ITestamente eNtsha 2023
EyoMdumba 13–19. Mateyu 5; Luka 6: “Ninoyolo Nina”


“EyoMdumba 13–19. Mateyu 5; Luka 6: ‘Ninoyolo Nina,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMdumba 13–19. Mateyu 5; Luka 6,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu efundisa entabeni

Jesus Preaching Sermon on the Mount [UYesu eShumayela iNtshumayelo eNtabeni], nguGustave Doré

EyoMdumba 13–19.

Mateyu 5; Luka 6

“Ninoyolo Nina”

Nika ingqalelo kwiimvakalelo ozifumanayo xa ufunda Mateyu 5 kunye noLuka 6, kwaye uzibhale phantsi kwingxelo yemihla ngemihla yokufunda okanye ngenye indlela. Esi sishwankathelo singakunceda uchonge imigaqo ebalulekileyo kwezi zahluko, kodwa vuleleka kweminye oyifumanayo kwisifundo sakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kweli nqanaba kubulungiseleli baKhe, kwakucacile ukuba iimfundiso zikaYesu zazingazufana nento abantu bexesha laKhe ababeqhele ukuyiva. Amahlwempu aya kubamkela ubukumkani bukaThixo? Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba? Banoyolo abatshutshiswayo? Ababhali nabaFarisi babengafundisi izinto ezinjalo. Ukanti abo babewuqonda ngenene umthetho kaThixo bayibona inyaniso emazwini oMsindisi. “Iliso maliphindezelwe ngeliso” kunye “uluthiye utshaba lwakho” yayiyimithetho emincinane (Mateyu 5:38, 43). Kodwa uYesu Krestu wayeze kufundisa umthetho ophakamileyo (bona 3 Nifayi 15:2–10), owenzelwe ukusinceda ngenye imini ukuba sibe “ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo [wethu] osemazulwini efezekile” (Mateyu 5:48).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 5:1–12; Marko 6:20–26, 46–49

Ulonwabo oluhlala luhleli lusuka ekuphileni ngendlela uYesu Krestu awayefundisa ngayo.

Wonke umntu ufuna ukonwaba, kodwa ayinguye wonke umntu okhangela ulonwabo kwiindawo ezifanayo. Abanye balufuna emandleni nakwigunya lehlabathi, abanye kubutyebi okanye ekwaneliseni iminqweno yenyama. UYesu Krestu weza kufundisa indlela eya kulonwabo oluhlala luhleli, ukufundisa ukuba kuthetha ukuthini ukusikelelwa. Ufunda ntoni ngokufumana ulonwabo oluhlala luhleli kuMateyu 5:1–12 kunye nakuLuka 6:20–26? Oku kwahluke njani kwimbono yehlabathi ngolonwabo?

Yintoni le miqolo, kunye noLuka 6:46–49, ekufundisa yona ngokuba ngumfundi kaYesu Krestu? Yintoni oziva uphembelelekile ukuba uyenze ukukhulisa ezi mpawu zichazwe kule miqolo?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiziBhalo, “Zibhengezo zoyolo,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org

Mateyu 5:13

“Niyityuwa yehlabathi nina.”

Ityuwa kudala isetyenziselwa ukugcina, ukufaka isinongo, nokucoca. Ityuwa ikwanentsingiselo yenkolo kumaSirayeli. Yayinxulunyaniswa nesiko lakudala ledini lezilwanyana phantsi komthetho kaMoses (bona Levitikus 2:13; Numeri 18:19). Xa ityuwa iphelelwa yincasa, ayisebenzi, okanye “ayisalungele nto” (Mateyu 5:13). Oku kwenzeka xa ixutywe okanye ingcolisiwe zezinye izinto.

Gcina oku engqondweni njengoko ucinga nzulu Mateyu 5:13. Ungayigcina njani incasa yakho njengomfundi kaYesu Krestu? Uya kuwufeza njani umsebenzi wakho wokugcina nokucoca njengetyuwa yomhlaba?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 103:9–10.

Umfanekiso
ityuwa

“Niyityuwa yehlabathi nina” (Mateyu 5:13).

Mateyu 5:17–48; Luka 6:27–35

Umthetho kaKrestu uthatha indawo yomthetho kaMoses.

Abafundi basenokuba bamangaliswa kukuva uYesu esithi ubulungisa babo kufuneka budlule obababhali nabaFarisi i (bona Mateyu 5:20), ababezingca ngokuwugcina kakuhle umthetho kaMoses.

