ITestamente eNtsha 2023
EyoMdumba 20–26. Mateyu 6–7: “EbeziFundisa njeNgoneGunya”


“EyoMdumba 20–26. Mateyu 6–7: ‘EbeziFundisa njeNgoneGunya,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMdumba 20–26. Mateyu 6–7,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu efundisa ngaselunxwemeni lolwandle

Jesus Teaching the People by the Seashore [UYesu efundisa abantu ngaselunxwemeni lolwandle], nguJames Tissot

EyoMdumba 20–26.

Mateyu 6–7

“EbeziFundisa njeNgoneGunya”

Xa sifunda izibhalo sinombuzo engqondweni kwaye sinomnqweno onyanisekileyo wokuqonda ukuba yintoni uBawo waseZulwini afuna ukuba siyazi, simema uMoya oyiNgcwele ukuba usiphembelele. Njengoko ufunda Mateyu 6–7, nika ingqalelo kwezi mvakalelo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

INtshumayelo yaseNtabeni yenye yezona ntetho zaziwayo kubuKrestu. UMsindisi wafundisa ngemifanekiso etyebileyo, enjengesixeko esimi phezu kwenduli, iinyibiba zasendle, kunye neengcuka ezizenze ngathi ziigusha. Kodwa iNtshumayelo yaseNtabeni ingaphezulu lee kunentetho emnandi. Amandla eemfundiso zoMsindisi kubafundi baKhe angabutshintsha ubomi bethu, ngakumbi xa siphila ngazo. Ke amazwi aKhe aba ngaphezu kwamazwi; aba sisiseko esiqinisekileyo sobomi, njengendlu yesilumko, esinokumelana nemimoya kunye nezikhukula zehlabathi (bona Mateyu 7:24–25).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 6–7

Ukuphila iimfundiso zoMsindisi kungandinceda ndifane naYe.

INtshumayelo yaseNtabeni iqulethe imigaqo emininzi yevangeli. Njengoko ufunda ezi zahluko, buza iNkosi ukuba yintoni Yona efuna ukuba uyifunde.

Umgaqo omnye onokuwufumana uyimfuneko yokubeka phambili izinto zikaThixo ngaphezu kwezinto zehlabathi. Zeyiphi iimfundiso zoMsindisi ekuMateyu 6–7 ezikunceda uqwalasele kwizinto zasezulwini? Zeziphi ezinye iingcinga okanye iimvakalelo onazo? Yintoni ophenjelelwa ukuba uyenze? Cinga ngokubhala iimvakalelo zakho. Umzekelo:

Mateyu 6:1–4

Ndifuna ukukhathalela ngakumbi indlela uThixo acinga ngayo ngam kunokuba abanye bacinga ntoni.

Omnye umgaqo kuMateyu 6–7 ngumthandazo. Thatha umzuzwana uhlolisise imithandazo yakho. Uziva ukuba wenza njani kwiinzame zakho zokusondela kuThixo ngomthandazo? Zeziphi iimfundiso kuMateyu 6–7 ezikukhuthaze ukuba uphucule indlela othandaza ngayo? Bhala iimvakalelo ozifumanayo. Umzekelo:

Mateyu 6:9

Xa ndithandaza, ndifuna ukuphatha igama likaBawo waseZulwini ngentlonipho.

Mateyu 6:10

Xa ndithandaza, ndingavakalisa umnqweno wam wokuba intando yeNkosi iya kwenziwa.

Usenokucinga ngokufunda iNtshumayelo yaseNtabeni kwakhona, ukhangele eminye imigaqo okanye imiyalezo ephindaphindwayo esebenza ngokukodwa kuwe. Bhala okufumanayo kwincwadi yengxelo yangemihla ngemihla yokufunda, kunye neengcinga zakho neemvakalelo zakho.

Umfanekiso
usapho luyathandaza

Sinokusondela kufuphi kuThixo ngomthandazo.

Mateyu 6:7

Kuthetha ukuthini ukusebenzisa “milembelele ingeyanto” ekuthandazeni?

Abantu bahlala beqonda “milembelele ingeyanto” ukuba ithetha ukuphindaphinda amagama afanayo ngokuphindaphindiweyo. Kanti, igama iingeyanto linokuchaza into engenaxabiso. Ukusebenzisa “milembelele ingeyanto” emthandazweni kunokuthetha ukuthandaza ngaphandle kokunyaniseka (bona Alma 31:12–23).

