ITestamente eNtsha 2023
EyeSilimela 12–18. Luka 22; Yohane 18: “Makungabi kukuThanda Kwam, Makube kokwaKho OkweNzekayo”


“EyeSilimela 12–18. Luka 22; Yohane 18: ‘Makungabi kukuThanda Kwam, Makube kokwaKho OkweNzekayo,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeSilimela 12–18. Luka 22; Yohane 18,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UKrestu nabafundi eGetsemane

Gethsemane Grove [IGcume leMithi leGetsemane], nguDerek Hegsted

EyeSilimela 12–18

Luka 22; Yohane 18

“Makungabi kukuThanda Kwam, Makube kokwaKho OkweNzekayo”

Thatha ixesha lakho ufunda Luka 22 noYohane 18 kule veki. Cinga nzulu kwaye uthandaze malunga noko ukufundayo. Ukwenza oku kunganika uMoya ithuba lokuba ungqine entliziyweni yakho ukuba ezibhalo ziyinyani.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ayemathathu kuphela amangqina asemhlabeni ekubandezelekeni kukaYesu Krestu kuMyezo waseGetsemane—kwaye alala kubuninzi bako. Kuloo myezo kwaye kamva emnqamlezweni, uYesu wazithabathela kuYe izono, iintlungu, neembandezelo zomntu wonke owakha waphila, nangona phantse kwakungekho namnye owayephila ngelo xesha owayeyazi into eyayisenzeka. Ezona ziganeko zibalulekileyo zanaphakade zihlala zidlula ngaphandle kokuqwalaselwa lihlabathi. Kodwa uThixo uBawo wayesazi. Yena wasiva isibongozo soNyana waKhe othembekileyo: “Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo. Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza” (Luka 22:42–43). Ngelixa sasingekho apho ukuze sibone esi senzo sokungazicingeli kunye nokuzithoba, thinasingamangqina eNtlawulelo kaYesu Krestu. Ngalo lonke ixesha siguquka kwaye sifumana uxolelo lwezono zethu, ngalo lonke ixesha sisiva amandla oMsindisi omelezayo, singangqina ngobunyani bento eyenzekayo kuMyezo waseGetsemane.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Luka 22:31–34, 54–62; Yohane 18:17–27

Uguquko yinkqubo eqhubekayo.

Cinga ngamava uPetros awaba nawo noMsindisi—imimangaliso awayibonayo kunye nemfundiso awayifundayo. Kwakutheni ukuze uMsindisi athethe noPetros, “Xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho”? (Luka 22:32; amagama abhalwe ngokukekeleyo ongeziwe). Njengoko ukucinga nzulu oku, cinga ngomahluko phakathi kokuba nobungqina kunye nokuguquka ngokwenene.

Njengoko ufunda ngamava kaPetros kuLuka 22:31–34, 54–62 (bona kananjalo Yohane 18:17–27), cinga ngoguquko lwakho. Wakhe waziva uzinikele kangangokuba, njengoPetros, wawu “kulungele ukuya [noMsindisi] ,nasentolongweni, nasekufeni”? (Luka 22:33). Kutheni ezo mvakalelo ziphela maxa wambi? Kukhona amathuba emihla ngemihla okukhanyela okanye okungqina ngoMsindisi; uya kwenza ntoni ukuze ube lingqina laKhe lemihla ngemihla? Zeziphi ezinye izifundo ozifundayo kumava kaPetros?

Njengoko uqhubeka ufunda iTestamente eNtsha, jonga ubungqina boguquko oluqhubekayo lukaPetros. Phuwula kanjalo iindlela awamkela ngayo umyalelo weNkosi “ubazimase abazalwana bakho” (Luka 22:32; bona iZenzo 3–4).

Bona kananjalo Marko 14:27–31.

Luka 22:39–46

UMsindisi wabandezeleka ngenxa yam eGetsemane.

UMongameli Russell M. Nelson usimeme ukuba “sityale ixesha ekufundeni ngoMsindisi kunye nangedini lentlawulelo yaKhe” (“Drawing the Power of Jesus Christ into Our Lives,” Liahona, Canzibe 2017, 40).

