ITestamente eNtsha 2023
UCanzibe 8–14. Mateyu 19–20; Marko 10; Luka 18: “Ndisaswele Ntoni Na?”


“UCanzibe 8–14. Mateyu 19–20; Marko 10; Luka 18: ‘Ndisaswele Ntoni Na?,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“UCanzibe 8–14. Mateyu 19–20; Marko 10; Luka 18,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
abasebenzi esidiliyeni

UCanzibe 8–14

Mateyu 19–20; Marko 10; Luka 18

“Ndisaswele Ntoni Na?”

Funda uze ucinge nzulu Mateyu 19–20; Marko 10; kunye noLuka 18, unikele ingqalelo kuchukumiso olufumanayo. Phawula olo chukumiso, kwaye ubone ukuba uza kwenza njani ngalo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukuba ubunethuba lokubuza uMsindisi umbuzo, ubungaba yintoni? Xa indodana ethile esisityebi yayidibana noMsindisi okokuqala, yabuza, “Yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi obungunaphakade?” (Mateyu 19:16). Impendulo yoMsindisi yabonisa uxabiso ngezinto ezilungileyo eyayisele izenzile indodana kunye nokhuthazo lothando lokwenza okungakumbi. Xa sicinga nzulu ngethuba lobomi obungunaphakade, nathi sinokuzibuza ngokufanayo ukuba akukho nto ingakumbi ekufanele ukuba siyayenza. Xa sibuza ngendlela yethu, “Ndisaswele ntoni na?” (Mateyu 19:20), iNkosi ingasinika iimpendulo ezizezethu kanye njengempendulo yaKhe kwindodana esisityebi. Nantoni na iNkosi esicela ukuba siyenze, ukwenza ngempendulo yaYo kuya kusoloko kufuna ukuba simthembe ngaphezu kobulungisa bethu (bona Luka 18:9–14) kwaye nokuba “samkele ubukumkani bukaThixo njengomntwana” (Luka 18:17; bona kananjalo 3 Nifayi 9:22).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 19:3–9; Marko 10:2–12

Umtshato phakathi kwendoda kunye nomfazi umiselwe nguThixo.

Olu tshintshiselwano phakathi koMsindisi nabaFarisi yenye yeendawo ezimbalwa ezibhaliweyo apho uMsindisi wafundisa ngokuthe ngqo ngomtshato. Emva kokufunda Mateyu 19:3–9 noMarko 10:2–12, yenza uluhlu lweentetha eziliqela oziva ukuba zishwankathela iimbono zeNkosi ngomtshato. Ulwazi lwakho ngecebo likaBawo losindiso luyichaphazela njani indlela ocinga kwaye oziva ngayo ngomtshato?

Mateyu 19:3–9; Marko 10:2–12

Ingaba uYesu wafundisa ukuba uqhawulo-mtshato alwamkelekanga okanye abantu abaqhawule umtshato abafanele batshate kwakhona?

Kwintetho emalunga noqhawulo-mtshato, uMongameli Dallin H. Oaks wafundisa ukuba uBawo oseZulwini ujonge ukuba ubudlelwane bomtshato bube banaphakade. Kanti, uThixo uyayiqonda into yokuba ngamanye amaxesha uqhawulo-mtshato luyimfuneko. UMongameli Oaks ucacisile ukuba iNkosi “ivumela abantu abaqhawule umtshato ukuba batshate kwakhona ngaphandle kwebala lokuziphatha kakubi elichazwe kumthetho ophezulu. Ngaphandle kokuba ilungu eliqhawule umtshato lenze izigqitho ezinzulu, linokulungela ukufumana imvume yokungena etempileni phantsi kwemigaqo efanayo yokufaneleka esebenzayo kwamanye amalungu” (“Divorce,” Liahona, Canzibe 2007, 70).

Mateyu 19:16–22 Marko 10:17–22 Luka 18:18–23

Ukuba ndicela eNkosini, Yona iya kundifundisa into endifanele ukuyenza ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade.

Ingxelo yendodana esisityebi inokunqumamisa nakumfundi othembekileyo, wobomi bonke. Njengoko ufunda Marko 10:17–22, bobuphi ubungqina obufumanayo bendodana bokuthembeka nokunyaniseka? Yaziva njani iNkosi ngale ndodana?

