ITestamente eNtsha 2023
EyoMqungu 2–8. Mateyu 1; Luka 1: “MakweNzeke Kum ngokweLizwi laKho”


“EyoMqungu 2–8. Matthew 1; Luke 1: ‘MakweNzeke Kum ngokweLizwi laKho,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMqungu 2–8. Matthew 1; Luke 1,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UMariya noElizabhete

EyoMqungu 2–8

Mateyu 1; Luka 1

“MakweNzeke Kum ngokweLizwi laKho”

Njengoko ufunda kwaye ucinga nzulu ngoMateyu 1 noLuka 1, bhala iimvakalelo zokomoya ozifumanayo. Zeziphi iinyaniso zemfundiso ozifumanayo? Yeyiphi imiyalezo eya kuba yeyona inexabiso kakhulu kuwe nakusapho lwakho? Iingcebiso zokufunda kwesi sishwankathelo zinokukunceda ufumane ukuqonda okongezelelekileyo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukusuka kwimbono yasemhlabeni, yayingenakwenzeka. Intombi engazani nandoda yayingenakukhawula—okanye umfazi olidlolo owayesele edlule kwiminyaka yokuzala. Kodwa uThixo wayenecebo lokuzalwa koNyana waKhe kunye nokuzalwa kukaYohane uMbhaptizi, ke bobabini uMariya noElizabhete, ngokuchasene nazo zonke iingxaki zomhlaba, baba ngoomama. Kunokuba luncedo ukukhumbula amava abo angummangaliso nanini na xa sijamelana nento ebonakala ingenakwenzeka. Ingaba sinako ukuboyisa ubuthathaka bethu? Ingaba sinokuchukumisa intliziyo yelungu losapho elingasabeliyo? UGabriyeli wayenokuthetha ngokulula nathi xa wayekhumbuza uMariya, “Ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo” (Luka 1:37). Impendulo kaMariya inokuba yeyethu xa uThixo etyhila intando yaKhe: “MakweNzeke Kum ngokweLizwi laKho” (Luka 1:38).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Babengoobani uMateyu noLuka?

UMateyu wayengumbuthi werhafu ongumYuda, okanye umqokeleli werhafu, owabizwa nguYesu njengomnye wabaPostile baKhe (bona Mateyu 10:3; bona kananjalo ,Bible Dictionary “Publicans”). UMateyu wabhala iVangeli yakhe ubukhulu becala eyibhalela oogxa bakhe bamaYuda; ngako oko, wakhetha ukugxininisa iziprofeto zeTestamente eNdala ezingoMesiya ezazalisekiswa kubomi nakubulungiseleli bukaYesu.

ULuka wayengugqirha weNtlanga (ongengoYuda) owayehamba nomPostile uPawulos. Wabhala iVangeli yakhe emva kokufa koMsindisi ikakhulu ebhalela abaphulaphuli ababengengomaYuda. Wangqina ngoYesu Krestu njengoMsindisi wabo bobani abeeNtlanga namaJuda. Wabhala iingxelo zamangqina aziboneleyo ngeziganeko zobomi boMsindisi, kwaye waquka amabali amaninzi awabandakanya abafazi xa kuthelekiswa nezinye iincwadi zeVangeli.

Bona kananjalo ISikhokelo kwiZibhalo, “iiVangeli,” “Mateyu,” “Luka.”

Mateyu 1:18–25; Luka 1:26–35

UYesu Krestu wazalwa ngumama ofayo kunye noBawo ongenasiphelo.

KuMateyu 1:18–25 kunye noLuka 1:26–35, phawula indlela uMateyu noLuka abawuchaza ngayo ummangaliso wokuzalwa kukaYesu. Iinkcazo zabo zilomeleza njani ukholo lwakho kuMsindisi? Kutheni kubalulekile kuwe ukuba wazi ukuba uYesu wayenguNyana kaThixo nonyana kaMariya?

UMongameli Russell M. Nelson wacacisa ukuba iNtlawulelo kaYesu Krestu “yayifuna idini lobuqu bomntu ongenasiphelo ongekho phantsi kokufa. Kanti ke kufuneka afe kwaye athabathe owaKhe umzimba kwakhona. UMsindisi wayenguye kuphela owayenokukuphumeza oku. KuMama waKhe wafumana Yena amandla okufa. KuYise Yena wafumana amandla phezu kokufa” (“Constancy amid Change,” Ensign, Nkanga. 1993, 34).

Luka 1:5–25, 57–80

Iintsikelelo zikaThixo ziza ngexesha laKhe.