Cinga ngento oza kuyenza ukwamkela isimemo sikaMongameli uNelson. Ungaqala ngokucinga nzulu ngokomthandazo ngembandezelo yoMsindisi eGetsemane, njengoko kuchaziwe kule miqolo, kwaye ubhale iimvakalelo kunye nemibuzo ethi qatha engqondweni.

Ukufunda nzulu nangakumbi ngoMsindisi kunye neNtlawulelo yaKhe, zama ukukhangela ezinye izibhalo ukuphendula imibuzo efana nale:

Njengoko ufunda ngokwenzeka eGetsemane, kusenokuba ngumdla ukwazi ukuba iGetsemane yayingumyezo wemithi yomnquma kwaye yayiquka isixovulelo somnquma, esasisetyenziselwa ukutyumza iminquma kunye nokukhupha i-oli esetyenziselwa ukukhanyisa nokutya kunye nokuphilisa (bona Luka 10:34). Ingaba inkqubo yokutsala i-oli yomnquma ingakufuzisela njani oko uMsindisi asenzele kona eGetsemane?

Bona kananjalo Mateyu 26:36–46; Marko 14:32–42.

Yohane 18:28–38

OboMsindisi “ubukumkani asibubo obeli hlabathi.”

Njengenkokheli yezopolitiko, uPontiyo Pilato wayeqhelene namandla nobukumkani beli hlabathi. Kodwa uYesu wathetha ngohlobo olwahlukileyo lobukumkani. Ucinga emva koko ukufundileyo ngobomi boMsindisi, bobuphi ubungqina obubonayo bokuba obaKhe “ubukumkani asibubo obeli hlabathi.”? (Yohane 18:36). Kutheni kubalulekile ukuba ukwazi oku? Yintoni enye ebalaseleyo kuwe ngamazwi kaYesu kuPilato?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Luka 22:31–32.Inokuba wayeziva njani uPetros xa wayesazi ukuba uYesu wayemthandazele kunye nokholo lwakhe? Singathandazela bani, “ukuze ukholo [lwabo] lungapheli”? (umqolo 32).

Luka 22:39–46.Ukufunda ngokubandezeleka koMsindisi eGetsemane kungangamava angcwele kusapho lwakho. Cinga ngento onokuyenza ukudala umoya wentlonipho nonqulo njengoko ufunda Luka 22:39–46. Nisenokudlala okanye nicule kunye amanye amaculo eniwathandayo osapho lwakho okanye iingoma zabantwana malunga noMsindisi, okanye nijonge umsebenzi wobugcisa onxulumeneyo. Njengoko nifunda le miqolo, amalungu osapho anokwabelana ngemihlathi enentsingiselo ngakumbi kubo—mhlawumbi umhlathi owanceda ave uthando loMsindisi (bona kananjalo Mateyu 26:36–46; Marko 14:32–42). Ungawamema kanjalo ukuba abelane ngobungqina bawo bukaYesu Krestu kunye neNtlawulelo yaKhe.

Luka 22:42.Amalungu osapho angabelana ngamava xa efunde ukuthi, “Makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.”

Luka 22:50–51; Yohane 18:10–11.Yintoni esiyifundayo malunga noYesu kule miqolo?

Umfanekiso
UKrestu ephilisa indlebe yesicaka

Suffer Ye Thus Far [Yekani Kwanele], nguWalter Rane

Yohane 18:37–38.Singawuphendula njani umbuzo kaPilato “Yintoni inyaniso?”(umqolo 38). Ngeezinye iingcebiso, bona Yohane 8:32; IMfundiso neMinqophiso 84:45; 93:23–28.

 Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funda amazwi abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela. Funda ukuba abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela bafundise ntoni malunga neenyaniso ozifumanayo kwizibhalo. Umzekelo, kweyona nkomfa yajikelele yakutshanje ekhutshiweyo yeLiyahona, unokukhangela kwisalathiso sesihloko “Intlawulelo” (bona Teaching in the Savior’s Way21).

Umfanekiso
UKrestu eGetsemane

Not My Will, but Thine [Makungabi kukuThanda Kwam, Makube kokwaKho], nguWalter Rane.

Shicilela