ITestamente eNtsha 2023
EyoKwindla 27–uTshazimpunzi 2. Mateyu 14; Marko 6; Yohane 5–6: “Musani Ukoyika”


“EyoKwindla 27–uTshazimpunzi 2. Mateyu 14; Marko 6; Yohane 5–6: ‘Musani Ukoyika,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoKwindla 27–uTshazimpunzi 2. Mateyu 14; Marko 6; Yohane 5–6,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu uhamba nabafundi bephethe iingobozi ezinezonka

EyoKwindla 27–uTshazimpunzi 2

Mateyu 14; Marko 6; Yohane 5–6

“Musani Ukoyika”

Njengoko ufunda Mateyu 14; Marko 6; noYohane 5–6, khangela iinyaniso ezinentsingiselo kuwe. Usenokuzibuza imibuzo efana nale “Ingaba ezi ngxelo ezikwezi zahluko zinxulumene njani nam?” “Yeyiphi imiyalezo endiyifumanela ubomi bam?” okanye “Yintoni ebendingathanda ukwabelana ngayo nosapho lwam okanye nabanye?”

Bhala Iimvakalelo Zakho

Yintoni eyayinokuba yayiphembelele uPetros ukuba ashiye ukhuseleko lwesikhephe sakhe phakathi koLwandle lwaseGalili ngexesha lwesaqhwithi esivuthuzayo? Yintoni eyamkhokelela ekubeni akholelwe ukuba uYesu wayenako ukuhamba phezu kwamanzi, naye wayengakwazi? Ngeke sazi ngokuqinisekileyo, kodwa mhlawumbi uPetros wayeqonda ukuba uNyana kaThixo wayengezelanga ukwenzela abantu izinto ezimangazayo kodwa wayezokomeleza abantu abafana noPetros ukuba benze izinto ezimangazayo. Isimemo sikaYesu, emveni kwako konke, yayisesokuba “Uze, undilandele” (Luka 18:22). UPetros wayekhe wasamkela esi simemo, kwaye wayezimisele ukusamkela kwakhona, nkqu nokuba kwakuthetha ukuba wayeya kujongana noloyiko lwakhe kwaye enze into ethile eyayibonakala ingenokwenzeka. Mhlawumbi iNkosi ayiyokusicela ukuba sehle esikhepheni phakathi kwesaqhwithi okanye sigalele ngempahla yethu encinane yesonka xa amawaka–waka edinga ukutya, kodwa Yona isenokusicela ukuba samkele izikhokelo naxa singaziqondi ngokupheleleyo. Nokuba siyintoni na isimemo saKhe kuthi, ngamanye amaxesha zisenokubonakala zimangaza okanye zisothusa. Kodwa imimangaliso ingenzeka ukuba thina, njengoPetros, siya kubeka uloyiko lwethu, iintandabuzo zethu, nokuqonda kwethu okunemida bucala size silandele Yena ngokholo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yohane 5:16–47

UYesu Krestu uhlonipha uYise.

Ubudlelwane obuphakathi kukaBawo oseZulwini kunye nomnye wabantwana baKhe benzelwe ukuba bube bobona bungcwele. Kule miqolo, uYesu Krestu wasinika umfuziselo ovuselelayo wokuwulandela ebudlelwaneni bethu noBawo oseZulwini. Funda Yohane 5:16–47, kwaye uphawule indawo nganye enegama elithi Bawo. Ingaba uNyana umhlonipha njani uBawo, kwaye ungawulandela njani umzekelo waKhe? Yintoni oyifundayo ngendlela uBawo aziva ngayo ngoNyana? Yintoni oyiphenjelelwa ukuba uyenze ukomeleza ubudlelwane bakho noBawo wakho oseZulwini?

Bona kananjalo Yohane 17.

Umfanekiso
izonka neentlanzi

UYesu wondla ngommangaliso abantu abangamawaka amahlanu ngezonka ezintlanu neentlanzi ezimbini.

Mateyu 14:15–21; Marko 6:33–44; Yohane 6:5–14

UMsindisi angandisa iminikelo yam ethobekileyo ukuze aphumeze iinjongo zaKhe.

