ITestamente eNtsha 2023
UCanzibe 1–7. Luka 12–17; Yohane 11: “Vuyisanani Nam; Ngokuba Ndiyifumene Imvu Yam Ebilahlekile”


“UCanzibe 1–7. Luka 12–17; Yohane 11:‘ Nam; Ngokuba Ndiyifumene Imvu Yam Ebilahlekile,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“UCanzibe 1–7. Luka 12–17; Yohane 11,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
Indoda iwola unyana wayo

The Prodigal Son, nguLiz Lemon Swindle [Unyana Wolahleko]

UCanzibe 1–7

Luka 12–17; Yohane 11

“Vuyisanani Nam; Ngokuba Ndiyifumene Imvu Yam Ebilahlekile”

Njengoko ufunda Luka 12–17 noYohane 11, funa ngomthandazo oko uBawo oseZulwini afuna ukuba ukwazi kwaye ukwenze. Isifundo sakho sezi zahluko singavulela intliziyo yakho kwimiyalezo eyenzelwe wena qha.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwiimeko ezininzi, ama-99 ekhulwini 100, ebengathathwa njengobalaseleyo—kodwa hayi xa amanani anjalo emele abantwana abayintanda bakaThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 18:10). Kuloo meko, nkqu nomphefumlo omnye ufanelwe lukhangelo olugqibeleleyo, nolungqwangangqwili “[side siyifumane]” (Luka 15:4), njengoko uMsindisi wafundisa kulo mzekeliso wegusha elahlekileyo. Emva koko ukuvuyisana kungaqala, ngokuba “kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko” (Luka 15:7). Ukuba oko kubonakala kungalunganga, kuluncedo ukukhumbula ukuba, enyanisweni, akukho namnye “ongaswele nguquko.” Sonke sidinga ukuhlangulwa. Kwaye sonke singathatha inxaxheba kuhlangulo, sivuyisane kunye nayo yonke imiphefumlo esindisiweyo (bona IMfundiso neMinqophiso 18:15–16).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Luka 12; 14–16

Ndiyasikelelwa njengoko ndibeka intliziyo yam kwizinto zanaphakade.

Kutheni uThixo ayo kuthi “Msweli-kuqonda” kwindoda eyayisebenza ngokuzimisela, nephumeleleyo eyayokhe oovimba abakhulu yaze yabagcwalisa ngeziqhamo zemisebenzi yayo? (bona Luka 12:16–21). Kwezi zahluko kuLuka, uMsindisi ufundisa imizekeliso eliqela engasinceda siphakamise ukubona kwethu ngaphaya kwezomhlabathi kube ngokunaphakade. Eminye yale mizekeliso idwelisiwe apha. Ungawushwankathela njani umyalezo wawo ngamnye? Yintoni ocinga ukuba iNkosi ikuxelela yona?

Bona kananjalo Mateyu 6:19–34; 2 Nifayi 9:30; IMfundiso neMinqophiso 25:10.

Luka 15

UBawo oseZulwini uyavuya xa abo balahlekileyo befunyenwe.

Njengoko ufunda imizekeliso uYesu awayifundisa kuLuka 15, yintoni oyifunda kwindlela uBawo oseZulwini aziva ngayo ngabo bathe bona okanye abathe ngenye indlela “balahleka”? Ingaba inkokheli yokomoya—okanye nabani kuthi—kumele sizive kanjani ngabo? Cinga ngendlela abaFarasi nababhali ababenokuyiphendula ngayo le mibuzo (bona Luka 15:1–2). Impendulo kaYesu ingafumaneka kule mizekeliso imithathu kuLuka 15. Njengoko ufunda, cinga ngoko uYesu wayekufundisa ababhali nabaFarasi ngale mizekeliso.

Usenokucinga kananjalo ngokwenza uluhlu lwezinto ezifanayo nezohlukileyo phakathi kwemizekeliso. Umzekelo, usenokuchonga oko kwakulahlekile kumzekeliso ngamnye nokokuba kwakutheni kulahlekile, ukuba kwafunyanwa kanjani, nokokuba abantu benzani njani xa kwakufunyenwe. Yeyiphi imiyalezo uYesu awayenayo kwabo “babelahlekile”—kuquka nabo bangacingi ukuba balahlekile? Yeyiphi imiyalezo Yena awayenayo kwabo bafuna abo balahlekileyo?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 18:10–16.

