ITestamente eNtsha 2023
UTshazimpunzi 24–30. Yohane 7–10: “Ndim uMalusi oLungileyo”


“UTshazimpunzi 24–30. Yohane 7–10: ‘Ndim uMalusi oLungileyo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“UTshazimpunzi 24–30. Yohane 7–10,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UYesu kunye nomfazi owele emhlabeni

Neither Do I Condemn Thee [Nam Andikugwebi], ngu-Eva Koleva Timothy

UTshazimpunzi 24–30

Yohane 7–10

“Ndim uMalusi oLungileyo”

Njengoko ufunda Yohane 7–10, usenokufumana iimvakalelo kuMoya oyiNgcwele malunga nemigaqo yemfundiso kwezi zahluko. Ukubhala iimvakalelo zakho kungakunceda wenze icebo lokusebenza phezu kwazo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Nangona uYesu Krestu weza kuzisa “uxolo [kunye] nenkolelo ebantwini” (Luka 2:14), “sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe” (Yohane 7:43). Abantu ababona iziganeko ezifanayo bafikelela kwizigqibo ezahlukahlukeneyo zokuba wayengubani uYesu. Abanye bagqiba ngelithi, “Ulungile,” abanye ke besithi, “Yena ulahlekisa uluntu olu” (Yohane 7:12). Xa Yena wayephilisa indoda eyimfama ngeSabatha, abanye banyanzelisa besithi, “Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini,” ngelixa abanye bebuza “Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana?” (Yohane 9:16). Kanti ke ngaphandle kwako konke ukubhideka, abo babeyifuna inyaniso bawabona amandla kumazwi aKhe, kuba “akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu” (Yohane 7:46). Xa amaYuda acela uYesu ukuba “sixelele ngokuphandle” ukuba unguKrestu na, Yena watyhila umgaqo onokusinceda ukwahlula inyaniso kwimpazamo: “Izimvu ziyaliva ilizwi lam,” Yena wathi, ndibe nam ndizazi, zindilandela” (Yohane 10:24, 27).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yohane 7:14–17

Njengoko ndiphila iinyaniso ezifundiswa nguYesu Krestu, ndiya kuqonda ukuba ziyinyani.

AmaYuda amangaliswa kukuba uYesu wayesazi okuninzi kangako, ekubeni Yena wayengafundanga (bona umqolo 15)—ubuncinane, kungekhona ngeendlela awayeqhelene nazo. Kwimpendulo kaYesu, Yena wafundisa indlela eyahlukileyo yokwazi inyaniso efunyanwa ngumntu wonke, kungakhathaliseki imfundo okanye imvelaphi. NgokukaYohane 7:14–17, unokwazi njani ukuba imfundiso eyafundiswa nguYesu iyinyani? Ingaba le nkqubo ikuncede njani ukuphuhlisa ubungqina bakho bevangeli?

Yohane 8:2–11

Inceba yoMsindisi iyafumaneka kubo bonke.

Xa wayethetha ngokudibana kukaMsindisi kunye nalo mfazi uthathwe ekrexeza, uMdala Dale G. Renlund wathi: “Ngokuqinisekileyo, uMsindisi akazange akhuthaze ukukrexeza. Kodwa Yena akazange amgwebe umfazi. Wamkhuthaza ukuba abutshintshe ubomi bakhe. Wakhuthazeka ukuba atshintshe ngenxa yemfesane nenceba yaKhe. UGqulelo lukaJoseph Smith lweBhayibhile luyangqina kwisiphumo sobufundi bakhe: ‘Umfazi lowo wamzukisa uThixo ukususela ngelo lixa, wakholwa kwigama lakhe’ [bona Yohane 8:11,]” (“Our Good Shepherd,” Liahona, Canzibe 2017, 30).

Uzive nini njengomfazi, ufumana inceba endaweni yokugwetywa nguMsindisi? Wakhe waba nini njengababhali nabaFarisi, utyhola okanye ugweba abanye naxa ungenasono? (bona Yohane 8:7). Yintoni enye onokuyifunda kwindlela uMsindisi awayesebenzisana ngayo nababhali nabaFarisi kunye nomfazi owayebanjwe ekrexeza? Ufunda ntoni ngokuxolela koMsindisi njengoko ufunda le miqolo?

