ITestamente eNtsha 2023
UCanzibe 22–28. Joseph Smith—Mateyu 1; Mateyu 24–25; Marko 12–13; Luka 21: “Athe Wafika uNyana woMntu”


“UCanzibe 22–28. Joseph Smith—Mateyu 1; Mateyu 24–25; Marko 12–13; Luka 21: ‘Athe Wafika uNyana woMntu,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Nagbanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“UCanzibe 22–28. Joseph Smith—Mateyu 1; Mateyu 24–25; Marko 12–13; Luka 21,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UkuBuya kweSibini

The Second Coming, nguHarry Anderson [UkuBuya kweSibini]

UCanzibe 22–28

Joseph Smith—Mateyu 1; Mateyu 24–25; Marko 12–13; Luka 21

“Athe Wafika uNyana woMntu”

Njengoko ufunda Joseph Smith—Mateyu 1; Mateyu 24–25; Marko 12–13; noLuka 21, usenokubuza, “Yeyiphi imiyalezo ezi zahluko ezindiphethele yona? eziphethele usapho lwam? eziphethele ubizo lwam?”

Bhala Iimvakalelo Zakho

Abafundi bakaYesu kumele ukuba bafumana isiprofeto saKhe sisothusa: itempile enamandla yaseYerusalem, iziko lokomoya nelenkcubeko labantu bamaYuda, yayiya kutshatyalaliswa kwaphela kangangokuba “[kwakungasayi] kusala apho … ilitye phezu kwelinye.” Ngokwesiqhelo abafundi babefuna ukwazi ngakumbi. “Ziya kubakho nini na ezi zinto?” baye babuza. “Uyini na umqondiso wokufika kwakho?” (Joseph Smith—Mateyu 1:2–4). Iimpendulo zoMsindisi zatyhila ukuba intshabalalo eyaza eYerusalem—isiprofeto esazalisekiswa ngo-AD 70—sasiya kuba sincinane xa sithelekiswa nemiqondiso yokuza kwaKhe ngemihla yokugqibela. Izinto ezibonakala zizinze ngakumbi kunetempile eseYerusalem ziya kubonakala zizezexeshana—ilanga, inyanga, iinkwenkwezi, izizwe, nolwandle. Nkqu “namandla ezulu aya kuzanyazanyiswa” (Joseph Smith—Mateyu 1:33). Ukuba siyaqaphela ngokwasemoyeni, esi sidubedube singasifundisa ukuba sibeke ithemba lethu kwinto esisigxina ngokwenene. Njengoko uYesu wayethembisile, “Izulu nomhlaba ziya kudlula; ibe amazwi am angayi kudlula. … Kwaye lowo uwalondolozayo amazwi am, akayi kukhohliswa” (Joseph Smith—Mateyu 1:35, 37).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yintoni iJoseph Smith—Mateyu?

IJoseph Smith—Mateyu, efakwe kwiPerile yeXabiso Elikhulu, luGuqulelo lukaJoseph Smith lomqolo wokugqibela kaMateyu 23 nawo wonke uMateyu 24. Uhlaziyo oluphenjelelweyo lukaJoseph Smith lubuyisa iinyaniso ezixabisekileyo ezazilahlekile. Imiqolo 12–21 ibhekisa kwintshabalalo yaseYerusalem yamandulo; imiqolo 21–55 iqulethe iziprofeto ezimalunga nemihla yokugqibela.

Joseph Smith—Mateyu 1:21–37; Marko 13:21–37; Luka 21:25–38

Iziprofeto ezimalunga noKubuya kweSibini kukaMsindisi zingandinceda ndijongane nekamva ngokholo.

Kungaphazamisa ukufunda malunga neziganeko ezikhokelela eKubuyeni kweSibini kukaYesu Krestu. Kodwa xa uYesu wayeprofeta ngezi ziganeko, Yena waxelela abafundi baKhe ukuba “bangakhathazeki” (Joseph Smith—Mateyu 1:23). “Ungangakhathazeki” kanjani xa usiva ngeenyikima, iimfazwe, iinkohliso, neendlala? Cinga ngalo mbuzo njengoko ufunda le miqolo. Phawula nayiphi na ingcebiso eqinisekisayo othi uyifumane.

Joseph Smith—Mateyu 1:26–27, 38–55; Mateyu 25:1–13; Luka 21:29–36

Kufuneka ndisoloko ndikulindele ukuBuya Kwesibini koMsindisi.

UThixo akatyhilanga “imini kwanalo ilixa lokuza koNyana woMntu” (Mateyu 25:13). Kodwa Yena akafuni isifikele loo mini “ngebhaqo” (Luka 21:34), ngoko ke Yena usinike ingcebiso yokuba silungiselele njani.