Le ngxelo inokuchukumisa ukuba ubuze, “Ndisaswele ntoni na?” (Mateyu 19:20). INkosi isinceda njani ukwenzela esikusweleyo? (bona Etere 12:27). Yintoni esinokuyenza ukuzilungiselela ukwamkela ulungiso lwaKhe kunye noncedo njengoko sizama ukuphucula?

Mateyu 20:1–16

Wonke umntu unokufumana intsikelelo yobomi obungunaphakade, nokuba uyayamkela nini na ivangeli.

Ingaba unokunxulumana kumava nakubaphi na babasebenzi esidiliyeni? Zeziphi izifundo ozifumanela wena kwesi sicatshulwa? UMdala Jeffrey R Holland wafundisa ukuba lo mzekeliso “libali elimalunga nokulunga kukaThixo, umonde waKhe noxolelo, kunye neNtlawulelo yeNkosi uYesu Krestu. Libali elimalunga nesisa novelwano. Libali elingobabalo.” “The Laborers in the Vineyard” (Liahona, Canzibe 2012, 31–33). Kokuphi ukuqonda okongezelelweyo okufumanayo kwiimfundiso zikaMdala uHolland? Loluphi uchukumiso olongezelelekileyo uMoya alunika kuwe?

Umfanekiso
indoda ethobekileyo nomFarisi

The Repentant Publican and the Self-Righteous Pharisee in the Temple [UMbuthi werhafu oGuqukileyo kunye nomFarisi Ozenza iLungisa eTempileni], nguFrank Adams

Luka 18:9–14

Kufuneka ndithembe inceba kaThixo, hayi ubulungisa bam.

Ungawushwankathela njani umahluko phakathi kwemithandazo emibini kulo mzekeliso? Cinga nzulu ngento oziva ukuba kufuneka uyenze ukuze ufane nombuthi werhafu ngakumbi kweli bali ungafani nomFarisi.

Bona kananjalo AbaseFilipi 4:11–13; Alma 31:12–23; 32:12–16.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Marko 10:13–16; Luka 18:15–17. Inokuba kwakunjani ukuba phakathi kwabantwana uYesu awabasikelelayo? Kunokuthetha ntoni “ukwamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana”? (Marko 10:15).

Marko 10:23–27.Yintoni umahluko phakathi kokuba nobutyebi nokuba uthembela kubutyebi? (bona Marko 10:23–24). Kubantu abakholose ngobutyebi, akunakwenzeka [ukungena ebukumkanini bukaThixo]; kodwa kungenzeka kubantu abakholose ngoThixo baze bashiye bonke ubutyebi ngenxa yeNkosi, kuba abantu abanjalo [abakholose ngoThixo] zonke ezo zinto zinako ukwenzeka (bona uGuqulelo lukaJoseph Smith, Marko 10:26 ). Njengosapho, sibonisa njani ukuba sikholose ngoThixo ngaphezu kwezinto eziphathekayo?

Mateyu 20:1–16.Ukubonisa imigaqo ekuMateyu 20:1–16, usenokwenza ukhuphiswano olulula, olunjengogqatso olufutshane. Emva kokuba wonke umntu elugqibile ukhuphiswano, nika wonke umntu ibhaso elilinganayo, kuqalwa ngowokugqibela kugqibele ngophumelele kuqala. Kusifundisa ntoni oku malunga nokuba ngubani ofumana iintsikelelo zobomi obungunaphakade kwicebo likaBawo waseZulwini?

Mateyu 20:25–28; Marko 10:42–45.Iithetha ukuthini ibinzana elithi “nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu”? (Mateyu 20:27). UYesu Krestu wawuzekelisa njani lo mgaqo? Singawulandela njani umzekelo waKhe kusapho lwethu, kwiwadi okanye kwisebe lethu, kunye nasebumelwaneni bethu?

Luka 18:1–14.Sifunda ntoni ngomthandazo kule mizekeliso mibini kule miqolo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fumana ixesha elikusebenzelayo. Kuhlala kulula ukufunda kwizibhalo xa unokuzifunda ungaphazanyiswa. Fumana ixesha elikusebenzelayo, kwaye wenze konke okusemandleni akho ukuze ufundisise ngokungagungqiyo ngelo xesha suku ngalunye.

Umfanekiso
UKrestu nendodana esisityebi

Christ and the Rich Young Ruler [UKrestu kunye neNkokheli eNcinci Esisityebi], nguHeinrich Hofmann

Shicilela