ITestamente eNtsha 2023
EyoMdumba 6–12. Yohane 2–4: “Nimelwe Kukuthi Nizalwe Ngokutsha”


“EyoMdumba 6–12. Yohane 2–4: ‘Nimelwe Kukuthi Nizalwe Ngokutsha,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMdumba 6–12. Yohane 2–4,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu ethetha noNikodemo

EyoMdumba 6–12

Yohane 2–4

“Nimelwe Kukuthi Nizalwe Ngokutsha”

Njengokuba ufunda Yohane 2–4, uMoya uya kukufundisa izinto ezimalunga nenguquko eyeyakho. Zithathele ingqalelo iinkcukumiso zaWo. Usenokufumana iingqiqo ezongezelelweyo zokomoya ezivela kwiingcinga zesifundo esikwesi sishwankathelo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwisidlo somtshato eKana, uKrestu waguqula amanzi aba yiwayini—isiganeko uYohane awasibiza ngokuba “kukuqaleka kwemiqondiso” (Yohane 2:11). Oko kuyinyaniso ngeendlela ezininzi. Xeshikweni lo yayingummangaliso wokuqala uYesu awawenza esidlangalaleni, usenokubonisa esi isiqalo esimangalisayo—inkqubo yeentliziyo zethu ziguqulwa njengoko sifana noMsindisi wethu ngakumbi. Lo mmangaliso wobomi bonke uqala ngesigqibo sokulandela uYesu Krestu, ukutshintsha nokuphila ubomi obungcono ngaYe. Lo mmangaliso ungatshintsha ubomi kude kube “nizalwe ngokutsha” kube yenye yeendlela ezingundoqo zokuwuchaza (Yohane 3:7). Kodwa ukuzalwa kwakhona sisiqalo nje sendlela yobufundi. Amazwi kaKrestu kumSamariyakazi equleni asikhumbuza ukuba siyaqhubeka kule ndlela, ekugqibeleni ivangeli iya kuba “ngumthombo wamanzi” ngaphakathi kuthi, “ampompozela ebomini obungunaphakade” (Yohane 4:14).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yohane 2:1–11

Imimangaliso kaYesu Krestu “yalubonakalisa uzuko lwakhe.”

Njengoko ufunda ngoMsindisi eguqula amanzi abe yiwayini kuYohane 2:1–11, usenokufumana iingqiqo ezongezelelweyo ngokucingia ngeembono zabantu abohlukeneyo ababekhona apho, kuquka noMariya, nabafundi, nabanye. Ukuba wawuzibonele ngokwakho ezi ziganeko ezichazwe apha, zaziya kubanjani izimvo zakho malunga noYesu? Yintoni lo mmangaliso okufundisayo malunga naYe?

Yohane 3:1–21

Kumele ndizalwe ngokutsha ukuze ndingene ebukumkanini bukaThixo.

Xa uNikodemo weza kuYesu ekhusini, wayengumqwalaseli olumkileyo. Kamva, ngokunjalo, waye wathethelela uYesu esidlangalaleni (bona Yohane 7:45–52) kwaye wazimanya namakholwa emngcwabeni woMsindisi (bona Yohane 19:38–40). Ziimfundiso zini ozifumana kuYohane 3:1–21 ekusenokwenzeka ukuba zaphembelela uNikodemo ukuba alandele uYesu kwaye azalwe ngokutsha?

UMprofeti uJoseph Smith wafundisa, “Ukuzalwa ngokutsha, kuza ngoMoya kaThixo ngemimiselo” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 95). Yeyiphi indima ubhaptizo lwakho noqinisekiso lwakho—“ikukuzalwa ngamanzi nangoMoya” (Yohane 3:5)—ezayidlala ekuzalweni kwakho ngokutsha? Yintoni oyenzayo ukuqhubeka nale nkqubo yotshintsho? (bona Alma 5:11–14).

Bona kananjalo Mozaya 5:7; 27:25–26.

Yohane 3:16–17

UBawo oseZulwini undibonisa uthando lwaKhe ngoYesu Krestu.

UMdala uJeffrey R. Holland wafundisa, “Inyaniso enkulu yokuqala yawo onke amaphakade yeyokuba uThixo uyasithanda thina ngentliziyo yaKhe yonke, amandlakazi, ingqondo, nokomelela” (“Tomorrow the Lord Will Do Wonders among You,” Liyahona, Canzibe 2016, 127). Ingaba uluve kanjani uthando lukaThixo ngesipho soNyana waKhe?

