ITestamente eNtsha 2023
EyoKwindla 6–12. Mateyu 9–10; Marko 5; Luka 9: “Abo baShumi linaBabini Wabathuma uYesu”


“EyoKwindla 6–12. Mateyu 9–10; Marko 5; Luka 9: ‘Abo baShumi linaBabini Wabathuma uYesu,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoKwindla 6–12. Mateyu 9–10; Marko 5; Luka 9,“ Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu umisela uPetros

EyoKwindla 6–12

Mateyu 9–10; Marko 5; Luka 9

“Abo baShumi linaBabini Wabathuma uYesu”

Iingcebiso zokufunda kwesi sishwankathelo zenzelwe ukukunceda ufumane intsingiselo yakho yobuqu kwizibhalo. Akufuneki, kanti, zithathe indawo yesityhilelo sobuqu ongasifumana malunga nokuba yeyiphi imihlathi ongayifunda okanye ukuba uyifunde njani.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ilizwi lemimangaliso yokuphilisa kukaYesu lalisasazeka ngokukhawuleza. Izihlwele zamlandela Yena, zinethemba lokukhululeka kwizigulo zazo. Kodwa xa uMsindisi ejonga izihlwele, Yena wayeabona ngaphezu kwezifo zabo zomzimba. Ezele yimfesane, Yena wabona “ngokwezimvu ezingenamalusi” (Mateyu 9:36). “Ukuvuna okunene kuninzi,” Yena waqwalasela “kodwa bona abasebenzi bambalwa” (Mateyu 9:37). Ngoko ke Yena wabiza abaPostile abalishumi elinambini, “wabanika igunya,” wabathuma ukuba bafundise kwaye balungiselele “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli” (Mateyu 10:1, 6). Namhlanje imfuneko yabasebenzi abaninzi ukuba bancede abantwana bakaBawo waseZulwini ikwankulu. Kusekhona abaPostile abalishumi elinambini, kodwa baninzi abafundi bakaYesu Krestu kunakuqala—abantu abanokuvakalisa kulo lonke ihlabathi, “Ubukumkani bamazulu busondele.” (Mateyu 10:7).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 9:18–26; Marko 5:22–43

“Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.”

Xa uYayiro wayeqala ukucela uYesu ukuba aphilise intombi yakhe, “eyayisecicini lokufa,” uYayiro wathetha ngokungxamisekileyo kodwa enethemba: “Khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, … ukuze isindiswe (Marko 5:23). Njengoko babehamba, umthunywa waxelele uYayiro ukuba sele kuhlwile: “Intombi yakho ifile: usamkhathazelani uMfundisi?” (umqolo 35). Ngokunjalo, kwakusenokubonakala kusemva kwexesha ngomfazi ochazwa kuMarko 5:25–34, owayebandezeleke sisifo kangangeminyaka eli-12.

Njengoko ufunda ezi ngxelo, usenokucinga ngezinto ezifuna ukuphiliswa ebomini bakho okanye kusapho lwakho—kuquka nezinto ezinokubonakala ngathi “zisecicini lokufa” okanye zishiywe lixesha lokuphola. Yintoni ekuchukumisayo ngeendlela ekuboniswa ukholo ngazo kwezi ngxelo? Qaphela nokuba uthini uYesu kulo mfazi nakuYayiro. Uvakalelwa kukuba uthetha ntoni Yena kuwe?

Bona kananjalo Luka 8:41–56.

Umfanekiso
umfazi efikelela ukubamba ingubo yokwaleka kaYesu

Trust in the Lord [Thembela eNkosini], nguLiz Lemon Swindle

Mateyu 10; Luka 9:1–6

INkosi inika abakhonzi baYo amandla okwenza umsebenzi waYo.

Imiyalelo awayinikayo Yesu kuMateyu 10 kubaPostile baKhe inokusebenza nakuthi, kuba sonke sinenxaxheba emsebenzini weNkosi. Ngawaphi amandla uKrestu awawanika abaPostile baKhe ukubanceda bazalisekise umsebenzi wabo? Ungafikelela njani kumandla aKhe kulo msebenzi ubizelwe ukuba uwenze? (bona 2 AbaseKorinte 6:1–10; IMfundiso neMinqophiso 121:34–46).

Njengoko ufunda umyalelo uKrestu awawunika abaPostile baKhe, usenokufumana iimpembelelo ngomsebenzi iNkosi efuna ukuba uwenze. Itshathi efana nale ilandelayo inokunceda ulungelelanise iingcinga zakho:

Mateyu 10

Iimvakalelo endizifumanayo

UMsindisi wanika abafundi baKhe amandla.

