ITestamente eNtsha 2023
UCanzibe 15–21. Mateyu 21–23; Marko 11; Luka 19–20; Yohane 12: “Yabonani, uKumkani Wakho Uza”


“UCanzibe 15–21. Mateyu 21–23; Marko 11; Luka 19–20; Yohane 12: ‘Yabonani, uKumkani Wakho Uza”’ Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“UCanzibe 15–21. Mateyu 21–23; Marko 11; 19–20; Yohane 12,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
indoda emthini njengoko uYesu esondela

Zacchaeus in the Sycamore Tree, nguJames Tissot [UZakeyu Emithini woMthombe]

UCanzibe 15–21

Mateyu 21–23; Marko 11; Luka 19–20; Yohane 12

“Yabonani, uKumkani Wakho Uza”

Ngaphambili kokuba ufunde iingcinga ezikwesi sishwankathelo, funda Mateyu 21–23; Marko 11; Luka 19–20; noYohane 12. Bhala iimvakalelo obunokwabelana ngazo nosapho lwakho okanye eklasini yakho yeBandla.

Bhala Iimvakalelo Zakho

UMsindisi wayelambile emva kokuhamba eBhetani esingise eYerusalem, kwaye umthi womkhiwane owawumganyana wawubonakala ungowona mthombo wokutya. Kodwa njengoko uYesu wayesondela emthini, Yena wafumanisa ukuba wawungavelisi siqhamo (bona Mateyu 21:17–20; Marko 11:12–14, 20). Ngenye indlela, umthi womkhiwane wawufana neenkokheli zezenkolo ezihanahanisayo eYerusalem: iimfundiso zazo ezize nembonakaliso yangaphandle yobungcwele yayinganiki kondla ngokwasemoyeni. AbaFarasi nababhali babebonakala begcina imiyalelo emininzi kodwa babephose imithetho emibini emikhulu: ukuthanda uThixo nokuthanda ummelwane njengoko uzithanda (bona Mateyu 22:34–40; 23:23).

Ngokwahluka, abantu abaninzi baye baqala ukubona isiqhamo esilungileyo kwiimfundiso zikaYesu. Xa Yena wayefika eYerusalem, baye bamamkela ngamasebe awayesikwe emithini ukumlungiselela indlela, besonwabile ukuba ekugqibeleni, njengoko isiprofetho samandulo sasitshilo: “UKumkani wakho uza” (Zekariya 9:9). Njengoko ufunda kule veki, cinga ngeziqhamo zeemfundiso zoMsindisi nangedini lentlawulelo ebomini bakho kwakunye nokuba “ningathwala isiqhamo esininzi” njani (Yohane 12:24).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Luka 19:1–10

INkosi ayigweba ngenkangeleko yangaphandle kodwa igweba ngeminqweno yentliziyo.

Ngemihla kaYesu, abantu abaninzi babecinga ukuba ababuthi berhafu, okanye abaqokeleli berhafu, babenganyanisekanga kwaye babebela abantu. Ngoko ke uZakeyu, oyintloko yababuthi berhafu, wayesisityebi, kwaye oko kwakunomenza abengumrhanelwa ongakumbi. Kodwa uYesu wajonga entliziyweni kaZakeyu. Yintoni Luka 19:1–10 eyityhilayo malunga nentlizyo kaZakeyu? Usenokuphawula amagama akule miqolo awachaza oko uZakeyu wakwenzayo ukubonisa ukuzinikela kwakhe kuMsindisi. Yintoni iminqweno yentliziyo yakho? Yintoni oyenzayo ukufuna uMsindisi, njengokufana noZakeyu?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 137:9.

Mateyu 23; Luka 20:45–47

UYesu ugweba uhanahaniso.

Intsebenziswano yoMsindisi nababhali nabaFarasi yokha umehluko onikisa umdla kunentsebenziswano yakhe noZakeyu. Njengoko uMongameli uDieter F. Uchtdorf wachaza, “[UYesu] waphakama ngomsindo wobulungisa kubahanahanisi abafana nababhali, nabaFarasi, nabaSadusi—abo babezama ukubonakala belungile khon’ ukuze babenokuphumelela udumo, impembelelo, nobutyebi behlabathi, ngalo lonke elo xesha becinezela abantu ekwakumele babeyintsikelelo kubo” (“On Being Genuine,” Liyahona, Canzibe 2015, 81).

KuMateyu 23, uMsindisi wasebenzisa izikweko eziliqela ukuchaza uhanahaniso. Cinga ngokuphawula okanye ngokwenza uluhlu lwezi zikweko kwaye uphawule oko zikufundisa ngohanahaniso. Yintoni umehluko phakathi kohanahaniso nobuthathaka bomntu esijongana nabo sonke njengoko sizama ukuphila ivangeli? Yintoni ophenjelelwa ukuba uyenze ngokwahlukileyo ngenxa yeemfundiso zoMsindisi?

