ITestamente eNtsha 2023
EyoMqungu 9–15. Mateyu 2; Luka 2: Size kumNqula


“EyoMqungu 9–15. Mateyu 2; Luka 2: Size kumNqula,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMqungu 9–15. Mateyu 2; Luka 2,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
Izazi zihamba ngeenkamela

Let Us Adore Him [Masimthande], nguDana Mario Wood

EyoMqungu 9–15

Mateyu 2; Luka 2

Size kumNqula

Njengoko ufunda Mateyu 2 noLuka 2, nika ingqalelo kuko nakuphi na ukuqonda kokomoya okufumanayo. Iingcebiso zokufunda kwesi sishwankathelo zingakunceda uchonge imigaqo ebalulekileyo kunye nefanelekileyo kwezi zahluko.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukusukela ngomhla wokuzalwa kwaKhe, kwakucacile ukuba uYesu wayengengomntwana oqhelekileyo. Yayingeyonkwenkwezi nje entsha emazulwini okanye isibhengezo esivuyisayo sengelosi esenza ukuba ubuntwana bukaYesu buphawuleke. Yayiyinyani yokuba abantu abahlukeneyo abathembekileyo—abavela kwiintlanga ezahlukeneyo, nemisebenzi eyahlukeneyo, kunye neemvelaphi ezahlukeneyo—baziva betsaleleka kuYe. Kwanangaphambi kokuba avakalise isimemo saKhe esithi “uze, undilandele,” beza (Luka 18:22). Asinguye wonke umntu oweza kuYe, ngokuqinisekileyo. Kwakukho abaninzi abangazange bamnike Yena ingqalelo, kwaye nomlawuli onomona wazungula nobomi baKhe. Kodwa abathobekileyo, abamsulwa, abazinikeleyo abafuna ubulungisa bambona ukuba Yena ngengoko wayenguYe—uMesiya wabo othenjisiweyo. Ukuzinikela kwabo kukhuthaza okwethu, kuba “iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu” eziziswe kubelusi zazenzelwe “abantu bonke,” kwaye “uMsindisi, onguKrestu iNkosi” wazalelwa ngaloo mini kuthi sonke (bona Luka 2:10–11).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Luka 2:1–7

UYesu Krestu wazalwa kwiimeko ezithobekileyo.

Nangona uYesu Krestu wazukiswa noThixo uYise “lingekabikho ihlabathi” (Yohane 17:5), Yena wavuma ukuzalwa kwiimeko ezithobekileyo kwaye aphile phakathi kwethu emhlabeni. Njengoko ufunda Luka 2:1–7, cinga nzulu ukuba le ngxelo yokuzalwa kwaKhe ikufundisa ntoni ngaYe. Zama ukuchonga iinkcukacha okanye ukuqonda kweli bali ongakhange uziqaphele ngaphambili. Ukuqaphela ezi zinto kuzichaphazela njani iimvakalelo zakho ngakuYe?

Mateyu 2:1–12; Luka 2:8–38

Kukho amangqina amaninzi okuzalwa kukaKrestu.

Ukuzalwa kunye nobuntwana bukaKrestu kwaphawulwa ngamangqina kunye nabanquli abavela kwiinkalo ezininzi zobomi. Njengoko uhlola amabali abo, ufunda ntoni ngeendlela zokunqula nokungqina ngoKrestu?

UBungqina bukaKrestu

Ndifunda ntoni ngokunqula nokungqina ngoKrestu?

UBungqina bukaKrestu

Abelusi (Luka 2:8–20)

Ndifunda ntoni ngokunqula nokungqina ngoKrestu?

UBungqina bukaKrestu

Simon (Luka 2:25–35)

Ndifunda ntoni ngokunqula nokungqina ngoKrestu?

UBungqina bukaKrestu

Ana (Luka 2:36–38)

Ndifunda ntoni ngokunqula nokungqina ngoKrestu?

UBungqina bukaKrestu

Izazi (Mateyu 2:1–12)

Ndifunda ntoni ngokunqula nokungqina ngoKrestu?

Bona kananjalo 1 Nifayi 11:13–23; 3 Nifayi 1:5–21.

Mateyu 2:13–23

Abazali banokufumana isityhilelo sokukhusela iintsapho zabo.