Njengoko ufunda le miqolo, chonga imizekeliso nolunye uthelekiso uMsindisi awazisebenzisayo ukusifundisa ukuba sisoloko silungele ukuBuya Kwakhe kweSibini. Yintoni oyifundayo kuyo? Yintoni ophenjelelwa ukuba uyenze?

Usenokucinga ngokuba uMsindisi ufuna wena uncede njani ukulungiselela ihlabathi ukuBuya kwaKhe kweSibini. Uva ukuba kuthetha ukuthini ukulungela ukufumana uMsindisi xa Yena esiza?

Mateyu 25:14–30

UBawo oseZulwini ulindele ukuba ndisebenzise izipho zaKhe ngobulumko.

Kumzekeliso woMsindisi, “italente” yayibhekisa kwimali. Kodwa umzekeliso weetalente ungasichukumisa ukuba sicinge nzulu ngokuba sizisebenzisa njani iintsikelelo zethu, hayi imali nje. Emva kokufunda lo mzekeliso, usenokwenza uluhlu lweezinye iintsikelelo noxanduva uBawo oseZulwini akuphathise zona. Yintoni Yena ayilindele ukuba uyenze ngezi ntsikelelo? Ungazisebenzisa njani ezi zipho ngobulumko?

Mateyu 25:31–46

Xa ndinceda abanye, ndikhonza uThixo.

Ukuba ucinga ngendlela iNkosi eya kugweba ngayo ubomi bakho, funda umzekeliso wezimvu neebhokhwe. Kutheni ucinga ukuba ukukhathalela abo basweleyo kuya kukunceda ulungiselele ukuba “ubudle ilifa ubukumkani” bukaThixo?

Ingaba lo mzekeliso ufana njani neminye emibini ekuMateyu 25? Yeyiphi imiyalezo efanayo le mizekeliso imithathu enayo?

Bona kananjalo Mozaya 2:17; 5:13.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Joseph Smith—Mateyu.Ukunceda usapho lwakho luhlole esi sahluko, lumeme ukuba lukhangele iimfundiso zoMsindisi ezimalunga nokuba singalungiselela kanjani ukuBuya kwaKhe kweSibini (bona, ngokomzekelo, imiqolo 22–23, 29–30, 37, 46–48). Yintoni esingayenza ukulandela le ngcebiso? Usapho lwakho lusenokonwabela ukuzoba imifanekiso yoko lunomfanekiso-ngqondweni wako wokokuba ukuBuya kweSibini kukaMsindisi kuya kuba njani.

Joseph Smith—Mateyu 1:22, 37.Kuthetha ukuthini ukulondoloza ilizwi likaThixo? Singakwenza njani oku njengomntu oyedwa nanjengosapho? Ingaba ukwenza njalo kuya kusinceda njani siphephe ekukhohlisweni?

Mateyu 25:1–13.Ungasebenzisa umfanekiso weentombi ezilishumi ohamba nesi sishwankathelo ukuxoxa ngoMateyu 25:1–13. Zeziphi iinkcukacha esizibona emfanekisweni ezichazwa kule miqolo?

Usenokusika iphepha libe kwisimo samachaphaza e-oli kwaye uwafihle ekhayeni lakho. Usenokuncamathisela amachaphaza kwizinto ezifana nezibhalo okanye umfanekiso wetempile. Xa amalungu osapho efumana amachaphaza, ningaxoxa ngokuba ezi zinto zisinceda njani silungiselele ukuBuya kweSibini.

Marko 12:38–44; Luka 21:1–4.Yintoni esifundisa yona le miqolo malunga nendlela uMsindisi ajonga ngayo iminikelo yethu? Bonisa usapho lwakho ukuba isishumi neminikelo yokuzila ihlawulwa njani eNkosini. Ingaba le minikelo inceda njani ekwakheni ubukumkani bukaThixo? Zeziphi ezinye iindlela esinganikela ngazo “konke [esinako]” eNkosini? (Marko 12:44).

Umfanekiso
Umfazi efaka ukhozo lwemali kwibhokisi

Widow’s Mite [Imalana yoMhlolokazi], nguSandra Rast

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Lungiselela iindawo ezikungqongileyo. “Iindawo ezisingqongileyo zingachaphazela ukukwazi kwethu ukufunda nokuva inyaniso” (Teaching in the Savior’s Way, 15). Zama ukufumana indawo yokufunda izibhalo ezingcwele eya kumema impembelelo yoMoya oyiNgcwele. Umculo ophakamisayo nemifanekiso ingawumema uMoya.

Umfanekiso
Umfazi ebambe izibane

Five of Them Were Wise, nguWalter Rane [Abahlanu kubo Babenobulumko]

Shicilela