ITestamente eNtsha 2023
EyoMdumba 27–EyoKwindla 5. Mateyu 8; Marko 2–4; Luka 7: “UKholo Lwakho lukuSindisile”


“EyoMdumba 27–EyoKwindla 5. Mateyu 8; Marko 2–4; Luka 7: ‘UKholo Lwakho lukuSindisile,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMdumba 27–EyoKwindla 5. Mateyu 8; Marko 2–4; Luka 7,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu evusa indoda ebhedini

EyoMdumba 27–EyoKwindla 5

Mateyu 8; Marko 2–4; Luka 7

“UKholo Lwakho lukuSindisile”

Lumka ungalungxameli ufundo lwakho lwezibhalo. Thatha ixesha lokucinga nzulu ngomthandazo, nokuba oko kuthetha ukuba awunalo ixesha lokufunda yonke imiqolo. Le mizuzwana yokucinga nzulu ihlala ikhokelela kwisityhilelo sobuqu.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Omnye weyona miyalezo icacileyo kwiTestamente eNtsha kukuba uYesu Krestu ungumphilisi. Iingxelo zoMsindisi ephilisa abagulayo nababandezelekileyo zininzi—ukusuka kumfazi onomkhuhlane ukuya kunyana womhlolokazi owayeswelekile. Kutheni kugxininiswa ekuphilisweni komzimba? Yeyiphi imiyalezo eyeyethu engakhona kule mimangaliso? Ngokuqinisekileyo omnye umyalezo ocacileyo kukuba uYesu Krestu unguNyana kaThixo, onamandla phezu kwazo zonke izinto, kuquka iintlungu zethu zomzimba kunye nokungafezeki. Kodwa enye intsingiselo ifumaneka kumazwi aKhe kubabhali abathandabuzayo: “Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha” (Marko 2:10). Ke xa ufunda ngomntu oyimfama okanye umntu oneqhenqa ophilisiwe, ungacinga ngempiliso—kokubini ngokwasemoyeni nangokwasemzimbeni—ongayifumana kuMsindisi umve esithi kuwe, “Ukholo lwakho lukusindisile” (Luka 7:50).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 8; Marko 2–3; Luka 7

UMsindisi unokuphilisa ubulwelwe kunye nezigulo.

Ezi zahluko zimbalwa zishicilela iimeko ezininzi zokuphiliswa okungummangaliso okwenziwa nguMsindisi. Njengokuba ufunda ezi mpiliso, khangela imiyalezo onakho ukuzifumanela yona. Usenokuzibuza: Le ngxelo ifundisa ntoni ngokholo kuYesu Krestu? Ifundisa ntoni ingxelo ngoMsindisi? UThixo ufuna ndifunde ntoni kulo mmangaliso? Nantsi eminye imizekelo, kodwa kuneminye emininzi:

Marko 2:15–17; Luka 7:36–50

UYesu Krestu wayengazelanga kugweba aboni kodwa ukubaphilisa.

Njengoko ufunda kule miqolo malunga nentsebenziswano kaYesu nababhali kunye nabaFarisi, usenokucinga ukuba uyazibona kusini na kwezi ngxelo. Umzekelo, ingaba iingcinga kunye nezenzo zakho zikhe zifane nezo zikaSimon umFarisi? Ungawuchaza njani umahluko phakathi kwendlela uYesu awayebajonga ngayo aboni kunye nendlela abaFarasi abafana noSimon ababebajonga ngayo? Cinga ngendlela abanokuziva ngayo abo basindwa sisono xa bekunye noMsindisi. Baziva njani xa bekunye nawe?

Usenokucinga nzulu kanjalo ukuba ufana njani nalo mfazi uchazwa kuLuka 7:36–50. Wakhe wabuva nini ububele nenceba uMsindisi awambonisa yena? Ufunda ntoni kumzekelo wakhe wokholo, nowothando nowokuthobeka?

Bona kananjalo Yohane 3:17; Luka 9:51–56.

