ITestamente eNtsha 2023
EyoKwindla 13–19. Mateyu 11–12; Luka 11: “Ndoninika Ukuphumla”


“EyoKwindla 13–19. Mateyu 11–12; Luka 11: ‘Ndoninika Ukuphumla,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoKwindla 13–19. Mateyu 11–12; Luka 11,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu emi phakathi kwamafu

Be Not Afraid [Musani Ukoyika], nguMichael Malm

EyoKwindla 13–19

Mateyu 11–12; Luka 11

“Ndoninika Ukuphumla”

UMongameli Dallin H. Oaks ufundisile: “Izibhalo, ezizizityhilelo zexesha elidlulileyo, azinakuqondwa ngaphandle kokuvuleleka kwizityhilelo zangoku. … Ukufunda izibhalo kwenza ukuba amadoda nabafazi bafumane izityhilelo” (“Scripture Reading and Revelation,” Ensign, Mqungu. 1995, 7).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngeendlela ezininzi, abaFarisi nababhali bakwenza kwaba nzima ukunqula uYehova. Babehlala rhoqo begxininisa imithetho engqongqo ngaphezulu kweenyaniso ezingunaphakade. Imithetho emalunga nomhla weSabatha, eyayimele ukuba ibe lusuku lokuphumla, nayo yayingumthwalo onzima.

Kwaye emva koko, uYehova ngokwakhe weza phakathi kwabantu baKhe. Wabafundisa ukuba injongo yokwenyaniso yonqulo asikokudala imithwalo kodwa ukuyikhulula. Wafundisa ukuba uThixo usinika imiyalelo, kuquka nalo wokuhlonipha iSabatha, kungekhona ukusicinezela kodwa ukusisikelela. Ewe, indlela eya kuThixo ingqalile kwaye imxinwa, kodwa iNkosi yeza yazisa ukuba akukho mfuneko yokuba siyihambe sodwa. “Yizani kum,” Yena wacenga. Isimemo saKhe kubo bonke abo baziva “nisindwa ngumthwalo” nangasiphi na isizathu, kukuma ecaleni kwaKhe, sizibophelele kuYe, simvumele ukuba abelane nathi ngemithwalo yethu. Isithembiso sakhe “Noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.” Xa kuthelekiswa nezinye iindlela—ukuzama ukuqhubekeka wedwa okanye ukuthembela kwizisombululo zasemhlabeni—eyaKhe “idyokhwe imnandi, nomthwalo [waKhe] ulula.” (Mateyu 11:28–30.)

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 11:28–30

UYesu Krestu uya kundinika ukuphumla njengoko ndithembela kuYe.

Sonke sithwala imithwalo—eminye ibangelwa zizono zethu kunye neempazamo, eminye ibangelwa lukhetho lwabanye, kwaye eminye ayibutyala lamntu kodwa iyinxalenye yobomi emhlabeni. Nokuba zithini na izizathu zokusokola kwethu, uYesu uyasicenga ukuba size kuYe ukuze asincede sithwale imithwalo yethu kwaye sifumane isiqabu (bona kananjalo Mozaya 24). UMdala David A. Bednar wafundisa, “Ukwenza kunye nokugcina iminqophiso engcwele kusibophelela edyokhweni kunye neNkosi uYesu Krestu” (“Bear Up Their Burdens with Ease,” Liahona, Canzibe 2014, 88). Ngale nto engqondweni, cinga nzulu imibuzo efana nale ilandelayo ukuqonda ngcono amazwi oMsindisi kule miqolo: Iminqophiso yam indibophelela njani edyokhweni kunye noMsindisi? Yintoni ekufuneka ndiyenzile ukuze ndize kuKrestu? Kungayiphi indlela idyokhwe yoMsindisi imnandi kwaye nomthwalo waKhe ulula?

Yeyiphi eminye imibuzo ethi qatha engqondweni yakho njengoko ufunda? Yibhale, kwaye ukhangele iimpendulo kule veki kwizibhalo kunye nakumazwi abaprofeti. Usenokufumana iimpendulo kweminye yemibuzo yakho kumyalezo kaMdala David A. Bednar ekubhekiselwe kuwo ngasentla.

 

Umfanekiso
amadoda ejongela phantsi abafundi abahamba phakathi kwentsimi yengqolowa

The Disciples Eat Wheat on the Sabbath [Abafundi Batya Ingqolowa ngeSabatha], nguJames Tissot

Mateyu 12:1–13

“Yenza okulungileyo ngemihla yesabatha”

Iimfundiso zabaFarisi zazahlukile kwezo zoMsindisi ngeendlela ezininzi, kodwa ngakumbi kwindlela yokuhlonela umhla weSabatha. Njengoko ufunda Mateyu 12:1–13, usenokucinga indlela izimilo zakho kunye nezenzo malunga neSabatha zingqamana kakuhle njani neemfundiso zoMsindisi. Ukwenza oku, ungacinga nzulu ngeentetha ezinje:

  • “Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo” (umqolo 7; bona Hoseya 6:6).