Mateyu 7:1–5

Ndingagweba ngobulungisa.

KuMateyu 7:1, uMsindisi angabonakala ngathi uthi akufuneki sigwebe, kodwa kwezinye izibhalo (kuquka neminye imiqolo kwesi sahluko), Yena usinika imiyalelo ngendlela yokugweba. Ukuba oko kubonakala kunzima, uGuqulo lukaJoseph Smith lwalo mqolo lunokunceda: “Musani ukugweba ngokungalungileyo, ningagwetywa; kodwa gwebani ngomgwebo olungisayo”(kuMateyu 7:1,umbhalo osemazantsi a ). Ufumana ntoni kuMatthew 7:1–5, kunye nakwisahluko sonke, ekunceda ukuba ukwazi njani ukuba “gwebani ngomgwebo olungisayo”?

Mateyu 7:21–23

Ndiye ndimazi uYesu Krestu ngokwenza intando yaKhe.

Ibinzana elithi “Andizange ndinazi” kuMateyu 7:23 latshintshwa kuGuqulelo lukaJoseph Smith laba ngu “Anizange nindazi” (Mateyu 7:23, umbhalo osemazantsi a ). Olu tshintsho lukunceda njani ukuba ukuqonde ngcono oko kwafundiswa yiNkosi kwimiqolo 21–22 ngokwenza intando yaYo? Uziva kakuhle kangakanani ukuba uyayazi iNkosi? Yintoni ongayenza ukuze umazi ngcono?

Mateyu 7:24–27

Ukuthobela iimfundiso zoMsindisi kudala isiseko esiqinileyo ebomini bam.

Ukuphila ivangeli akususi bunzima ebomini bethu. Zombini ezi zindlu kumzekeliso woMsindisi kuMateyu 7:24–27 zehlelwa sisaqhwithi esifanayo. Kodwa enye yezindlu yakwazi ukumelana naso. Ukuphila iimfundiso zoMsindisi kukwenzele njani isiseko esiqinileyo kuwe? Yintoni oziva uphembelelekile ukuba uyenze ukuqhubeka nokwakha “elulwalweni indlu”? (bona umqolo 24).

Bona kananjalo Hilamani 5:12.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 6–7.

Mateyu 6:5–13.Singafunda ntoni ngomthandazo kwindlela uMsindisi athandaza ngayo? Singawusebenzisa njani umthandazo waKhe njengomzekelo ukuphucula imithandazo yethu yobuqu kunye neyosapho? Bona kananjalo Luka 11:1–13.) Ukuba unabantwana abancinane, ninokuziqhelanisa nokuthandaza kunye.

Mateyu 6:33.Kuthetha ntoni ukuba “funani ke tanci … ubukumkani bukaThixo”? Sikwenza njani oku njengomntu ngamnye kunye nanjengosapho?

Mateyu 7:1–5.Ukuze ube nomfanekiso ngqondweni weemfundiso kule miqolo, usapho lwakho lungafumana isuntswana (isiqwenga sokhuni esincinci) kunye nomqadi (isiqwenga esikhulu sokhuni). Ukuthelekisa ezi zinto zimbini kusifundisa ntoni ngokugweba abanye?

Mateyu 7:24–27.Ukunceda usapho lwakho luqonde ngcono umzekeliso woMsindisi wendoda elumkileyo kunye nendoda esisidenge, ungabavumela ukuba bagalele amanzi entlabathini kwaye emva koko naphezu kolwalwa. Singazakhela njani iziseko zethu zokomoya elityeni?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yabelana ngokuqonda. Ukuxoxa ngemigaqo oyifunda kwisifundo sakho sobuqu akuyiyo indlela elungileyo kuphela yokufundisa abanye; ikwanceda ngokomeleza ukuqonda kwakho. Zama ukwabelana ngomgaqo owufundileyo kule veki kunye nelungu losapho okanye kwiiklasi zakho zeBandla.

Umfanekiso
UYesu ethandaza

I Have Prayed for Thee [Mna Ndikhungile Ngawe], nguDel Parson

Shicilela