ITestamente eNtsha 2023
UCanzibe 29–EyeSilimela 4. Mateyu 26; Marko 14; Yohane 13: “KwiNkumbulo”


“UCanzibe 29–EyeSilimela 4. Mateyu 26; Marko 14; Yohane 13: ‘KwiNkumbulo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“UCanzibe 29–EyeSilimela 4. Mateyu 26; Marko 14; Yohane 13,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
ISidlo sangoKuhlwa sokuGqibela

In Remembrance [Ukundikhumbula], nguWalter Rane

UCanzibe 29–EyeSilimela 4

Mateyu 26; Marko 14; Yohane 13

“KwiNkumbulo”

Njengoko ufunda ngeziganeko ezichazwa kuMateyu 26; Marko 14; noYohane 13, nika ingqalelo kuzo naziphi na iimvakalelo ozifumanayo, ngakumbi ezo mvakalelo zilwenza nzulu ukholo lwakho kuYesu Krestu kunye nokuzinikela kwakho kuYe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngosuku olungaphambi kokuba afe, uYesu wanika abafundi baKhe into yokumkhumbula Yena ngayo. Yena “wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli” (Mateyu 26:26–28).

Oko kwenzeka kwiminyaka emalunga nama-2000 eyadlulayo, kwindawo uninzi lwethu olungasoze luyibone, ngolwimi abaluqondayo abambalwa kuthi. Kodwa ngoku, ngeCawa nganye kwiindawo zethu zokuhlangana, abo baphethe ububingeleli, bagunyaziswe ukusebenza egameni likaYesu Krestu, benza into Yena awakhe wayenza. Bathatha isonka namanzi, basisikelele, kwaye basinika omnye nomnye wethu, abafundi baKhe. Sisenzo esilula—ingaba ikhona into elula, esisiseko ngakumbi, kunokutya isonka kunye nokusela amanzi? Kodwa esa sonka namanzi zingcwele kuthi kuba zisinceda simkhumbule Yena. Ziyindlela yethu yokuthi, “Andisoze ndimlibale Yena”—hayi nje, “Andisoze ndiyilibale into endiyifundileyo ngeemfundiso zaKhe nobomi baKhe.” Endaweni yoko sithi, “Andisoze ndiyilibale into Yena andenzela yona.” “Andisoze ndiyilibale indlela Yena andihlangule ngayo xa ndandikhala ndicela uncedo.” Kwaye “andisoze ndilibale ukuzibophelela kwaKhe kum nokuzinikela kwam kuYe—umnqophiso esiwenzileyo.”

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 26:6–13; Marko 14:3–9

“Weza … wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.”

Ngesenzo sokunqula esithobekileyo, umfazi ochazwe kule miqolo ubonakalisile ukuba wayemazi ukuba wayengubani uYesu nokuba uzakwenza ntoni (bona Mateyu 26:12). Kutheni ucinga ukuba izenzo zakhe zazinentsingiselo engaka kuMsindisi? (bona umqolo 13). Yintoni ekuchukumisayo ngalo mfazi nangokholo lwakhe? Cinga nzulu ngendlela onokulandela ngayo umzekelo wakhe.

Bona kananjalo Yohane 12:1–8.

Mateyu 26:20–22; Marko 14:17–19

“Nkosi, ingaba Ndim?”

Ufunda ntoni ngabafundi kumbuzo wabo oya eNkosini kule miqolo? Ucinga ukuba kwakutheni ukuze bawubuze? Cinga indlela ongathi ubuze ngayo iNkosi, “Ingaba ndim?”

Mateyu 26:26–29; Marko 14:22–25

Umthendeleko ulithuba lokukhumbula uMsindisi.

Xa uMsindisi wayesazisa umthendeleko kubafundi baKhe, zeziphi iingcinga kunye neemvakalelo ocinga ukuba babeza kuba nazo? Cinga ngale nto njengoko ufunda ngamava abo kuMateyu 26:26–29 kunye noMarko 14:22–25. Ucinga ukuba kutheni uYesu wakhetha le ndlela yokuba simkhumbule ngayo Yena? Usenokucinga kanjalo ngamava owakhe wanawo ngexesha lomthendeleko. Ingaba ikho into onokuyenza ukwenza amava akho abe ngcwele ngakumbi kwaye abe nentsingiselo?

Emva kokufunda nokucinga nzulu ngale miqolo, usenokubhala phantsi izinto oziva uphenjelelwe ukuba uzikhumbule ngoMsindisi. Ungaphonononga ezi zinto kwixesha elizayo xa uthatha umthendeleko. Unokuzijonga ngamanye amaxesha, njengendlela “yokusoloko umkhumbula” (Moronayi 4:3).