  • “UNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha” (umqolo 8).

  • “Kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha” (umqolo 12).

Zingayiphembelela njani ezi mfundiso indlela oyijonga ngayo iSabatha?

Bona kananjalo Marko 2:233:5.

Mateyu 12:34–37; Luka 11:33–44

Amazwi nezenzo zam zibonisa oko kusentliziyweni yam.

Esinye sezigxeko eziphambili zoMsindisi zabaFarisi yayikukuba babezama ukubonakala belungile kodwa iinjongo zabo zazingemsulwa. Njengoko ufunda izilumkiso zoMsindisi kubaFarisi kuMateyu 12:34–37 noLuka 11:33–44, cinga nzulu ngonxibelelwano oluphakathi kweentliziyo zethu nezenzo zethu. Lithetha ntoni kuwe ibinzana elithi “ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo”? (Mateyu 12:35). Amazwi ethu asithethelela okanye asigwebe njani? (bona Mateyu 12:37). Kuthetha ntoni ukuba iliso lakho “lingenakumbi”? (Luka 11:34). Cinga nzulu ukuba “uyakhanyiseleka” (Luka 11:36) njani ngamandla oMsindisi.

Bona kananjalo Alma 12:12–14; IMfundiso neMinqophiso 88:67–68.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 11:28–30.Ungalunceda usapho lwakho ukuba lube nomfanekiso-ngqondweni weemfundiso zoMsindisi ezikule miqolo ngokubenza batshintshane ngokuzama ukutsala into enzima, kuqala ngokwabo emva koko ngoncedo. Yeyiphi eminye yemithwalo esiyithwalayo? Kuthetha ukuthini ukuthwala idyokhwe kaKrestu phezu kwethu? Umfanekiso osekupheleni kwesi sishwankathelo unokukunceda uchaze ukuba yintoni idyokhwe.

Mateyu 12:10–13.Njengoko ufunda ngoYesu ephilisa indoda ngeSabatha, usapho lwakho lungathetha ngendlela “sabuya saphila” ngayo nguMsindisi. ISabatha ingaba lusuku lokuphiliswa kuthi njani?

Uphenjelelwe ngumzekelo woMsindisi kule miqolo, usapho lwakho lungenza uluhlu lweendlela “olunokwenza okulungileyo ngesabetha” (umqolo 12). Qiniseka ukuba ubandakanya amathuba okunceda abanye. Kunokuba luncedo ukugcina uluhlu lwakho kwaye ubhekise kulo ngeeCawa ezizayo.

Luka 11:33–36.Cinga nzulu ngendlela onokulufundisa ngayo usapho lwakho ukuba kuthetha ukuthini “uyakhanyiseleka” (imiqolo 34, 36). Ingaba isifundo esifundiswa ngomzekelo singanceda? Ningaxoxa kananjalo ngeendlela zokuzisa ukukhanya koMsindisi ebomini bethu, nasekhayeni lethu, kunye nasehlabathini.  

Luka 11:37–44.Mhlawumbi usapho lwakho lunokuxoxa ngale miqolo ngelixa nihlamba izitya kunye. Ningathetha malunga nokuba kutheni kungangumbono ombi ukuhlamba kuphela imiphandle yezinto ezifana nezitya neekomityi. Unganxulumanisa ngoko oku nemfuneko yokuba lilungisa kungekuphela kwizenzo zethu zangaphandle kodwa nakwiingcinga zethu zangaphakathi neemvakalelo zethu.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yiba nokungaguquguqukiyo. Unokuba neentsuku apho ukufunda izibhalo kubonakala kunzima kakhulu okanye kunempembelelo encinci kunokuba ubunethemba. Musa ukunikezela. UMdala David A. Bednar wafundisa, “Ukungaguquguquki kwethu ekwenzeni izinto ezibonakala ngathi zincinci kungakhokelela kwiziphumo zokomoya ezibonakalayo” (“More Diligent and Concerned at Home,” Liahona, Nkanga. 2009, 20).

Umfanekiso
iinkomo ezimbini zidyokhwe kunye

“Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali kwaye ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu” (Mateyu 11:29). Ifoto © iStockphoto.com/wbritten

Shicilela