Njengoko ufunda Mateyu 5:21–48 kunye noLuka 6:27–35, cinga ngokuqaphela cinga ngokuphawula zombini iindlela zokuziphatha ezifunekayo kumthetho kaMoses (“Nivile ukuba …”) kunye noko kwafundiswa nguYesu ukuphakamisa ezi ndlela zokuziphatha. Kutheni ucinga ukuba indlela yoMsindisi ingumthetho ophezulu?

Umzekelo, wafundisa ntoni uYesu kuMateyu 5:27–28 malunga noxanduva lwethu phezu kweengcinga zethu? Unokulufumana njani ulawulo ngakumbi phezu kweengcinga neemvakalelo ezingena engqondweni nasentliziyweni yakho? (bona IMfundiso neMinqophiso 121:45).

Mateyu 5:48

Ingaba ngokwenene uBawo oseZulwini ulindele ukuba ndigqibelele?

UMongameli Russell M. Nelson wafundisa:

“Igama elithi fezekisa laguqulelwa lisuka kwisiGrike teleios, okuthetha ukuthi ‘gqibelele.’ … Indlela engapheliyo yesenzi ngu teleiono, ethetha ‘ukufikelela esiphelweni esikude, ukuphuhliswa ngokupheleleyo, ukufezekisa, okanye ukugqiba.’ Nceda uqaphele ukuba eli gama alithethi ‘ukukhululeka kwimpazamo’; lithetha ‘ukufezekisa injongo ekude.’ …

“… INkosi ifundisile, ‘Aninakho ukumelana nobuso bukaThixo ngoku … ; ngako oko, qhubekani nikumonde nide nigqityeleliswe’ [IMfundiso neMinqophiso 67:13].

“Akuyomfuneko ukuba sidane ukuba imigudu yethu enyanisekileyo eya kwimfezeko ngoku ibonakala inzima kwaye ingenasiphelo. Ukufezeka kulindile. Kunokuza ngokugcwele kuphela emva koVuko kwaye kuphela ngeNkosi. Kulindele bonke abamthandayo nabagcina imiyalelo yakhe” (“Perfection Pending,” Ensign, Nkanga. 1995, 86, 88).

Bona kananjalo 2 Petros 1:3–11; Moronayi 10:32–33; IMfundiso neMinqophiso 76:69.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 5:1–9.Yeyiphi imigaqo efundiswa kuMateyu 5:1–9 enokunceda ikhaya lakho libe yindawo eyonwabisayo? Usenokukhetha omnye okanye emibini ebonakala ibaluleke ngakumbi kusapho lwakho. Umzekelo, zeziphi iimfundiso esizifumanayo ezinokusinceda ukuba sibe ngabenzi boxolo? (bona Mateyu 5:21–25, 38–44). Zeziphi iinjongo esingazenza? Siza kulandelela njani?

Mateyu 5:13.Yityani kunye ukutya okunongwe ngetyuwa kunye nokutya okufanayo okungenayo ityuwa. Ngowuphi umahluko esiwuqaphelayo? Kuthetha ntoni ukuba “yityuwa yehlabathi”? Singakwenza njani oku?

Mateyu 5:14–16.Ukunceda usapho lwakho luqonde ukuba kuthetha ntoni ukuba “nilukhanyiselo lwehlabathi,” ungaphonononga eminye yemithombo yokukhanya ekhayeni lakho, ebumelwaneni bakho, kunye nehlabathi. Kunokuba luncedo ukubonisa okwenzekayo xa ufihla isibane. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi, “Nilukhanyiselo lwehlabathi nina”? (Mateyu 5:14). Ngubani obe njengokukhanya kusapho lwethu? Sinokuba lukhanyiselo njani kwabanye? (bona 3 Nifayi 18:16, 24–25).

Mateyu 5:43–45.Njengoko usapho lwakho lufunda amazwi oMsindisi kule miqolo, ungathetha ngokuba ngubani, ngokukodwa, uziva ungamthanda, umsikelele, kwaye umthandazele. Sinokulwandisa njani uthando lwethu ngabo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yiba nokuqwalasela. “Njengoko unikela ingqalelo kwinto eyenzekayo kubomi [babantwana] bakho, uya kufumana amathuba amahle okufundisa. … Amagqabantshintshi [aba]wenzayo okanye imibuzo abayibuzayo ingakhokelela kananjalo nakwimizuzu yokufundisa” (Teaching in the Savior’s Way16).

Umfanekiso
ikhandlela

“Nilukhanyiselo lwehlabathi nina” (Mateyu 5:14).

Shicilela