Umthendeleko ubonelela ngexesha lokucingisisa kuthando lukaThixo nesipho soNyana waKhe. Ngawaphi amaculo womthendeleko awakunceda uve olu thando? Yintoni onokuyenza ukuze wenze umthendeleko ube nentsingiselo ngakumbi?

Njengoko uqhubeka ukufunda malunga neemfundiso zoMsindisi nobulungiseleli, zibuze ukuba izinto ozifundayo zikunceda njani uqonde kwaye uve uthando lukaThixo.

Yohane 4:24

Ingaba uThixo ungumoya?

Abanye banokubhidwa yingxelo kaYesu yokokuba uThixo ungumoya. UGuqulelo lukaJoseph Smith lwalo mqolo lubonelela ngengcaciso ebalulekileyo: “Kuba kwaba njalo uThixo uthembise ngoMoya wakhe” (kuYohane 4:24, igama elisezantsi a ). Isityhilelo sanamhlanje sikwafundisa ukuba uThixo unomzimba wenyama namathambo (bona IMfundiso neMinqophiso 130:22–23; bona kananjalo Genesis 5:1–3; AmaHebhere 1:1–3).

Yohane 4:5–26

UKrestu undipha amanzi aKhe aphilayo.

Yintoni mhlawumbi uYesu awayeyitsho xa wayexelela umSamariyakazi ukuba nabanina osela amanzi Yena awanikayo akasokuze anxanwe? Ivangeli ifana njani namanzi aphilayo?

Umfanekiso
umfulana wamanzi

Ivangeli kaKrestu ingamanzi aphilayo awondla imiphefumlo yethu.

Omnye wemiyalezo yoMsindisi kumSamariyakazi wawungowokuba indlela esinqula ngayo ibaluleke ngaphezu kunalapho sinqula khona (bona Yohane 4:21–24). Yintoni oyenzayo “ukunqula uBawo ngoMoya nangenyaniso”? (Yohane 4:23).

Bona kanjalo IsiKhokelo kwiZibhalo “unqulo,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Yohane 2–4.Njengoko usapho lwakho lufunda ezi zahluko kule veki, thathela ingqalelo ekhethekileyo kwindlela uMsindisi awasebenzisa ngayo izinto zemihla ngemihla—ukuzalwa, umoya, amanzi, nokutya—ukufundisa iinyaniso zokomoya. Zinto zini ekhayeni lenu eningazisebenzisa ukufundisa ezi nyaniso zokomoya?

Yohane 2:13–17.Zeziphi iimpembelelo ezingcolileyo usapho lwakho ekufuneka luzikhuphele ngaphandle kwekhaya lenu ukuze libe yindawo engcwele—efana netempile? Yintoni oza kuyenza ukuzikhupha ezo zinto?

Yohane 3:1–6.Thetha nosapho lwakho malunga nommangaliso wokukhulelwa nowokuzalwa—inkqubo yokudala umntu ophilayo nokrelekrele. UYesu wafundisa ukuba kumele sizalwe ngokutsha ngaphambi kokuba singene ebukumkanini bukaThixo. Kutheni ukuzalwa kwakhona kusisikweko esilungileyo sotshintsho olufunekayo kuthi phambi kokuba sibenokungena ebukumkanini bukaThixo? Singayiva njani inkqubo yokuzalwa kwakhona ngokwasemoyeni?

Yohane 3:16–17.Mema amalungu osapho ukuba atsho kwakhona le miqolo ngokwamazwi awo njengokungathi ebewachazela umhlobo wawo. Usincede njani uYesu Krestu ukuba sive uthando lukaThixo?

Yohane 4:5–15.Yintoni uMsindisi awayesifundisa yona xa Yena wayethelekisa ivangeli yaKhe namanzi aphilayo? Mhlawumbi usapho lwakho lungajonga amanzi ampompozayo kwaye achaze iimpawu zamanzi. Kutheni kufuneka sisele amanzi yonke imihla? Ingaba ivangeli kaYesu Krestu ifana ngeziphi iindlela “nomthombo wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade”? (Yohane 4:14).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela iimpawu. Izibhalo ezingcwele zisebenzisa rhoqo izinto, iziganeko, okanye izenzo ezimele iinyaniso zokomoya. Ezi mpawu zinokuphucula ukuqonda kwakho ngemfundiso efundiswayo. Umzekelo, uMsindisi wafanisa inguquko nokuzalwa ngokutsha.

Umfanekiso
UYesu nomSamariyakazi equleni

Living Water, nguSimon Dewey [Amanzi Aphilayo]

Shicilela