunda ngobuthixo. Kutheni ezi mfundiso zibalulekile kuwe?

Bona kwakhona Genesis 1:26; Mateyu 17:1–5; Yohane 17:1–3; IZenzo 7:55–56; IMfundiso neMinqophiso 130:22.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 3.UYohane uMbhaptizi wayebamba uBubingeleli buka-Aron. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaYohane malunga neenjongo zoBubingeleli buka-Aron? Zeziphi iintsikelelo esizifumanayo ngenxa yoBubingeleli buka-Aron? Ukuba unomfana omncinane kusapho lwenu, nisenokuthatha ixesha lokumnceda aqonde ukuba angasebenzisa njani uBubingeleli bukaAron ukusikelela abanye. (Bona kanjalo IMfundiso neMinqophiso 13:1; 20:46–60.)

Umfanekiso
umfana omncinane ebhaptiza omnye

Xa sibhaptizwa, izono zenu ziyahlanjwa.

Mateyu 3:11–17; Marko 1:9–11; Luka 3:21–22.Ingaba amalungu osapho lwakho akhe abona umntu ebhaptizwa okanye eqinisekiswa njengelungu leBandla? Yintoni amalungu osapho awayivayo? Mhlawumbi ungawafundisa malunga nomqondiso wobhaptizo noqinisekiso. Ingaba ukubhaptizwa nokuqinisekiswa kufana njani nokuzalwa ngokutsha? Kutheni sintywiliselwa ngokupheleleyo emanzini xa sibhaptizwa? Kutheni sinxiba ezimhlophe xa sibhaptizwa? Kutheni isipho soMoya oyiNgcwele sichazwa “njengobhaptizo lomlilo”? (IMfundiso neMinqophiso 20:41; bona kanjalo IsKihokelo kwiZibhalo, “Bhaptizo,” “Moya oyiNgcwele”).

Mateyu 3:17; Marko 1:11; Luka 3:22.Sakhe seva nini ukuba uThixo ukholisekile ngathi? Yintoni esinokuyenza njengosapho ukukholisa uThixo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Cela uncedo eNkosini. Izibhalo ezingcwele zazinikwe ngesityhilelo, kwaye ukuziqonda ngokwenene sidinga isityhilelo sobuqu. INkosi ithembisile, “Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa” (Mateyu 7:7).

Umfanekiso
UYohane ebhaptiza uYesu

John the Baptist Baptizing Jesus,nguGreg K. Olsen [UYohane UMbhapatizi Ebhaptiza uYesu]

Shicilela