ITestamente eNtsha 2023
UTshazimpunzi 17–23. Mateyu 18; Luka 10: “Ndenze Ntoni ukuze ndiBudle iLifa uBomi obunguNaphakade?”


“UTshazimpunzi 17–23. Mateyu 18; Luka 10: ‘Ndenze Ntoni ukuze ndiBudle iLifa uBomi obunguNaphakade?,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“UTshazimpunzi 17–23. Mateyu 18; Luka 10,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UMsamariya olungileyo

The GoodSamaritan [UMsamariya Olungileyo], nguDan Burr

UTshazimpunzi 17–23

Mateyu 18; Luka 10

“Ndenze Ntoni ukuze ndiBudle iLifa uBomi obunguNaphakade?”

Njengoko ufunda ngomthandazo kwaye ucinga nzulu Mateyu 18 noLuka 10, nika ingqalelo kwiimpembelelo ezizolileyo zoMoya oyiNgcwele. Uya kukuxelela ukuba ezi mfundiso kunye namabali asebenza njani kuwe. Bhala iimvakalelo ozifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Xa ubuza iNkosi umbuzo, usenokufumana impendulo obungayilindelanga. Ngubani ummelwane wam? Nabani na ofuna uncedo lwakho nothando lwakho. Ngubani na ke omkhulu kakhulu ebukumkanini bamazulu? Umntwana. Ingaba kwanele ukuxolela umkhubekisi amaxesha asixhenxe? Hayi, kuya kufuneka uxolele amashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe. (Bona Luka 10:29–37; Mateyu 18:4, 21–22.) Iimpendulo ezingalindelekanga ezivela kwiNkosi zingasimema ukuba sitshintshe indlela esicinga ngayo, esiziva ngayo, nesenza ngayo izinto. Ukuba ufuna intando yeNkosi kuba ufuna ngenene ukufunda kuYo, iNkosi iya kukufundisa indlela yokuphila ngendlela ekhokelela kubomi obungunaphakade kunye naYo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 18:21–35

Kumele ndibaxolele abanye ukuba ndizakufumana ukuxolelwa yiNkosi.

Ingcebiso kaPetros yokuba angamxolela umntu kasixhenxe ingabonakala inesisa kakhulu, kodwa uYesu wafundisa umthetho ophakamileyo. Impendulo yakhe, “Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe” (umqolo 22), yayingafundisi ngamanani kodwa ngokukhulisa isimo sengqondo esifana nesikaKrestu sokuxolela. Njengoko ufunda umzekeliso wesicaka esingenanceba, cinga nzulu ngamaxesha apho uye wayiva inceba nemfesane kaThixo. Ingaba ukhona umntu ofuna ukuva inceba novelwano kuwe?

UMdala David E. Sorensen unike esi silumkiso sibalulekileyo: “Nangona kufuneka simxolele ummelwane osenzakalisayo, kufuneka sisebenze ngendlela eyakhayo ukuthintela oko kwenzakala ekuphindweni. … Uxolelo alufuni ukuba samkele okanye sinyamezele ububi. … Kodwa njengoko silwa nesono, akufuneki sivumele intiyo okanye umsindo ulawule iingcinga okanye izenzo zethu” (“Forgiveness Will Change Bitterness to Love,” Liahona, Canzibe 2003, 12).

Luka 10:1–20

Ngoobani abangamaShumi aSixhenxe?

Ukulandela umfuziselo owamiselwa kumaxesha eTestamente eNdala (bona Eksodus 24:1; INumeri 11:16), uYesu Krestu “wamisela abanye abangamashumi asixhenxe,” ukongeza kubaPostile baKhe abaLishumi elineSibini, ukuba bangqine ngaYe, bashumayele ivangeli yaKhe, kwaye bamncede Yena emsebenzini waKhe. Lo mfuziselo uyaqhubeka kwiBandla elibuyisiweyo. AbangamaShumi aSixhenxe babizelwe ukunceda abaLishumi elineSibini kumsebenzi wabo njengamangqina akhethekileyo kaYesu Krestu kulo lonke ihlabathi.

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 107:25–26, 33–34, 97.

Luka 10:25–37

Ukufumana ubomi obungunaphakade, kufuneka ndithande uThixo kwaye ndithande ummelwane wam njengam.

Kuyanceda ukukhumbula ukuba umzekeliso womSamariya olungileyo yayiyindlela kaYesu yokuphendula imibuzo emibini: “Ndenze ntoni na ukuze ndlidle ilifa ubomi obungunaphakade?” Ngubani na ongummelwane wam? (Luka 10:25, 29). Njengoko ufunda lo mzekeliso, gcina le mibuzo engqondweni. Zeziphi iimpendulo ozifumanayo?