Ukuba ufumanisa ukuba kufuneka ulinde intsikelelo okanye ukuba kubonakala ngathi uThixo akayiphulaphuli imithandazo yakho, ibali lika-Elizabhete noZekariya linokuba sisikhumbuzo sokuba Yena akakulibalanga. Njengokuba uMdala Jeffrey R. Holland ethembisile: “Ngelixa sisebenza silinde kunye iimpendulo zeminye yemithandazo yethu, ndininika isithembiso sam sobupostile sokuba iyaviwa kwaye iyaphendulwa, nangona mhlawumbi kungekho ngoloxesha okanye ngendlela besifuna ngayo. Kodwa isoloko iphendulwa ngelo xesha nangendlela umzali owazi zonke izinto kanaphakade nonovelwano afanele ayiphendule ngayo” (“Waiting on the Lord,” Liahona, Nkanga. 2020, 115–16). UZekariya noElizabete bahlala njani benyanisekile? (bona Luka 1:5–25, 57–80). Ingaba uzifumana ulindele intsikelelo? Ucinga ukuba iNkosi ilindele ntoni kuwe ngelixa ulindileyo?

Umfanekiso
U-Elizabhete noZekariya benomntwana uYohane

Emva kokulinda ngokunyaniseka, uElizabhete noZekariya basikelelwa ngonyana.

Mateyu 1:18–25; Luka 1:26–38

Abanyanisekileyo bazithoba ngokuzithandela kwintando kaThixo.

NjengoMariya, ngamanye amaxesha sifumanisa ukuba amacebo kaThixo ngobomi bethu ahluke kakhulu kwinto ebesiyicebile. Ufunda ntoni kuMariya ngokwamkela intando kaThixo? Kuluhlu olulandelayo, bhala iintetha ezivela kwingelosi nakuMariya (bona Luka 1:26–38), kunye nemiyalezo oyifumana kwiintetha zabo:

Amazwi engelosi kuMariya

Umyalezo wam

Amazwi engelosi kuMariya

“INkosi inawe” (umqolo 28).

Umyalezo wam

INkosi iyayazi imeko yam neenzame zam.

Amazwi engelosi kuMariya

Umyalezo wam

Amazwi engelosi kuMariya

Umyalezo wam

Ukuphendula kukaMariya

Umyalezo kum

Ukuphendula kukaMariya

“Ingenzeka njani le nto?” (umqolo 34).

Umyalezo kum

KULUNGILE ukubuza imibuzo ukuze uqonde ngcono intando kaThixo.

Ukuphendula kukaMariya

Umyalezo kum

Ukuphendula kukaMariya

Umyalezo kum

Njengoko ufunda ngomzekelo wobulungisa kaYosefu kuMateyu 1:18–25, ufunda ntoni ngokwamkela intando kaThixo? Kokuphi ukuqonda okongezelelekileyo okufunda kumava kaZekariya noElizabhete? (bona Luka 1).

 Bona kananjalo Luke 22:42; ISikhokelo kwiZibhalo, “Gabriyeli.”

Luka 1:46–55

UMariya wangqina ngomsebenzi kaYesu Krestu.

Amazwi kaMariya kuLuka 1:46–55 axela kwangaphambili imiba yomsebenzi woMsindisi. Ufunda ntoni ngoYesu Krestu kwiintetha zikaMariya? Usenokuthelekisa le miqolo kunye namazwi kaHana ku-1 Samuweli 2:1–10 kunye neZibhengezo zoYolo zikaYesu kuMateyu 5:3–12. Ukufundisa ntoni uMoya ngengoko ucinga nzulu ngale miqolo?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 1:1–17.Njengoko usapho lwakho lufunda ngomlibo wokuzalwa kukaYesu, ningaxoxa ngembali yosapho lwenu kwaye nabelane ngamabali malunga nookhokho benu. Ukwazi ngembali yosapho lwakho kulusikelela njani usapho lwakho?

Mateyu 1:20; Luka 1:11–13, 30.Kutheni kusenokokuba abantu abakule miqolo babesoyika? Yintoni esibangela sizive sisoyika? UThixo usimema njani ukuba “musa ukoyika”?

Luka 1:37.Ukunceda usapho lwakho lwakhe ukholo lokuba ““Ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo,” ningakhangela Luka 1 kunye kwaye nifumane izinto azenzileyo uThixo ezinokubonwa njengezingenakwenzeka. Ngawaphi amanye amabali esinokwabelana ngawo—asuka kwizibhalo okanye ebomini bethu—apho uThixo wenza khona izinto ezibonakala zingenakwenzeka? Ukukhangela kwi Gospel Art Book kunokubonelela ngeengcebiso.

Luka 1:46–55.Zeziphi ezinye “zezinto ezinkulu” uMsindisi asenzele zona? Kungathetha ntoni kwimiphefumlo yethu “ukuyenza nkulu iNkosi”?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Zisebenzise izibhalo ebomini bakho. Emva kokufunda umhlathi wezibhalo, mema amalungu osapho ukuba awusebenzise kubomi bawo (bona Teaching in the Savior’s Way21). Umzekelo, amalungu osapho anokuzisebenzisa njani izinto azifundayo kuMateyu 1 noLuka 1 malunga nokuphendula ubizo lweNkosi?

Umfanekiso
UGabriyeli ubonakala kuMariya

Blessed Art Thou among Women [Usikelelwe Wena phakathi kwaBafazi], nguWalter Rane

Shicilela