ITestamente eNtsha 2023
EyoMqungu 30–EyoMdumba 5. Mateyu 4; Luka 4–5: “UMoya weNkosi Uphezu Kwam”


“EyoMqungu 30–EyoMdumba 5. Mateyu 4; Luka 4–5: ‘UMoya weNkosi Uphezu Kwam,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMqungu 30–EyoMdumba 5. Mateyu 4; Luka 4–5,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu eme entlango

Into the Wilderness, ngu-Eva Koleva Timothy [Ukuya eNtlango]

EyoMqungu 30–EyoMdumba 5

Mateyu 4; Luka 4–5

“UMoya weNkosi Uphezu Kwam”

UMsindisi wasebenzisa zombini izibhalo ukuxhathisa izihendo zikaSathane nokungqina ngomsebenzi waKhe wobuthixo (bona Luka 4:1–21). Cinga nzulu ngokuba izibhalo zingalokha njani ukholo lwakho nolomelelo lwakho lokuchasa isihendo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukusukela kubutsha baKhe, uYesu wayebonakala esazi ukuba Yena wayenomsebenzi okhethelikeyo nongcwele. Kodwa njengoko uYesu wayelungiselela ukuqala ubulungiseleli baKhe basemhlabeni, utshaba lwalufuna ukutyala intandabuzo engqondweni yoMsindisi. “Ukuba unguNyana kaThixo,” uSathane watsho (Luka 4:3, amagama akekeleyo ongezelelwe). Kodwa uMsindisi wayeqhagamshelene noBawo waKhe oseZulwini. Yena wayezazi izibhalo ezingcwele, kwaye Yena wayezazi ukuba ungubani na. KuYe, umnikelo kaSathane—“Ndokunika bonke obu bukhosi” (Luka 4:6)—wayenganyanisekanga, kuba ulungiselelo lobomi bonke boMsindisi lwamvumela ukuba Yena afumane “amandla oMoya” (Luka 4:14). Ngoko ke ngaphandle kwesihendo, izilingo, nokwaliwa, uYesu Krestu akazange ahexe kumsebenzini waKhe awayewunikiwe: “Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba zobukumkani bukaThixo … ngokuba ndithunyelwe oko” (Luka 4:43).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 4:1–2

Ukuqhagamshelana noThixo kundilungiselela ukuba ndimkhonze Yena.

Ukulungiselela umsebenzi waKhe, uYesu waya entlango ukuba “kunye noThixo”(uGuqulelo lukaJoseph Smith, Mateyu 4:1 [kuMateyu 4:1, igama elisezantsi b ]). Cinga ngoko ukwenzayo ukuze uzive usondele kuThixo. Ingaba oku kukulungiselela kanjani kumsebenzi Yena afuna ukuba uwenze?

Mateyu 4:1–11; Luka 4:1–13

UYesu Krestu wandibekela umzekelo ngokuchasa isihendo.

Ngamanye amaxesha abantu baziva benetyala xa behendwa sisono. Kodwa nkqu noMsindisi, owayephila “engenasono” (AmaHebhere 4:15), waye wahendwa. UYesu Krestu uyazazi izihendo esijongene nazo kunye nendlela yokuzoyisa (bona AmaHebhere 2:18; Alma 7:11–12).

Njengoko ufunda Mateyu 4:1–11 noLuka 4:1–13, yintoni oyifundayo enokukunceda xa ujongene nezihendo? Ungalungiselela iingcinga zakho kwitafile efana nale:

UYesu Krestu

Mna

UYesu Krestu

Yintoni uSathana awayehenda uKrestu ukuba ayenze?

Mna

Yintoni uSathana andihenda ukuba ndiyenze?

UYesu Krestu

Ingaba uKrestu walungiselela kanjani ukuchasana nesihendo?

Mna

Ndingalungiselela njani ukuchasana nesihendo?

UYesu Krestu

Mna

Zeziphi iimbono ezongezelelweyo ozizuza kuGuqulelo lukaJoseph Smith kaMateyu 4? (bona amagama asezantsi kuMateyu 4 wonke).

Bona kananjalo 1 AbaseKorinte 10:13; Alma 13:28; Moses 1:10–22.

Luka 4:16–32

UYesu Krestu nguMesiya okwakuprofethwe ngaye.

Ukuba ubungacelwa ukuba uchaze oko uYesu Krestu wayethunyelwe ukuba akwenze emhlabeni, ubungathini? Ngokucaphula esinye seziprofetho zika-Isaya esimalunga noMesiya, uMsindisi wayechaza iindima zomsebenzi waKhe (bona Luka 4:18–19; Isaya 61:1–2). Yintoni oyifunda malunga nomsebenzi waKhe njengoko ufunda le miqolo?

Zeziphi ezinye iindlela uMsindisi akumemela ngazo ukuba uthathe inxaxheba emsebenzini waKhe?