UThixo uya kundinika amandla endiwadingayo ukwenza umsebenzi wam.

Bona kananjalo Marko 6:7–13; IziVumo zoKholo 1:6; IsiKhokelo kwiZibhalo, “AbaPostile.

Mateyu 10:17–20

Xa ndikwinkonzo yeNkosi, Yona iya kundikundiphembelela ngento emandiyithethe.

INkosi yabona kwangaphambili ukuba abafundi baYo babeza kutshutshiswa kwaye babuzwe ngokholo lwabo—nto leyo efana naleyo abafundi banamhlanje abanokuhlangabezana nayo. Kodwa wabathembisa abafundi ukuba babeza kuyazi ngoMoya ukuba mabathini. Ingaba ukhe waba namava xa esi sithembiso singcwele sazaliseka ebomini bakho, mhlawumbi xa wawunikela ubungqina bakho, xa wawunikela intsikelelo, okanye xa wawuncokola nomnye umntu? Cinga ngokwabelana ngamava akho nomntu omthandayo okanye uwabhale kwingxelo yemihla ngemihla. Ingaba uziva uphembelelekile ukuba wenze ntoni ukuze ube namava amaninzi anje rhoqo?

Bona kananjalo Luka 12:11–12; IMfundiso neMinqophiso 84:85.

Mateyu 10:34–39

Wayethetha ukuthini uYesu xa esithi “Andizanga kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele”?

UMdala D. Todd Christofferson wafundisa: “Ndiqinisekile ukuba uninzi lwenu lwaliwe kwaye lwacalulwa ngutata nomama, ngabantakwethu kunye noodade njengokuba nisamkela ivangeli likaYesu Krestu kwaye ningena kumnqophiso waKhe. Ngendlela enye okanye enye, uthando lwakho oluphezulu lukaKrestu lufune idini lobudlelwane obuthandekayo kuwe, kwaye uye waphalaza iinyembezi ezininzi. Kanti ngothando lwakho olungenasiphelo, uhleli uzinzile phantsi kwalo mnqamlezo, uzibonakalisa ungenazintloni ngoNyana kaThixo” (“Finding Your Life,” Ensign, Kwindla. 2016, 28).

Oku kuvuma ukuphulukana nobudlelwane obuxabisekileyo ukuze silandele uMsindisi kuza nesithembiso sokuba “nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana” (Mateyu 10:39).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Marko 5:22–43.Njengoko usapho lwakho lufunda eli bali kunye, usenokuma kancinci ubuze amalungu osapho ukuba banokuziva njani ukuba babenguYayiro, umfazi, okanye abanye abantu ebalini. Ungabonisa kananjalo imifanekiso yebali, njengaleyo ikwesi sishwankathelo. Le mifanekiso ilubonisa njani ukholo lwabantu abakula mabali? Usenokucinga ngeminye imiceli mngeni usapho lwakho olujamelana nayo. Singawasebenzisa njani amazwi aKhe athi, “Musa ukoyika, kholwa kodwa wena”? (Marko 5:36).

Mateyu 10:39; Luka 9:23–26.Kunokuthetha ntoni “ukulahlekelwa” bubomi bethu “nokubufumana”? (Mateyu 10:39). Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngamava abonisa iimfundiso zikaYesu kule miqolo.

Mateyu 10:40.Uqhuba njani wena nosapho lwakho ekwamkeleni nasekulandeleni ingcebiso yabaPostile bale mihla? Ingaba ukuthobela kwethu ingcebiso yabo kusisondeza njani kuYesu Krestu?

Luka 9:61–62.Kuthetha ukuthini ukujonga ngasemva emva kokubeka isandla sethu ekhubeni? Kutheni le mbono inokusenza singabufaneli ubukumkani bukaThixo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Mamela uMoya. Njengoko ufunda, nika ingqwalasela kwiingcinga kunye neemvakalelo zakho (bona IMfundiso neMinqophiso 8:2–3), nokuba zibonakala zinganxulumelenanga noko ukufundayo. Ezo mvakalelo zinokuba zezona zinto uThixo afuna ukuba uzazi kwaye uzenze.

Umfanekiso
UYesu evusa intombazana ebhedini

Talitha Cumi [Talita Kumi], nguEva Koleva Timothy

Shicilela