ITestamente eNtsha 2023
EyoKwindla 20–26. Mateyu 13; Luka 8; 13: “Lowo uneeNdlebe Zokuva, Makeve”


“EyoKwindla 20–26. Mateyu 13; Luka 8; 13: ‘Lowo uneeNdlebe Zokuva, Makeve,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoKwindla 20–26. Mateyu 13; Luka 8; 13,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
ingqolowa ilungele ukuvunwa

EyoKwindla 20–26

Mateyu 13; Luka 813

“Lowo uneeNdlebe Zokuva, Makeve”

Njengoko ufunda Mateyu 13 noLuka 813, cinga ngokuba uya kuzilungiselela njani “ukuva” nokuvuyela iimfundiso zoMsindisi kule mizekeliso. Uya kwenza ntoni ukusebenzisa ezi mfundiso ebomini bakho?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ezinye zeemfundiso zoMsindisi ezikhumbulekayo kakhulu zazingendlela yamabali awayebizwa ngokuba yimizekeliso. Le yayingaphezulu kunamabalana amafutshane awawemalunga nezinto eziqhelekileyo okanye iziganeko eziqhelekileyo. Yayiqulethe iinyaniso ezinzulu ezimalunga nobukumkani bukaThixo kwabo babelungele ngokwasemoyeni. Omnye wemizekeliso yokuqala eshicilelwe kwiTestamente eNtsha—umzekeliso womhlwayeli (bona Mateyu 13:3–23)—usimemela ukuba sivavanye ukulunga kwethu kokufumana ilizwi likaThixo. “Kuba osakuba enako,” uYesu wabhengeza, “yena uya kuphiwa aze abe nako ngokugqithisileyo” (UGuqulelo lukaJoseph Smith, Mateyu 13:10 [kuMateyu 13:12, igama elisezantsi a ]). Ngoko ke njengoko silungiselela ukufunda imizekeliso yoMsindisi—okanye nayiphina imfundiso yaKhe—indawo elungileyo yokuqalisa kukuvavanya iintliziyo zethu nokumisela okokuba siyalinika na ilizwi likaThixo “umhlaba omhle” (Mateyu 13:8) apho kunokukhulela khona, kuqhame, kuchume, kwaye kuvelise isiqhamo esiya kusisikelela neentsapho zethu ngokugqithisileyo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 13:3–23; Luka 8:4–15; 13:6–9

Intliziyo yam kumele ilungele ukufumana ilizwi likaThixo.

Kutheni ngamanye amaxesha iintliziyo zethu zilungele ukwamkela inyaniso, xeshikweni ngamanye amaxesha siyahendeka ukuba siyichase? Ukufunda umzekeliso womhlwayeli kungabonelela ngethuba elihle lokucinga ngendlela elungileyo ongafumana ngayo inyaniso ephuma eNkosini. Kusenokuba luncedo ukuyelelisa imiqolo 3–8 kaMateyu 13 kunye neenkcazo ezinikiwa kwimiqolo 18–23. Yintoni ongayenza ukuzilimela kuwe “umhlaba omhle”? Ingaba yeyiphi eminye “imithana enameva” engakunqanda ekubeni uve ngokwenene nokuba ulandele iliziwi likaThixo? Ungayoyisa njani le “mithana enameva”?

Ufundo lwakho lwalo mzekeliso lungaphembelela indlela ofunda ngayo umzekeliso kuLuka 13:6–9. Yintoni “isiqhamo” iNkosi esifunayo kuthi? Ingaba siwulungisa njani umhlaba wethu ukuze “sinike isiqhamo”?

Bona kananjalo Mozaya 2:9; Alma 12:10–11; 32:28–43.

Mateyu 13:24–35, 44–52; Luka 13:18–21

Imizekeliso kaYesu indinceda ndiqonde ukukhula nekamva leBandla laKhe.

UMprofeti uJoseph Smith wafundisa ukuba imizekeliso ekuMateyu 13 ichaza ukukhula nekamva leBandla kwimihla yokugqibela. Usenokujonga kwakhona amazwi woMprofeti kwiTeachings of Presidents of the Church: Joseph Smith (2007), 293–303, njengoko ucinga ngoko le mizekeliso ilandelayo ekufundisa kona malunga neBandla leNkosi:

Emva kokucinga nzulu ngale mizekeliso, yintoni oyiva ikuphembelela ukuba uyenze ngokuthatha inxaxheba ngokupheleleyo emsebenzini weBandla likaKrestu lemihla yokugqibela?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Ubukumkani bukaThixo okanye uBukumkani beZulu,” “Umzekeliso,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
iperile

Ivangeli kaYesu Krestu “iyiperile yexabiso elikhulu” (Mateyu 13:46).