Umfanekiso
UYesu eme kwindlu yesikhungu

Nangona amaYuda ayelindele iinkulungwane ngeenkulungwane ukuba isiprofeto sika-Isaya sizalisekiswe, amaninzi awazange amkele ukuba uYesu wayenguMesiya njengoko wayebhengeza, “Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu” (Luka 4:21). Njengoko ufunda Luka 4:20–30 (bona kanjalo Marko 6:1–6), zama ukuzifaka endaweni yabantu baseNazarete. Ingaba ikhona nantoni na enokuthintela ekubeni wamkele uKrestu ngokupheleleyo njengoMsindisi wakho wobuqu?

Bona kananjalo Mozaya 3:5–12.

Mateyu 4:18–22; Luka 5:1–11

Njengoko ndithembela eNkosini, Yona ingandinceda ndifikelele emandleni wam obuthixo.

UMongameli Ezra Taft Benson wafundisa, “Amadoda nabafazi abajikela ubomi babo kuThixo baya kufumanisa ukuba Yena angenza okuninzi ngakumbi ebomini babo kunoko bona bangakwenza” (Teachings of Presidents of the Church: Ezra Taft Benson [2014], 42). Qaphela oku ukuba kwenzeka njani kuSimon Petros nakoogxa bakhe ababengabalobi. UYesu wayebona okuthile okukhulu kubo kunoko bona babekubona kubo. Yena wayefuna ukubenza “ababambisi babantu”(Mateyu 4:19; bona kananjalo Luka 5:10).

Njengoko ufunda Mateyu 4:18–22 noLuka 5:1–11, cinga nzulu ngoko uYesu Krestu akunceda ukuba ube kuko? Umve kanjani Yena ekumemela ukuba umlandele? Ungayibonisa kanjani iNkosi ukuba uyalangazelela ukushiya zonke izinto ukuze ulandele Yona? (bona Luka 5:11).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 4:1–2; Luka 4:1–2.Zeziphi iimbono esingazizuza kule ngxelo malunga namandla wokuzila? Amalungu osapho angabelana ngamava awawanowo okuzila. Mhlawumbi ningenza izicwangciso ngokuthandaza zokuzila kunye nisenzela injongo ethile.

Mateyu 4:3–4; Luka 4:3–4.Xa uSathana wayehenda uKrestu ukuba ajike ilitye libe sisonka, wayecela umngeni wesazisi sobuthixo sikaKrestu ngokuthi “Ukuba unguNyana kaThixo” (Mateyu 4:3, amagama akekeleyo ongezelelwe). Kutheni uSathana ezama ukusithandabuzisa isazisi sethu sobuthixo—nesoMsindisi? Ingaba uzama ukukwenza njani oku? (Bona kananjalo Moses 1:10–23.)

UGuqulelo lukaJoseph Smith, Mateyu 4:11.Emva kokuba uYesu wayevavanyiwe ngokwasenyameni nasemoyeni, iingcinga zaKhe zajikela kwiimfuno zikaYohane uMbhaptizi, owayesentolongweni: “UYesu wayesazi ukuba uYohane wayephoselwe entolongweni, waye wathumela iingelosi, kwaye yabonani, zeza kuye zaze zamlungiselela [uYohane]” (UGuqulelo lukaJoseph Smith, Mateyu 4:11 [ku Mateyu 4:11, igama elisezantsi a ). Sisikeleleka njani njengoko silandela umzekelo kaKrestu wokucingela abanye?

Luka 4:16–21.Ingaba ukhona nabanina esimaziyo ophuke intliziyo okanye ofuna “ukukhululeka”? (Luka 4:18). Singabanceda njani abanye bafumane impiliso nenkululo yoMsindisi? Nisenokuxoxa ngokuba ukwenza imimiselo yasetempileni kunganceda kuzise njani “inkululeko kubathinjwa” (Luka 4:18).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Phila ivangeli kaYesu Krestu. “Mhlawumbi eyona nto ibaluleke kakhulu onokuyenza [njengomzali okanye njengotitshala] … kukuphila ivangeli ngentliziyo yakho yonke. … Le yeyona ndlela iphambili yokufanelekela ubuqabane boMoya oyiNgcwele. Akunyanzelekanga ukuba ugqibelele, ukuzama nje ngenkuthalo—kunye nokufuna uxolelo ngeNtlawulelo yoMsindisi naninina xa ukhubeka” (Teaching in the Savior’s Way,, 13).

Umfanekiso
UYesu ebiza abaPostile ukuba babe ngababambisi babantu

Christ Calling the Apostles James and John, Edward Armitage (1817–96)/Sheffield Galleries and Museums Trust, UK/© Museums Sheffield/The Bridgeman Art Library International [UKrestu Ebiza AbaPostile uYakobi noYohane]

Shicilela