ITestamente eNtsha 2023
EyoMqungu 16–22. Yohane 1: Simfumene uMesiya


“EyoMqungu 16–22. Yohane 1: Simfumene uMesiya,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMqungu 16–22. Yohane 1,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
umfazi esabelana ngevangeli kwisikhululo sikaloliwe

EyoMqungu 16–22

Yohane 1

Simfumene uMesiya

Njengoko ufunda kwaye ucinga nzulu Yohane 1, bhala iimvakalelo ozifumanayo. Yeyiphi imiyalezo oyifumanayo eya kuba yeyona inexabiso kakhulu kuwe nakusapho lwakho? Yintoni eninokwabelana ngayo kwiiklasi zenu zeBandla?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ingaba wakhe wazibuza ukuba wawunokumqonda uYesu waseNazarete njengoNyana kaThixo ukuba wawuphila ngexesha lobufundisi baKhe basenyameni? Kangangeminyaka, amaSirayeli athembekileyo, awaquka uAndreya, uPetros, uFilipu, noNataniyeli, babelinde kwaye bethandazela ukuza kukaMesiya othenjisiweyo. Xa babedibana naYe, bayazi njani ukuba Yena yayinguYe ababemfuna? Ngendlela efanayo sonke thina siza ekumazini uMsindisi—ngokuzamkelela isimemo sokuba “yizani nibone” (Yohane 1:39). Sifunda ngaYe kwizibhalo. Siva imfundiso yaKhe. Siqwalasela indlela yaKhe yokuphila. Siyawuva uMoya waKhe. Endleleni, siyafumanisa, njengoNataniyeli, ukuba uMsindisi uyasazi kwaye uyasithanda kwaye ufuna ukusilungiselela ukufumana “izinto ezingaphezulu” (Yohane 1:50).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Wayengubani uYohane?

UYohane wayengumfundi kaYohane uMbhaptizi kwaye kamva waba ngomnye wabalandeli bokuqala bakaYesu Krestu kunye nomnye wabaPostile baKhe Abalishumi Elinambini. Wabhala iVangeli kaYohane, iincwadi ezininzi, kunye nencwadi yesiTyhilelo. Kwincwadi yakhe yeVangeli, wabhekisela kuye njengomfundi “obethandwa nguYesu” kunye “nomnye umfundi” (Yohane 13:23; 20:3). Inzondelelo kaYohane yokushumayela ivangeli yayinamandla kangangokuba wacela ukuhlala emhlabeni ade abe noBuya okwesiBini uMsindisi ukuze azise imiphefumlo kuKrestu (bona IMfundiso neMinqophiso 7:1–6).

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Yohane,” “Yohane, uNyana kaZebhedi.”

Yohane 1:1–5

UYesu Krestu wayekho “ekuqalekeni kuThixo.”

UYohane waqala iVangeli yakhe ngokuchaza umsebenzi owenziwa nguKrestu ngaphambi kokuba Yena azalwe: “Ekuqalekeni … waye uLizwi [uYesu Krestu] ekuye uThixo.” Yintoni oyifunda kwimiqolo 1–5 malunga noMsindisi nangomsebenzi waKhe? Unokufumana iingcaciso eziluncedo kuGuqulelo lukaJoseph Smith, Yohane 1:1–5 (kwisiKhokelo kwiZibhalo). Njengoko uqala ukufunda ngobomi boMsindisi, kutheni kubalulekile ukwazi ngomsebenzi waKhe wobomi bangaphambili?

Yohane 1:1–18

UYesu Krestu “ulukhanyiso oluyinyaniso,” uNyana kaThixo.

UYohane waphenjelelwa ukuba afune uMsindisi ngenxa yobungqina bukaYohane uMbhaptizi, owabhengeza ukuba “weza kungqina ngalo … elukhanyiso oluyinyaniso.” (Yohane 1:8–9). UYohane ngokwakhe wanika ubungqina obunamandla ngobomi kunye nangomsebenzi woMsindisi.