Bona kananjalo Luka 22:7–39; 3 Nifayi 18:1–13; IMfundiso neMinqophiso 20:76–79.

Yohane 13:1–17

UMsindisi ngumzekelo wethu wokukhonza abanye ngokuthobekileyo.

Ngexesha likaYesu, ukuhlamba iinyawo zomnye umntu yayingumsebenzi wezicaka, hayi iinkokheli. Kodwa uYesu wayefuna ukuba abafundi baKhe bacinge ngokwahlukileyo malunga nokuba kuthetha ntoni ukukhokela nokukhonza. Yeyiphi imiyalezo oyifumanayo kumazwi nakwizenzo zoMsindisi kuYohane 13:1–17? Kwinkcubeko yakho, ukuhlamba iinyawo zabanye kusenokungabi yindlela yesiko eqhelekileyo yokukhonza. Kodwa cinga ukuba ungenza ntoni ukulandela umzekelo woMsindisi wenkonzo ethobekileyo.

Inokuba yinto enomdla ukuqaphela izinto uYesu awayezazi kwaye eziva ngeli xesha lingcwele nabaPostile baKhe (bona imiqolo 1 kunye 3). Ezi ngqiqo zikunceda uqonde ntoni ngoMsindisi?

Bona kananjalo Luka 22:24-27.

Yohane 13:34–35

Uthando lwam kwabanye luphawu lokuba ndingumfundi wenene kaYesu Krestu.

Ngaphambilana, uYesu wayenike umyalelo wokuba “umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako” (Mateyu 22:39). Ngoku Yena wayenika “umyalelo omtsha.” Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuthanda abanye njengokuba uYesu ekuthanda? (bona Yohane 13:34).

Usenokucinga kananjalo ngendlela abanye abantu abazi ngayo ukuba ungumfundi kaYesu Krestu. Ungaqinisekisa njani ukuba uthando luphawu lwakho olukuchazayo njengomKrestu?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 26:26–29; Marko 14:22–25.Anjani amava osapho lwakho ngexesha lomthendeleko veki nganye? Ukufunda ngomthendeleko wokuqala kungakhuthaza ingxoxo malunga nokubaluleka komthendeleko kunye neendlela zokuphucula amava akho. Cinga ukubonisa umfanekiso Ukugqithisa uMthendele (Gospel Art Book, no. 108) kunye nokwabelana ngezimvo malunga nento onokuyenza ngaphambi, nangexesha, nasemva komthendeleko.

Umfanekiso
umfazi ethatha umthendeleko

Umthendeleko usinceda ukuba sikhumbule uYesu Krestu.

Mateyu 26:30.Cinga ngokucula iculo, njengoko noYesu nabaPostile baKhe benzayo—mhlawumbi iculo lomthendeleko. Ingaba ukucula iculo kwaba yintsikelelo njani kuYesu nakubaPostile baKhe ngela xesha? Amaculo ayintsikelelo njani kuthi?

Yohane 13:1–17.Usenokufuna ukubonisa usapho lwakho umfanekiso osekupheleni kwesi sishwankathelo njengoko nifunda le miqolo. Zeziphi iinyaniso uMsindisi awazifundisa ngezenzo zaKhe? Zeziphi iinkcukacha ezikulo mfanekiso ezisinceda ukuba siqonde ezi nyaniso? Mhlawumbi amalungu osapho anokwabelana ngokuba ukuphila ngezi nyaniso kuwazisele ulonwabo njani (bona Yohane 13:17).

Yohane 13:34–35.Emva kokufunda le miqolo, ninokuthetha kunye ngendlela abanye abantu abazi ngayo ukuba ningabafundi bakaYesu Krestu. UMsindisi ufuna abalandeli baKhe baziwe njani? Ungacela amalungu osapho ukuba athethe ngabantu othando lwabo kwabanye olubonisa ukuba bangabafundi bokwenene bakaYesu Krestu. Ningaxoxa kananjalo ngeendlela eninokubonisa ngazo uthando ngakumbi njengosapho.

 Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Cinga nzulu. Izibhalo zineentsingiselo zokomoya esinokuthi siziphose ukuba sizifunda nje ngokunganonopheliyo, njengoko besiya kwenza kwezinye izixhobo zokufunda. Musa ukungxama ukugqiba isahluko. Zinike ixesha lokucingisisa nzulu ngale nto uyifundayo.

Umfanekiso
UYesu uhlamba iinyawo zabafundi

Greatest in the Kingdom [OMkhulu ebuKumkanini], nguJ. Kirk Richards

Shicilela