Umfanekiso
Umfazi ekhangela imali yenkozo

The Lost Piece of Silver (Idrarhima Elahlekileyo), nguJames Tissot

Luka 16:1–12

Yintoni uKrestu awayeyifundisa kulo mzekeliso malunga negosa elingenabulungisa?

UMdala uJames E. Talmage wacacisa isifundo esinye esingasifunda kumzekeliso: “Yibanenyameko; kuba umhla apho ongasebenzisa ubutyebi bakho basemhlabeni buya kugqitha kungekudala. Funda nkqu nasekunganyanisekeni nakubungendawo; ukuba balumke kangangokuba babonelela ikamva kuphela abacinga ngalo, ingaba wena kumele ubonelele kangakanani na, okholelwa kwikamva lanaphakade! Ukuba awukafundi ubulumko ekusebenziseni ‘ubutyebi bokungalungisi,’ ungathenjwa njani ngobunye ubutyebi obunyamezelekayo?” (Jesus the Christ [1916], 464). Zeziphi ezinye izifundo ozifumanayo kulo mzekeliso?

Luka 17:11–19

Umbulelo weentsikelelo zam uya kundisondeza ngakumbi kuThixo.

Ukuba wawungomnye wabo balishumi ababeneqhenqa, ucinga ukuba wawuya kubuyela ubulele uMsindisi? Zeziphi iintsikelelo ezongezelelweyo lowo wayeneqhenqa owayenombulelo awazifumana ngenxa yokuba wayebulele?

Usenokucinga nzulu kanjalo ngamazwi oMsindisi, “Ukholo lwakho lukusindisile” (umqolo 19). Ngoluvo lwakho, ingaba umbulelo nokholo zinxulumene njani? Ingaba zombini zisinceda njani ukuba sisinde?

Yohane 11:1–46

UYesu Krestu uluVuko nabo uBomi.

Ummangaliso wokuvusa uLazaro ekufeni wawubobona bungqina bunamandla nobungenakuphikiswa bokokuba uYesu wayenguNyana kaThixo wokwenene noMesiya owayethenjisiwe. Ngawaphi amagama, amabinzana, okanye iinkcukacha ezikuYohane 11:1–46 ezomeleza ukholo lwakho lokuba uYesu Krestu “uluvuko, nabo ubomi”? Kuthetha ukuthini kuwe ukuba uYesu “uluvuko, nabo ubomi”?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Luka 15:1–10.Ingaba amalungu osapho lwakho ayakuqonda ukuba kuvakala kanjani ukulahlekelwa yinto ethile—okanye ukuba alahleke? Ukuthetha ngamava wawo kungaqala ingxoxo emalunga nemizekeliso yegusha elahlekileyo okanye ukhozo lwemali elahlekileyo. Okanye ninokudlala umdlalo apho omnye umntu azimelayo aze amanye amalungu osapho azame ukumkhangela. Ingaba lo msebenzi usinceda njani ukuze siqonde le mizekeliso?

Luka 15:11–32.Singafana njani notata okweli bali xa silahlekelwe ngabo sibathandayo? Yintoni esinokuyifunda kumava wonyana omdala enokusinceda sibenjengoKrestu ngakumbi? Ngeziphi iindlela apho utata okumzekeliso afana ngazo noBawo wethu oseZulwini?

Luka 17:11–19.Ukunceda amalungu osapho asebenzise ingxelo yabalishumi abaneqhenqa, unokuwamema ukuba ashiyele ngasese omnye nomnye amazwi ombulelo. Ningenza uluhlu lweentsikelelo usapho lwakho oluthe lwazifumana.

Yohane 11:1–46.Amalungu osapho angabelana ngobungqina bawo bukaYesu Krestu.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa amabali kunye nemizekelo ukufundisa imigaqo yevangeli. UMsindisi wayedla ngokufundisa imigaqo yevangeli ngokusebenzisa amabali nemizekeliso. Cinga ngemizekelo kwakunye namabali aphuma ebomini bakho awanokwenza imigaqo yevangeli iphile kusapho lwakho (bona Teaching in the Savior’s Way22).

Umfanekiso
indoda iguqile ibulela phambi koYesu

Where Are the Nine, nguLiz Lemon Swindle [Baphi Na Ke Abasithoba]

Shicilela