Mateyu 21:1–11; Marko 11:1–11; Luka 19:29–44; Yohane 12:1–8, 12–16

UYesu Krestu unguKumkani wam.

Xa uYesu wayefika eYerusalem ngeentsukwana nje ngaphambi kokuba Yena afezekise iNtlawulelo yaKhe, abo babembona Yena njengeKumkani yabo babonisa ukuzinikela kwabo ngokumthambisa Yena, babeka iimpahla namasebe esundu endleleni yaKhe eya eYerusalem, kwaye bakhwaza iindumiso. Cinga ngokuba indlela olandela ngayo izixhobo ingakwenza nzulu njani ukuqonda kwakho kwezi ziganeko, ezathi zaqala iveki yokugqibela yobomi boMsindisi.

  • Umzekelo wamandulo wokuthanjiswa kwekumkani: 2 OoKumkani 9:1–6, 13

  • Isiprofeto samandulo sokungena ngoloyiso: Zekariya 9:9

  • Intsingiselo yegama elithi hosana: “Hosana” kwisiKhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org).

  • Iziprofeto ezimalunga nendlela uMsindisi aya kubuya ngayo kwakhona: IsiTyhilelo 7:9–12

Ungamhlonipha njani kwaye umfumane njani uMsindisi njengeNkosi noKumkani wakho?

Mateyu 22:34–40

Imithetho emibini emikhulu yeyokuthanda uThixo nokuthanda abanye njengokuba nam ndizithanda.

Ukuba ukhe uzive ugutyungelwe njengoko uzama ukulandela uYesu Krestu, amazwi oMsindisi kwigqwetha kuMateyu 22 angakunceda wenze lula kwaye uqwalasele kubufundi bakho. Nantsi enye indlela yokwenza oku: Yenza uluhlu lwemithetho yeNkosi eliqela. Ingaba into nganye kuluhlu lwakho iqhagamshelana njani nemithetho emibini emikhulu? Ingaba ukugxila kule mithetho mibini emikhulu kungakunceda uyigcine kanjani eminye?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 21:12–14.Ingaba amazwi nezenzo zikaYesu kuMateyu 21:12–14 zibonisa ukuba Yena wayeziva kanjani ngetempile? Sibonisa njani indlela esiziva ngayo ngetempile? Yintoni “esingayikhupha” (umqolo 12) ebomini bethu ukwenza amakhaya ethu afane ngakumbi njengetempile?

Mateyu 21:28–32.Zifundo zini eziphuma kulo mzekeliso wendoda enoonyana ababini ezinganceda usapho lwakho? Umzekelo, ungasebenzisa ibali ukuxoxa ngokubaluleka kwentobeko enyanisekileyo nenguquko. Mhlawumbi usapho lwakho lungabhala umdlalo wokulinganisa umzekeliso kwaye batshintshisane ngokudlala iindima ezahlukeneyo.

Mateyu 22:15–22; Luka 20:21–26.Abantwana bangakonwabela ukwenza imali yeenkozo yobuxoki “enomfanekiso nombhalo” kaYesu kuyo. Bangabhala ngasemva kwemali yeenkozo ezinye “zezinto zikaThixo” (Mateyu 22:21) esinokumnika Yena. Nisenokuthetha nokokuba kuthetha ukuthini “ukubanomfanekiso nombhalo” woMsindisi kuthi (Mateyu 22:20; bona kananjalo Mozaya 5:8; Alma 5:14).

Yohane 12:1–8.UMariya walubonisa njani uthando lwakhe eNkosini? Silubonisa njani uthando lwethu eNkosini?

Umfanekiso
umfazi esosula iinyawo zikaYesu ngeenwele zakhe

Washing Jesus’s Feet (Ukuhlanjwa kweeNyawo zikaYesu), nguBrian Call

Yohane 12:42–43.Zeziphi iziphumo zoluntu ezisityhafisa ekubeni sivakalise okanye sikhusele inkolelo yethu kuKrestu? Ngemizekelo yabantu abangazange banikezele kuxinzelelo loluntu, bona Daniyeli 1:3–20; 3; 6; Yohane 7:45–53; 9:1–38; noMozaya 17:1–4. Singayibonisa njani intlonipho kwabanye njengoko bevakalisa okanye bekhusela iinkolelo zabo zenkolo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa ubugcisa ukubandakanya amalungu osapho.Gospel Art Book neGospel Media Library kwi-ChurchofJesusChrist.org ziqulethe imifanekiso emininzi nemiboniso bhanya-bhanya enganceda [usapho lwakho] lubenomfanekiso–ngqondweni weengqiqo okanye weziganeko” (Teaching in the Savior’s Way22).

Umfanekiso
Ukungena ngoloyiso kukaKrestu

Triumphal Entry, nguWalter Rane [Ukungena ngoLoyiso]

Shicilela