UYosefu wayenganukuyenza into awayeyiceliwe ukuba ayenze—ukukhusela uYesu ebuntwaneni baKhe—ngaphandle koncedo lwasezulwini. NjengeZazi, waye wafumana isityhilelo esamlumkisayo ngengozi. Njengoko ufunda ngamava kaYosefu kuMateyu 2:13–23, cinga ngeengozi zokwenyama nezokomoya esijamelana nazo namhlanje. Cinga nzulu ngamava xa weva ukhokelo lukaThixo ekukukhuseleni wena kunye nabantu obathandayo. Cinga ngokwabelana nabanye ngala mava. Ungenza ntoni ukufumana ukhokelo olunje kwixa elizayo?

Luka 2:40–52

Nangona wayeselulutsha, uYesu wayejolise ekwenzeni intando kaYise.

Njengomfana oselula, uMsindisi wafundisa ivangeli ngendlela enamandla kangangokuba nabafundisi etempileni babemangalisiwe “yingqondo yakhe neempendulo zakhe” (Luka 2:47). Ufunda ntoni kule miqolo ngoMsindisi njengomfana oselula? Abantu abancinane obaziyo bazama njani “kukuba babe semicimbini kaBawo [wabo]”? (Luka 2:49). Ulutsha nabantwana bakuncede njani ukuba ufumane ukuqonda okunzulu ngevangeli? Yintoni enye oyifundayo kumzekelo wobuntwana bukaYesu kuLuka 2:40–52 kunye nakuGuqulelo lukaJoseph Smith, Mateyu 3:24–26 (kwisiKhokelo kwiZibhalo)?

Umfanekiso
UYesu eyinkwenkwana nabafundisi etempileni

“Beningazi ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?” (Luka 2:49).

Yintoni uGuqulelo lukaJoseph Smith?

Ngenxa yokuba iinyaniso “ezicacileyo nezixabisekileyo” zalahleka eBhayibhileni ukutyhubela iinkulungwane yeminyaka (1 Nifayi 13:28; bona kananjalo Moses 1:41), iNkosi yayalela uJoseph Smith ukuba enze uhlaziyo oluphenjelelweyo lweBhayibhile, olwaziwa ngokuba luGuqulelo lukaJoseph Smith. Uphengululo oluninzi olwenziwe nguMprofeti luqukiwe kwisihlomelo sohlelo lwezibhalo zabaNgcwele beMihla yokuGqibela. UGuqulelo lukaJoseph Smith lukaMateyu 24, olwaziwa njengeJoseph Smith—Mateyu, lunokufumaneka kwiPerile yeXabiso eliKhulu. Ngolwazi oluthe kratya, bona “uGuqulelo lukaJoseph Smith (GST)” kwisiKhokelo kwiZibhalo.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Luka 2.Mema amalungu osapho ukuba akhethe umntu ochazwa kuLuka 2, afunde imiqolo embalwa malunga nokunxibelelana kwaloo mntu noMsindisi, kwaye abelane ngento awayifundileyo eyonyusa ukholo lwawo kuYesu Krestu.

Cinga ngendlela ubugcisa obunokuyiphucula ngayo ingxoxo yenu ngokuzalwa kukaKrestu. (Umzekelo, bona Gospel Art Book okanye history.ChurchofJesusChrist.org/exhibit/birth-of-Chris.)

Mateyu 2:1–12.Sifunda ntoni malunga nokukhangela nangokufumana uMsindisi kumzekelo weZazi?

Luka 2:41-49.Yintoni “imicimbi kaBawo”?  (Luka 2:49; bona Moses 1:39. Sifunda ntoni malunga nala micimbi kwibali elikuLuka 2:41–49? Cinga ngokubhala phantsi ezinye zeendlela usapho lwakho olunokuthatha inxaxheba ngayo kwimicimbi kaBawo kwaye uzifake kwingqayi. Kule veki izayo, njengoko usapho lwakho lukhangela iindlela zokunceda kumsebenzi kaBawo waseZulwini, lunokukhetha iingcebiso engqayini. Cebani ixesha eniyakwabelana ngalo ngamava enu.

Luka 2:52.Yintoni esinokuyifunda kuLuka 2:52 malunga nendlela akhule ngayo uYesu ebomini baKhe? Zeziphi iinjongo zobuqu okanye zosapho esinokuzibekela zona ukuba sande “ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu”?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Sebenzisa uncedo lwezifundo lwezibhalo. Ukufumana ukuqonda okongezelelekileyo njengoko ufunda izibhalo, sebenzisa izixhobo ezifana nemibhalo esemazantsi, IsiKhokelo kwiZibhalo, kunye nolunye uncedo lwezifundo olufumaneka ku-ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
UMariya, uYosefu nosana olunguYesu

UMsindisi wehlabathi weza emhlabeni kwiimeko ezithobekileyo.

Shicilela