ITestamente eNtsha 2023
UTshazimpunzi 3–9. IPasika: “Luphi na, Kufa, uLwamvila Lwakho?”


“UTshazimpunzi 3–9. IPasika: ‘Luphi na, Kufa, uLwamvila Lwakho?,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“UTshazimpunzi 3–9. IPasika,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
Ingcwaba leSitiya

UTshazimpunzi 3–9

IPasika

“Luphi na, Kufa, uLwamvila Lwakho?”

Njengoko ufunda ubungqina boVuko loMsindisi kwesi sishwankathelo, qaphela ukuva kunye neemvakalelo eziza kuwe zivela kuMoya oyiNgcwele.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngexesha leveki yokugqibela yobomi boMsindisi, amaYuda amaninzi awayemngqongile ayethatha inxaxheba kumasiko ePasika. Ayelungiselele ukutya, ecula iingoma, kwaye ahlangana ndawonye ukukhumbula ukukhululwa kwendlu kaSirayeli ebukhobokeni bamaYiputa. Iintsapho zaziphulaphula ibali lengelosi etshabalalisayo eyayidlula kumakhaya ookhokho bazo ababephawule iingcango zabo ngegazi lemvana. Phakathi kwayo yonke le mibhiyozo ityebe kangaka kunye inomfuziselo wenkululeko, ngokwentelekiso babembalwa ababesazi ukuba uYesu Krestu, iMvana kaThixo, wayesele eza kubahlangula ebukhobokeni besono nokufa—ngokubandezeleka kwaKhe, nokufa kwaKhe, kunye nangoVuko lwaKhe. Nangona kunjalo, babekhona abo babemamkela uYesu njengoMesiya wabo othenjisiweyo, uMhlanguli wabo ongunaphakade. Ukusukela ngelo xesha ukubheka phambili, abafundi bakaYesu Krestu bangqina kwihlabathi liphela “okokuba uKrestu wazifela izono zethu … ; nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu” (1 AbaseKorinte 15:3–4).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 21–28

UYesu Krestu uyandihlangula esonweni nasekufeni, uyandomeleza kubuthathaka bam, kwaye uyandithuthuzela ezilingweni zam.

Enye indlela yokugxila kwiintsikelelo zeNtlawulelo yoMsindisi kule veki kukuchitha ixesha suku ngalunye ufunda malunga neveki yokugqibela yobomi bukaYesu (uludwe lwenkqubo olunokwenzeka lokufunda lulandelayo). Yintoni oyifumana kwezi zahluko ekunceda ukuba uve uthando loMsindisi? Cinga nzulu ukuba ezi zahluko zikufundisa ntoni ngendlela Yena anokusihlangula ngayo esonweni, ekufeni, ezilingweni, kunye nasebuthathakeni. Ulusebenzisa njani ukholo kumandla aKhe wenkululo?

Bona kananjalo Easter.ComeuntoChrist.org.

Umfanekiso
UYesu emnqamlezweni

Crucifixion [Ukubethelelwa eMnqamlezweni], nguLouise Parker

Mateyu 28:1–10; Luka 24:13–35; Yohane 20:19–29; 1 AbaseKorinte 15:1–8, 55

Amangqina amaninzi ayangqina ngoVuko lukaYesu Krestu.

Khawucinge ukuba ngekwakunjani kubabafundi ukubukela uYesu esenziwa intlekisa, ephathwa kakubi, kwaye ebethelelwa emnqamlezweni. Baye bawabona amandla aKhe, babuva ubunyani beemfundiso zaKhe, kwaye babenokholo lokuba Yena wayenguNyana kaThixo. Ukubona ukusweleka kwaKhe kumele ukuba kwabangela ukuba abafundi baKhe bazive besentlungwini kwaye bedidekile. Kodwa kungekudala baye baba ngamangqina ommangaliso omkhulu woVuko lwaKhe.