Mateyu 8:18–22; Marko 3:31–35

Ukuba ngumfundi kaYesu Krestu kuthetha ukuba ndibeka Yena kuqala ebomini bam.

Kule miqolo, uYesu wafundisa ukuba ngabafundi baKhe kufuna ukuba sibeke Yena kuqala ebomini bethu, nokuba ngamanye amaxesha oko kuthetha ukuba kufuneka sincame ezinye izinto esizixabisileyo. Njengoko ufunda le mihlathi, cinga nzulu ngobufundi bakho. Kutheni abafundi kufuneka balangazelele ukubeka uMsindisi kuqala? Yintoni ekusenokufuneka uyincame ukuze ubeke uYesu kuqala? (Bona kananjalo Luka 9:57–62.)

Mateyu 8:23–27; Marko 4:35-41

UYesu Krestu unamandla okuzisa uxolo phakathi kwezaqhwithi zobomi.

Wakhe waziva ngendlela abafundi bakaYesu ababeziva ngayo kuqhwithela elwandle—bebukele amaza amanzi ezalisa isikhephe kwaye ebuza, “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?”

KuMarko 4:35–41, uya kufumana imibuzo emine. Dwelisa umbuzo ngamnye, kwaye ucinge nzulu ukuba ukufundisa ntoni malunga nokujongana nemiceli mngeni yobomi ngokholo kuYesu Krestu. UMsindisi uluzisa kanjani uxolo kwizaqhwithi zobomi bakho?

Umfanekiso
UYesu esemkhombeni edambisa isaqhwithi

From Fear to Faith [Ukusuka kuloYiko ukuya kuKholo], nguHoward Lyon

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 8; Marko 2–4; Luka 7.Cinga ngokwenza uluhlu lwemimangaliso echazwa kwezi zahluko. Zama ukufumana okanye ukuzoba imifanekiso yeminye yayo (bona Gospel Art Book okanye ChurchofJesusChrist.org). Ilungu ngalinye losapho linokusebenzisa imifanekiso ukuchaza malunga nomnye wemimangaliso kwaye labelane ngoko likufundayo kuwo. Unokwabelana ngeminye imizekelo yemimangaliso oyibonileyo okanye ofunde ngayo kumhla wethu.

Mateyu 8:5–13; Luka 7:1–10.Yayiyintoni malunga nokholo lomthetheli-khulu eyachukumisa uYesu? Singalubonisa njani ukholo olufanayo kuYesu Krestu?

Marko 2:1–12. Singafana njani nabahlobo bendoda eyayingakwazi ukuhamba? Ngubani obengumhlobo onjalo kuthi?

Marko 4:35–41.Ingaba le ngxelo inganceda amalungu osapho xa eziva enoloyiko? Mhlawumbi angafunda umqolo 39 kwaye abelane ngamava xa uMsindisi wawanceda aziva enoxolo.

Abantwana bangakonwabela ukuzenza ngathi bakumkhombe kulwandle olunesaqhwithi ngelixa omnye umntu efunda Marko 4:35–38. Ke, xa umntu efunda umqolo 39, banokuzenza ngathi bakumkhombe kulwandle oluzolileyo. Ningacula kunye ingoma emalunga nokufumana uxolo kuMsindisi. Ngawaphi amabinzana akule ngoma asifundisa ngoxolo lukaYesu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yibakhona kwaye fumaneka. Eminye yemizuzwana yokufundisa elungileyo iqala njengemibuzo okanye ngenjeenkxalabo ezintliziyweni zamalungu osapho. Yazisa amalungu osapho ngamazwi akho kunye nangeezenzo zakho ukuba unomdla wokubava. (Bona Teaching in the Savior’s Way16.)

Umfanekiso
UYesu nendoda egulayo ebhedini yehliswa ngophahla

Christ and the Palsied Man [UKrestu kunye neNdoda eneDumbe], nguJ. Kirk Richards

Shicilela