Yohane 9

Ukuba sinokholo, uThixo unokuzibonakalisa ngokwaKhe kwiimbandezelo zethu.

Ukufundisa ntoni Yohane 9:1–3 malunga nemiceli mngeni kunye neenkxwaleko zobomi? Njengoko ufunda Yohane 9, cinga nzulu ngendlela “[yayi]bonakaliswe ngayo imisebenzi kaThixo” kubomi bendoda eyayizalwe iyimfama. Iye yabonakaliswa njani ebomini bakho—kuquka nakwiimbandezelo zakho?

Yohane 10:1–30

UYesu Krestu nguMalusi oLungileyo.

Nokuba awuqhelananga neegusha nokwalusa, ukufunda Yohane 10, apho uMsindisi athi, “Ndim umalusi olungileyo,” kungakufundisa iinyani ezibalulekileyo ngaYe. Ukufumana ezi nyaniso, khangela amabinzana achaza ukuba unjani umalusi olungileyo kwaye ucinge ukuba la mabinzana asebenza njani kuMsindisi. Apha ngezantsi kukho imizekelo:

  • Umqolo 3: “Azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona.”

  • Umqolo 11: “Ubomi bakhe ubuncamela izimvu.”

  • Umqolo 16: “Zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.”

Nantsi eminye imibuzo enokukunceda ucinge nzulu ngesi sahluko: UYesu ufana njani nomnyango? (bona imiqolo 7–9). Ukunike njani wena “ubomi … ngokugqithisileyo”? (umqolo 10). Ukhe waziva nini ukuba Yena uyakwazi buqu? (bona umqolo 14). Uliqonda njani ilizwi loMalusi oLungileyo?(bona umqolo 27).

Bona kananjalo INdumiso 23; Hezekile 34; Alma 5:37–39; 3 Nifayi 15:21–16:5.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Yohane 7:24.Ukunceda usapho lwakho luqonde imfundiso kaYesu kuYohane 7:24, ungababonisa into ejongeka ngendlela enye ngaphandle kodwa yahlukile ngaphakathi. Okanye amalungu osapho anokwabelana ngamava awafundise wona ukuba angagwebi ngenkangeleko yangaphandle. Unokwenza uluhlu lweempawu zelungu ngalinye losapho ezingabonakaliyo kwiliso (bona kananjalo 1 Samuweli 16:7.

Yohane 8:31–36.Kuthetha ntoni ukuba “ngumkhonzi wesono”? (bona kananjalo Moronayi 7:11). Zeziphi iinyaniso ezifundiswa nguYesu ezinokusikhulula?

Umfanekiso
UKrestu uphilisa indoda engaboniyo

Jesus Healing the Blind [UYesu ePhilisa iMfama] nguCarl Heinrich Bloch

Yohane 9.Ungalunceda njani usapho lwakho ukuba lube nombono wengxelo kaYesu ephilisa indoda eyimfama kuYohane 9? Nqumamisa ibali ngamaxesha athile ukuze amalungu osapho akwazi ukufunda imiqolo ehambelanayo kuYohane 9. Bameme ukuba baphawule naziphi na izifundo abazifundayo kule ngxelo, ezifana nokuba kuthetha ukuthini ukuguqukela kwivangeli kaYesu Krestu.

Yohane 10:1–18, 27–29.Ukuze ubandakanye amalungu osapho ekufundeni kumzekeliso womalusi olungileyo, cela ilungu ngalinye kuwo ukuba lizobe umfanekiso wenye yezi zilandelayo: isela, umnyango, umalusi, umqeshwa (umsebenzi oqeshiweyo), ingcuka, negusha. Bameme ukuba bafunde Yohane 10:1–18, 27–29, kwaye emva koko nixoxe njengosapho ngento ayifundisileyo uMsindisi malunga nezinto abazizobileyo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela amazwi kunye namabinzana akhuthazayo. Njengoko ufunda, uMoya usenokuzisa amazwi athile okanye amabinzana kwingqalelo yakho akuphembelele kwaye akukhuthaze okanye abonakale ngathi abhalelwe nje wena. Cinga ngokubhala nawaphi na amazwi okanye amabinzana awakuphembelelayo kuYohane 7–10.

Umfanekiso
UKrestu nemvana

Lost No More [Akusekho kuLahlela], nguGreg K. Olsen

Shicilela