Ngomhla kaYesu, ubutshaba phakathi kwamaYuda namaSamariya babusele buhleli kangangamawaka-waka eminyaka. AmaSamariya ayeyinzala yamaYuda awayehlala eSamariya awayetshate nabeeNtlanga. AmaYuda ayeziva ngathi amaSamariya ayonakaliswe kukuzixuba nabeeNtlanga kwaye ayekreqile. AmaYuda ayehamba iikhilomitha eziphumileyo kwindlela yawo ukuze athintele ukudlula eSamariya. (Bona kananjalo Luka 9:52–54; 17:11–18; Yohane 4:9; 8:48.)

Kutheni ucinga ukuba uMsindisi wakhetha umSamariya, umntu owayecatshukelwa ngamaYuda, njengomzekelo wenceba nothando lommelwane wakhe? Lo mzekeliso ukukhuthaza ukuba wenze ntoni?

Bona kananjalo Mozaya 2:17

Luka 10:38–42

Sikhetha “eso sabelo silungileyo” ngokwenza ukhetho lwemihla ngemihla olukhokelela kubomi obungunaphakade.

KuLuka 10:38–42, uYesu ngobunono wamema uMarta ukuba acinge ngokwahlukileyo ngendlela awayechitha ngayo ixesha lakhe. Emva kokucaphula le miqolo, uDade uCarol F. McConkie wafundisa: “Ukuba singabangcwele, kufuneka sifunde ukuhlala ezinyaweni zaloWo uNgcwele kaSirayeli kwaye sinike ixesha kubungcwele. Ingaba sibeka bucala ifowuni, uluhlu olungapheliyo lwezinto eziza kwenziwa, kunye neenkxalabo zehlabathi? Umthandazo, ukufunda, kunye nokuthobela ilizwi likaThixo kumemela ukucoca kwaKhe kunye nothando oluphilisayo kwimiphefumlo yethu. Masithathe ixesha lokuba ngcwele, ukuze sizaliswe nguMoya waKhe oyingcwele nongcwalisayo” (“The Beauty of Holiness,” Liahona, Canzibe 2017, 11). Usenokufuna ukujonga indlela olichitha ngayo ixesha lakho—nakwizinto ezilungileyo. Ingaba ikho enye into “efunekayo” (umqolo 42) ekufanele ukuba uyithathele ingqalelo?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 18:1–11.Kutheni uYesu efuna ukuba sibe njengomntwana omncinane? Zeziphi iimpawu abanazo abantwana esinokuziphuhlisa ukuze sifane ngakumbi noKrestu? (bona Mozaya 3:19).

Umfanekiso
UYesu nabantwana

UYesu ufuna abafundi baKhe babe njengabantwana abancinane.

Mateyu 18:15.Sinokusisebenzisa njani isiluleko esikuMateyu 18:15 kwiintsebenziswano zethu zosapho? Ukwenza oku kungalusikelela njani usapho lwethu?

Mateyu 18:21–35.Usifundisa ntoni lo mzekeliso ngoYesu Krestu? Usifundisa ntoni ngokubaphatha abanye?

Luka 10:25–37.Amalungu osapho angakonwabela ukunxiba isinxibo somdlalo kunye nokulinganisa lo mzekeliso. Sifana njani ngamanye amaxesha nabantu abohlukileyo abakulo mzekeliso? UMsindisi ufana njani nomSamariya olungileyo? Sinokufana njani nomSamariya olungileyo?

Ninokucinga ngokucula kunye iculo okanye ingoma yabantwana exhasa iinyaniso ezikulo mzekeliso. Amalungu osapho angonwabela ukufumana iculo okanye ingoma kwaye achaze ukuba ihambelana njani nomzekeliso.

Luka 10:38–42.Ingaba kukhe kube nzima ukulungelelanisa izinto zokomoya kuludwe lwenkqubo yosapho lwakho? Ibali likaMariya noMarta linokukhuthaza ibhunga losapho okanye umhlangano wangorhatya wosapho malunga nendlela yokwenza oku ngcono. Njengosapho, ninokwenza uluhlu lweendlela zokukhetha “eso sabelo silungileyo” (Luka 10:42).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yondla umoya wothando. Indlela amalungu osapho aziva ngayo kunye nawaphethana ngayo ingaphembelela ngokunzulu umoya ekhayeni lakho. Nceda onke amalungu osapho enze indima yawo ekumiliseni ikhaya elithandanayo, nelihloniphayo ukuze wonke umntu azive ekhuselekile ukuba abelane ngamava, nemibuzo, kunye nangobungqina.

Umfanekiso
UKrestu noMariya noMarta

Christ in the Home of Mary and Martha [UKrestu eKhayeni likaMariya noMarta], nguWalter Rane

Shicilela