Wawukhe waziva ungonelanga ukuhlangabezana neemfuno zonke ozibona zikungqongile—ekhayeni lakho, ebudlelwaneni bakho, okanye eluntwini lwakho? Abafundi bakaYesu kumele ukuba babeziva bengonelanga xa Yena wayebacela ukuba bondle abantu abangaphezu kwamawaka amahlanu ababelambile xa kwakukhona izonka ezintlanu qha neentlanzi ezimbini kuphela. Njengoko ufunda ngommangaliso owalandela wenzeka, cinga nzulu ngendlela uThixo asenokusebenzisa iminikelo yakho ethobekileyo yenkonzo ukusikelela abanye abakurhangqileyo. Ingaba Yena uzandise kanjani iinzame zakho njengoko umkhonza Yena? Cinga ngale ngxelo ephuma kuDade Michelle D. Craig: “Mna nawe singanika oko sinako kuKrestu, kwaye Yena uya kuziphindaphinda iinzame zethu. Oko unako ukunikela ngako kwanele ngaphaya—nkqu nobu-ethe ethe bendalo nobuthathaka—ukuba uthembele kubabalo lukaThixo” (“Divine Discontent,” Liahona, Nkanga 2018, 54).

Mateyu 14:22–33; Marko 6:45–52; Yohane 6:15–21

UYesu Krestu undimemela ukuba ndibeke uloyiko neentandabuzo zam bucala kwaye ndisebenzise ukholo kuYe.

Yibanomfanekiso engqondweni weenkcukacha wesiqendu esichazwa kuMateyu 14:22–33; Marko 6:45–52; noYohane 6:15–21. Yibanomfanekiso ngqondweni kaPetros nabanye ekwakunokwenzeka babekuva. Yintoni oyifundayo malunga nobufundi obuphuma emazwini nakwizenzo zoMsindisi ezikule miqolo? Yintoni oyifunda emazwini nakwizenzo zikaPetros? (Bona kananjalo 1 Nifayi 3:7.) Yintoni iNkosi ekumemela ukuba uyenze enokufana nokuphuma esikhepheni? Yintoni oyifumana kule miqolo ekunika isibindi sokusebenzisa ukholo lwakho kuYesu Krestu?

Yohane 6:22–71

Njengomfundi kaYesu Krestu, kufuneka ndilangazelele ukukholelwa nokwamkela inyaniso, nokuba inzima ukuba ndiyenze.

Xa uYesu wayebhekisa kuYe buqu “njengesonka sobomi” (Yohane 6:48), abaninzi bafumana oku “kulilizwi elinqabileyo” (Yohane 6:60). Ingaba amazwi kaPetros kuYohane 6:68–69 angakunceda njani ngamaxesha apho xa imfundiso yoMsindisi ibonakala inzima ukuba uyamkele okanye ukuba uyiphile? Yintoni ekuchukumisayo ngobungqina bukaPetros? Ngawaphi amanye “amazwi obomi obungunaphakade” (Yohane 6:68) awakunceda uhlale uzibophelele ekulandeleni uMsindisi?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 14:15–21.Cinga ngokuba usenokulunceda njani usapho lwakho lube nomfanekiso ngqondweni wokuba kwakuya kufuneka izonka neentlanzi ezingakanani ukondla abantu abangamawaka amahlanu. Yintoni ummangaliso okuMateyu 14:15–21 osifundisa yona malunga noMsindisi? Cinga ngokwabelana ngamava apho xa wawuzive ungenako okwaneleyo ukunikela kwaye uMsindisi waziphindaphinda iinzame zakho.

Mateyu 14:22–33.Usapho lwakho lungakonwabela ukulinganisa ibali elikule miqolo. Kwakutheni abafundi baze boyike? Kwakutheni uPetros akwazi ukoyisa uloyiko lwakhe aze ashiye isikhephe? Ingaba walubonisa njani ukholo nangona wayeqalisa ukuntywila? Ingaba ngamanye amaxesha thina sifana njani noPetros?

Yohane 5:1–16.Mema amalungu osapho ukuba aphawule iindawo ezinamabinzana athi “uphile” kule miqolo. Zeziphi iindlela uYesu Krestu angenza abantu baphile? Ingaba Yena usenze saphila njani nanini na?

Yohane 6:28–58.Nika ilungu ngalinye losapho icutswana lesonka lokuba lisitye, kwaye nixoxe ngeenzuzo esizifumana esonkeni nakokunye ukutya okuyimpilo. Emva koko nikhangele le miqolo kunye, nikhangela ukuba kwakutheni uYesu Krestu azibize “isonka sobomi” (Yohane 6:35). Ingaba oku kusenokuthetha ntoni “ukudla” isonka sobomi?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funa ukuqonda okungokwakho kwasemoyeni. Kufundo lwakho lobuqu nolosapho, ungazibekeli umda kwimiqolo eboniswe kwezi zishwankathelo zofundo. INkosi inokuba inemiyalezo yakho kwezi zahluko engagxininiswanga apha. Yicele ngomthandazo.

Umfanekiso
UYesu uphakamisa uPetros emanzini

Against the Wind, nguLiz Lemon Swindle [Okuchasene noMoya]

Shicilela