ITestamente eNtsha 2023
UTshazimpunzi 10–16. Mateyu 15–17; Marko 7–9: “Wena Unguye uKrestu”


“UTshazimpunzi 10–16. Mateyu 15–17; Marko 7–9: “Wena Unguye uKrestu” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“UTshazimpunzi 10–16. Mateyu 15–17; Marko 7–9,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
Ukwenziwa Kumila Kumbi kukaKrestu

The Transfiguration, nguCarl Heinrich Bloch [Ukumila Kumbi]

UTshazimpunzi 10–16

Mateyu 15–17; Marko 7–9

“Wena Unguye uKrestu”

Ukufunda izibhalo kumemela uMoya oyiNgcwele ebomini bakho. Omnye wemisebenzi ebalulekileyo yoMoya oyiNgcwele kukungqina ngoYesu Krestu. Njengoko ufunda izibhalo kule veki, thathela ingqalelo iimvakalelo zokomoya ezomeleza ubungqina bakho ngoMsindisi.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Akumangalisi ukuba abaFarasi nabaSadusi babefuna uYesu ababonise “umqondiso ophuma ezulwini”? Ingaba imimangaliso yaKhe eyayisaziwa kakuhle yayingonelanga na? Kwenzekani ngeemfundiso zaKhe ezimandla okanye iindlela zaKhe ezininzi Yena awayezalisekise ngazo iziprofeto zamandulo? Imbango yabo yayingaqhutywa kukungabikho kwemiqondiso kodwa yayibangwa kukungafuni “ukuyicalula imiqondiso” kwaye bayamkele. (Bona Mateyu 16:1–4.)

UPetros, njengabaFarasi nabaSadusi, wayeyibonile imimangaliso yoMsindisi kwaye wayezivile iimfundiso zaKhe. Kodwa ubungqina bukaPetros obuqinisekileyo, “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilileyo,” abuzange buze ngezivo zenyama—“inyama negazi” lakhe. Ubungqina bakhe wayebutyhilelwe “nguBawo wethu oseZulwini.” Isityhilelo silulwalwa apho uMsindisi okhela iBandla laKhe phezu kwalo ngoko nangoku—isityhilelo esiphuma ezulwini sisiya kwizicaka zaKhe. Kwaye olu lulwalwa apho nathi singokhela phezu kwalo ubufundi bethu—isityhilelo sokokuba uYesu unguKrestu nokuba izicaka zaKhe ziphethe “izitshixo zobukumkani.” Xa sokhelwe phezu kwesi sisekelo, “amasango elabafileyo akayi kusoyisa” (Mateyu 16:15–19).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 16:13–17

Ubungqina bukaYesu Krestu buza ngesityhilelo.

Ukuba uYesu Krestu ebenokubuza abantu namhlanje, “Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu?” bebengathini? Ubuzo phendula njani ukuba uYesu ebenokukubuza, “Ke nina nithi ndingubani na?” (Bona Mateyu 16:13–15.)

Cinga nzulu ngobungqina bakho boMsindisi kunye nangendlela obufumene ngayo. Yintoni oyifunda kuMateyu 16:15–17 engabomeleza? Ukuba ubangathanda ukufunda ngakumbi malunga nobungqina nesityhilelo sobuqu, hlola ezi zibhalo zingcwele: Yohane 15:26; 2 Nifayi 31:17–18; Alma 5:45–48; ne-IMfundiso neMinqophiso 8:2–3.

 

Mateyu 16:13–19; 17:1–9; Marko 9:2–9

“Izitshixo zobukumkani bamazulu” zisemhlabeni namhlanje.

“Izitshixo zobukumkani bamazulu” ezo uMsindisi wayethembise ukuzinika uPetros zizitshixo zobubingeleli (Mateyu 16:19). Yintoni izitshixo zobubingeleli? Kutheni sizidinga? Cinga nzulu ngale mibuzo njengoko ufunda ngesithembiso soMsindisi esikuMateyu 16:13–19 nangenzalisekiso yaso ekuMateyu 17:1–9; Marko 9:2–9 (bona kananjalo UGuqulelo lukaJoseph Smith, Marko 9:3 [kuMarko 9:4, igama elisezantsi a ]).

Ezinye izixhobo ezingakunceda ufunde malunga nezitshixo zobubingeleli ziquka IMfundiso neMinqophiso 65:2; 107:18–20; 110:11–16; 128:9–11; “Izitshixo zoBubingeleli” kwisiKhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Xeshikweni ufunda ezi zixhobo, cinga ngokwenza uluhlu loko ukufundayo ngezitshixo zobubingeleli nangeentsikelelo ezivela kuzo. Kutheni ucinga ukuba isitshixo singumqondiso olungileyo welungelo lokukhokela inkonzo yobubingeleli?

Bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Yokumila Kumbi, Intaba.”

Umfanekiso
Umfanekiso oqingqiweyo kaPetros ephethe izitshixo

Izitshixo zobubingeleli ziligunya lokukhokela ukusetyenziswa kobubingeleli.

Mateyu 17:14–21; Marko 9:14–29

Xa ndifuna ukholo olukhulu, ndingaqala ngokholo olu ndinalo.

Utata okhankanywa kuMateyu 17 nakuMarko 9 wayenezizathu zokuba azive engaqinisekanga ukuba uYesu wayenako ukuphilisa unyana wakhe. Yena wayecele abafundi bakaYesu ukuba baphilise unyana wakhe, kwaye ababanako ukumphilisa. Kodwa xa wayecele ummangaliso kuMsindisi, yena wakhetha ukuvakalisa ukholo. “Ndiyakholwa, Nkosi,” yena watsho. Ngoko ke, ekuvumeni ukuba ukholo lwakhe lwalungagqibelelanga, waye wongeza, “Nceda, ususe ukungakholwa kwam.”

Yintoni uMoya okufundisayo yona njengoko ufunda malunga nalo mmangaliso? Ingaba uBawo oseZulwini ukuncede kanjani wandise ukholo lwakho? Yintoni onokuyenza ukokhela phezu kokholo osele unalo? Mhlawumbi ungaqulunqa uluhlu lwezibhalo, imiyalezo yeenkomfa, okanye amava awathe omeleza ukholo lwakho.

 

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 15:7–9; Marko 7:6–7.Yintoni umehluko phakathi kokuhlonipha uThixo ngemilebe yethu, okanye ngamazwi, kunye nokumhlonipha Yena ngeentliziyo zethu?

Mateyu 15:17–20; Marko 7:18–23.Kutheni siqaphele oko sikufaka emilonyeni yethu? Ngokwento uYesu awayifundisayo kule miqolo, kutheni kumele siqaphele ngakumbi ngento ephuma emilonyeni yethu—nasezintliziyweni zethu? Ingaba singazigcina njani iintliziyo zethu zicocekile?

Mateyu 16:15–17.Ingaba uThixo usityhilela njani ukuba uYesu unguye “uKrestu, uNyana kaThixo ophilileyo? (umqolo 16). Ingaba singazilungiselela kanjani ukufumana esi sityhilelo kuYe?

Mateyu 16:13–19; 17:1–9.  Ukufundisa abantwana malunga nezitshixo zobubingeleli, ubungabavumela basebenzise izitshixo ukuvula indlu, imoto, okanye ezinye izitshixo. Cinga ngokubonisa ngomfanekiso woMongameli weBandla kwaye ungqine ukuba ubamba zonke izitshixo zobubingeleli, njengokufana noPetros.

Mateyu 17:20.Abaprofeti abanokholo kuYesu Krestu baye bashukumisa iintaba zokwenene (bona Yakobi 4:6; Moses 7:13). Kodwa ngokwesiqhelo, lowo ayinguwo ummangaliso esiwufunayo. UMongameli M. Russell Ballard wafundisa: “Ukuba sinokholo oluncinane njengokhozo lwemostadi, iNkosi ingasinceda sisuse iintaba zotyhafiso nezentandabuzo emisebenzini engaphambi kwethu njengoko sinceda abantwana bakaThixo, kuquka namalungu eentsapho, amalungu eBandla, nabo bangekabingomalungu eBandla” (“Precious Gifts from God,” Liyahona, Canzibe 2018, 10). Zeziphi ezinye iintaba ebomini bethu ezifuna ukususwa? Singalubonisa njani ukholo emandleni kaThixo okusinceda sisuse ezi ntaba?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Hlanganani kunye rhoqo. UMongameli Henry B. Eyring wafundisa: Ungaze uliphose ithuba lokuqokelela abantwana babe kunye ukuze bafunde ngemfundiso kaYesu Krestu. Le mizuzu injalo inqabile xa uyithelekisa nemizamo yotshaba” (“The Power of Teaching Doctrine,” Ensign, Canzibe 1999, 74).

Umfanekiso
indoda nonyana ogulayo phambi koYesu

Master, I Have Brought unto Thee My Son, nguWalter Rane [Mfundisi, Bendizise uNyana Wam Kuwe]

Shicilela