Mateyu 13:24–30, 36–43

Amalungisa kumele akhule phakathi kwabakhohlakeleyo kude kube sekupheleni kwehlabathi.

Enye indlela yokuhlalutya lo mzekeliso kukuzoba umfanekiso wawo kwaye uwubhale iinkcazelo ezikuMateyu 13:36–43 neIMfundiso neMinqophiso 86:1–7. Umdiza “lukhula oluyityhefu, olude lufike endlebeni, kwaye luyafana ngokwembonakalo nengqolowa” (IsiKhokelo kwiZibhalo, “Umdiza”). Zeziphi iinyaniso ezikulo mzekeliso ezikuphembelela ukuba uhlale unyanisekile nangona kukho inkohlakalo emhlabeni?

Luka 8:1–3

“Abafazi abathile” balungiselela ngeziphi iindlela kuMsindisi?

“Abafundi abangabafazi babehamba noYesu kunye nabaliShumi Elinambini, befunda [kuYesu] ngokwasemoyeni kwaye bencedisa ngokwasenyameni. … Ekongezeleleni ekufumaneni ubulungiseleli bukaYesu—iindaba zovuyo zevangeli yaKhe neentsikelelo zamandla aKhe okuphilisa—aba bafazi bamlungiselela Yena, banikisa ngezinto zabo nangokuzinikela kwabo” (Daughters in My Kingdom [2017], 4).  

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 13.Njengoko amalungu osapho lwakho efunda imizekeliso yoMsindisi, asenokonwabela ukucinga ngemizekeliso eyeyawo efundisa iinyaniso ezifanayo malunga nobukumkani bezulu (iBandla), esebenzisa izinto okanye iimeko eziqhelekileyo kuwo.

Mateyu 13:3–23; Luka 8:4–15.Emva kokufunda umzekeliso womhlwayeli kunye, usapho lwakho lusenokuxoxa ngemibuzo efana nale: Yintoni engenza “umhlaba” wethu (iintliziyo zethu) ube “lulwalwa” okanye “zikrwitshe” ilizwi? Singaqinisekisa njani ukuba umhlaba wethu umhle kwaye uyaqhama?

Ukuba unabantwana abancinane kusapho lwakho, kungabamnandi ukumema amalungu osapho ukuba alinganise iindlela ezahlukeneyo zokulungiselela iintliziyo zethu ukuba zive ilizwi likaThixo xeshikweni amanye amalungu eqajisela oko akwenzayo.

Mateyu 13:13–16.Ungawanceda njani amalungu osapho lwakho ukuba aqonde ukubaluleka kokufumana ngokuzithandela ilizwi likaKrestu? Ukubonisa “iindlebe ezithe nkqi,” usenokogquma iindlebe zelungu losapho xeshikweni nifunda ngokuzolileyo Mateyu 13:13–16. Ingaba elo lungu losapho live okungakanani kule miqolo? Zeziphi iindlela esingavulela ngazo amehlo, iindlebe, neentliziyo zethu kwilizwi likaThixo?

Mateyu 13:44–46.Ingaba la madoda mabini akule mizekeliso yintoni awanayo efanayo omabini? Ingaba kukhona izinto ezongezelelweyo ekumele sizenze njengabantu ngabanye kunye nosapho ukubeka ubukumkani bukaThixo kuqala ebomini bethu?

Luka 13:11–17.Ingaba amalungu osapho akhe abanamava awayewabangela ukuba azive ngathi awanako “ukuziphakamisa”? Ingaba ukhona nabani na esimaziyo oziva ngolu hlobo? Singanceda njani? Ingaba uMsindisi “usikhulula” kanjani ebulwelweni bethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Gcina isibhalo esingcwele engqondweni. Khethani umqolo wezibhalo onentsingiselo kusapho lwenu, kwaye umeme amalungu osapho awunkqaye. UMdala Richard G. Scott ufundisile, “Isibhalo esingcwele esigcinwa engqondweni siba ngumhlobo onyamezelayo ongatyhafiswa kukuhamba kwexesha” (“The Power of Scripture Liyahona, EyeNkanga. 2011, 6).

Umfanekiso
indoda ityala iimbewu

Parable of the Sower, nguGeorge Soper [Umzekeliso woMhlwayeli]

Shicilela