Yintoni onokuyifunda kwiingxelo zabo babona uMsindisi oVukileyo? Phawula okanye uqaphele amava omntu ngamnye kuMateyu 28:1–10; Luka 24:13–35; Yohane 20:19–29; kunye 1 AbaseKorinte 15:1–8, 55. (Amanye amangqina kaKrestu ovukileyo anokufunyanwa ku-3 Nifayi 11; Mormoni 1:15; Etere 12:38–39; IMfundiso neMinqophiso 76:19–24; 110:1–10; kunye IMbali—kaJoseph Smith 1:15–17.) Yintoni ekuchukumisayo ngobungqina bala mangqina? Emva koVuko loMsindisi, abanye bavuswa kwaye babonakala kwabaninzi (bona Mateyu 27:52–53; 3 Nifayi 23:9). Ukholo lwakho kuMsindisi kunye nesithembiso sovuko ziphembelela njani indlela ophila ngayo?

1 Petros 1:3–11

UYesu Krestu undinika ithemba kunye novuyo.

Ngawaphi amazwi okanye amabinzana ku-1 Petros 1:3–11 awakunika ithemba ngenxa kaYesu Krestu? Wakhe waliva nini elo themba?

UMdala Gerrit W. Gong wangqina ukuba uVuko “lunika ithemba kwabo baphulukene namalungu omzimba; abo baphulukene nokubona, ukuva, okanye ukuhamba; okanye abo kucingwa ukuba balahlekile ngenxa yezifo ezingapheliyo, ukugula ngengqondo, okanye esinye isakhono esicuthiweyo. Yena uyasifumana. Usenza siphelele. … [Kananjalo,] kuba ‘uThixo ngokwakhe uhlawulela izono zehlabathi,’ [Alma 42:15], … Yena unako, ngenceba, ukusinceda ngokobuthathaka bethu. … Siyaguquka kwaye senze konke esinako ukwenza. Yena usirhangqa ngonaphakade ‘ezingalweni zothando lwakhe’ [2 Nifayi 1:15]” (“Hosanna and Hallelujah—The Living Jesus Christ: The Heart of Restoration and Easter,” Liahona, Canzibe 2020, 54).

Bona kananjalo Alma 27:28; 36:1–24; 3 Nifayi 9:11–17; Moronayi 7:40–41.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

ComeuntoChrist.org.Easter.ComeuntoChrist.org iqulethe umgca wexesha kunye nenkcazo yento eyenzekileyo ngosuku ngalunye lweveki yokugqibela yobomi boMsindisi. Usuku ngalunye lweveki, usapho lwakho lungajonga ezi nkcazo ukubona ukuba uMsindisi wenza ntoni ngaloo mini, okanye ningafunda ngeveki yaKhe yokugqibela kwizibhalo njengosapho (bona uluhlu olucetyisiweyo kwi-“iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Zakho” ngentla)

Amaculo kunye neNcwadi yeeNgoma zaBantwana.Cingani ngokucula iingoma kunye ezimalunga neNtlawulelo kunye noVuko loMsindisi kule veki, kuquka nezinye ezingaqhelekanga kuni. Ukunceda amalungu osapho ukuba afunde iingoma, ungabonisa imifanekiso ehambelana namazwi.

Ingqokelela “kaYesu Krestu” kwiThala Leencwadi zeVangeli.Ingqokelela yeThala Leencwadi zeVangeli esihloko “Yesu Krestu” iquka imiboniso bhanya-bhanya, umsebenzi wobugcisa, kunye nomculo onokunceda usapho lwakho lubhiyozele uVuko loMsindisi kule Pasika.

“UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile.”Njengosapho, fundani “UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile” (ChurchofJesusChrist.org). Mema ilungu ngalinye losapho ukuba lichonge umyalezo wePasika kobu bungqina ukuze babelane nabanye. Umzekelo, usenokwenza iiposta ukuzibonisa kumakhasi onxibelelwano, kumnyango wakho wangaphambili, okanye ekhayeni lakho.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Zibekele iinjongo ezilawulekayo. Ukuchitha nokuba yimizuzu embalwa ngosuku ufunda izibhalo kunokubusikelela ubomi bakho. Zibophelele ekufundeni yonke imihla, fumana indlela yokuzikhumbuza ngembophelelo yakho, kwaye wenze konke okusemandleni akho ukulandelela. Ukuba uyalibala, musa ukunikezela. Qalisa nje kwakhona.

Umfanekiso
UKrestu eGetsemane

Gethsemane [Getsemane], ngu-Adam Abram

Shicilela