Kunokuba ngumdla ukwenza uluhlu lweenyaniso uYohane aziqukileyo kubungqina bakhe bokuvula bukaKrestu (imiqolo 1–18; bona kananjalo uGuqulelo lukaJoseph Smith, Yohane 1:1–19 [kwisiKhokelo kwiZibhalo]). Ucinga kutheni ukuba uYohane wayiqala iVangeli yakhe ngezi nyaniso? Cinga ngokubhala ubungqina bakho bukaYesu Krestu—yintoni ongafuna ukwabelana ngayo? Ngawaphi amava akuncedileyo ukuba wazi kwaye ulandele uMsindisi? Ngubani onokusikeleleka ngokuva ubungqina bakho?

Yohane 1:11–13

UYesu Krestu usinika “igunya lokuba” ngoonyana neentombi zikaThixo.

Nangona sonke siziintombi zomoya kunye noonyana bokomoya bakaThixo uBawo, xa sisona siye sahlukaniswe, okanye sahlulwu kuYe. UYesu Krestu usinika indlela yokubuya ngedini laKhe lentlawulelo. Cinga nzulu yintoni Yohane 1:11–13 ayifundisayo ngokuba ziintombi noonyana bakaThixo. Cinga kananjalo ngoko ezi zibhalo zikufundisayo malunga nendlela esifumana ngayo esi sipho: AbaseRoma 8:14–18; Mozaya 5:7–9; IMfundiso neMinqophiso 25:1. Ithetha ntoni kuwe into yokuba ube “negunya lokuba” yintombi okanye unyana kaThixo?

Yohane 1:18

UBawo unika ubungqina ngoNyana waKhe.

Yohane 1:18 uthi akukho namnye wakha wambona uThixo. Kanti, uGuqulelo lukaJoseph Smith lwalo mqolo lucacisa ukuba “akukho owakhe wambona uThixo nangaliphi na ixesha, ngaphandle, kokuba unike ubungqina boNyana.” (bona Yohane 1:18, umbhalo osemazantsi c ). Cinga ngokuhlola le mizekelo ilandelayo apho uThixo uBawo waviwa khona enikela ubungqina ngoNyana: Mateyu 3:17; 17:5; 3 Nifayi 11:6–7; IMbali—kaJoseph Smith 1:17.

Kutheni kuyintsikelelo ukubanazo ezi ngxelo? Zikufundisa ntoni malunga nobudlelwane bukaYesu Krestu noYise?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Umfanekiso
intombazana efunda izibhalo

Njengokuba sifunda izibhalo, siya kufumana impembelelo yobomi bethu.

Yohane 1:4–10.Ungalunceda njani usapho lwakho lube nomfanekiso-ngqondweni woko likufundayo ngokukhanya kule miqolo? Ningavumela amalungu osapho ukuba atshintshane ngokukhanyisa isibane kwigumbi elimnyama kwaye abelane ngendlela uMsindisi akukuKhanya ngayo kobomi bawo . Emva koko, njengoko nifunda Yohane 1:4–10, amalungu osapho anganokuqonda okongezelelekileyo kubungqina bukaYohane ngoYesu Krestu, ukuKhanya kweHlabathi.

Yohane 1:35–36.Kutheni kusenokwenzeka ukuba uYohane uMbhaptizi wambiza uYesu ngokuthi “yiMvana kaThixo”?

Yohane 1:35-46.Zazithini iziphumo zobungqina bukaYohane? Usapho lwakho lungafunda ntoni ebantwini abachazwe kule miqolo ngendlela yokwabelana ngevangeli?

Yohane 1:45–51.Wenza ntoni uNataniyeli eyamnceda ukuba afumane ubungqina boMsindisi? Mema amalungu osapho ukuba athethe ngendlela abufumene ngayo ubungqina bawo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yabelana ngezifundo ezifundiswa ngomzekelo. Mema amalungu osapho ukuba afumane izinto awanokuzisebenzisa ukuwanceda aqonde imigaqo efumaneka kwezi zibhalo nizifundayo nilusapho. Umzekelo, anokusebenzisa ikhandlela ukubonisa ukuKhanya kukaKrestu (bona Yohane 1:4).

Umfanekiso
UYesu Krestu edala umhlaba

Jehovah Creates the Earth [UYehova Udala Umhlaba], nguWalter Rane

Shicilela