ITestamente eNtsha 2023
EyeSilimela 19–25. Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; Yohane 19: “KuGqityiwe”


“EyeSilimela 19–25. Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; Yohane 19: ‘KuGqityiwe,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeSilimela 19–25. Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; Yohane 19,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UKrestu phambi koPilato

Ecce Homo [Nanko uMntu.], ngu-Antonio Ciseri

EyeSilimela 19–25

Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; Yohane 19

“KuGqityiwe”

Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; kunye noYohane 19 ziquka iinkcazelo zeeyure zokugqibela zobomi basemhlabeni boMsindisi. Funa ukuluva uthando lwaKhe ngawe njengoko ufunda ngedini nangokufa kwaKhe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kuwo onke amazwi kunye nezenzo, uYesu Krestu wazekelisa uthando olumsulwa—nto leyo umPostile uPawulos wayibiza uthando lwenene (bona 1 AbaseKorinte 13). Akukho xesha apho oku kwabonakala ngakumbi kunangexesha leeyure zokugqibela zobomi basemhlabeni boMsindisi. Ukuthula kwakhe ngesidima ejongene nezityholo zobuxoki kubonisa ukuba “akacaphuki” (1 AbaseKorinte 13:5). Ukuvuma kwakhe ukuzithoba ekutyakatyweni, ekugculelweni, nasekubethelelweni emnqamlezweni—ngelixesha ethintela amandla aKhe okuphelisa ukungcungcuthekiswa kwaKhe—kwabonisa ukuba Yena “uzeka kade umsindo,” kwaye “uthwala zonke izinto” (1 AbaseKorinte 13:4, 7). Imfesane yakhe ngakuMama waKhe kunye nenceba yaKhe kwabo babebemthelelela emnqamlezweni—kwaye nangexesha lokubandezeleka okungathethekiyo—kwatyhila ukuba “akafuni eyeyaKhe” (1 AbaseKorinte 13:5). Kwimizuzu yaKhe yokugqibela esemhlabeni, uYesu wayesenza Yena into awayeyenzile ngalo lonke ixesha lobulungiseleli baKhe basemhlabeni—esifundisa ngokusibonisa. Inene, uthando “luthando olumsulwa lukaKrestu” (Moronayi 7:47).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; Yohane 19

Ukuvuma kukaYesu Krestu ukubandezeleka kubonisa uthando lwaKhe ngoBawo nangathi sonke.

Nangona uMsindisi wayenamandla okubiza “imikhosi yezithunywa” (Mateyu 26:53), Yena wakhetha ngokuzithandela ukunyamezela izilingo ezingalunganga, ukugculelwa ngenkohlakalo, kunye nentlungu engathethekiyo yomzimba. Kutheni Yena wayesenza oko? “Ngenxa yenceba yakhe yothando,” wangqina uNifayi, “nokuzeka kade umsindo kwakhe kubantwana babantu.” (1 Nifayi 19:9).

Umfanekiso
UKrestu ethwele umnqamlezo

“Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni … yeGologota” (Yohane 19:17).

Ungaqala ukufunda ngeeyure zokugqibela zoMsindisi ngokufunda 1 Nifayi 19:9. Kuphi apho kuMateyu 27; Marko 15; Luka 23; kunye noYohane 19 ufumana khona imizekelo yento nganye uNifayi awathi uYesu uya kubandezeleka yiyo?

  • “[Bayamgweba] ukuba uyinto engento”

  • “Bayamtyakatya”

  • “Bayambetha”

  • “Bayamtshicela”

Yeyiphi imihlathi ekunceda ukuba uve “inceba yothando” yoMsindisi ngakuwe? Zeziphi ezinye iingcinga kunye neemvakalelo onazo njengoko ufunda ezi ngxelo? Cinga ngokuzibhala phantsi okanye wabelane ngazo nomnye umntu.

Mateyu 27:27–49, 54; Marko 15:16–32; Luka 23:11, 35–39; Yohane 19:1–5

Ukugculela akunakuguqula inyaniso.

Xeshikweni uYesu wanyamezela ukugculelwa kulo lonke ulungiselelo lwaKhe, lwakhula ngamandla ngexesha lokutyakatywa nangelokuBethelelwa kwaKhe eMnqamlezweni. Kodwa le nto yokugculelwa yayingenakuguqula inyaniso: uYesu nguNyana kaThixo. Njengoko ufunda ngehlazo elanyamezelwa nguYesu, cinga ngenkcaso nangogculelo umsebenzi waKhe oqubisana nako namhlanje. Kokuphi ukuqonda okufumanayo malunga nokunyamezela inkcaso? Yintoni ovakalelwa yiyo ngamazwi omthetheli-khulu kuMateyu 27:54?

Mateyu 27:46; Marko 15:34

UYesu Krestu wabandezeleka eyedwa ukuze mna ndingabandezeleki.

Ngexesha elinye lamaxesha aKhe abuhlungu emnqamlezweni, uYesu, owayesoloko ethembele kuBawo waKhe waseZulwini, ngequbuliso waziva eshiyiwe. Ukufunda malunga noku kunokukhokelela ekubeni ucinge ngamaxesha apho waziva ukude kuThixo. Usenokucinga nzulu ngendlela idini loMsindisi emnqamlezweni elenza ngayo ukuba ukwazi ukuwoyisa loo mgama. Njengoko uMdala Jeffrey R. Holland wangqina, “Kuba uYesu wahamba umgama omde, elilolo yedwa thina akufuneki senze njalo. … Ukuvuthelwa ixilongo kwincopho yeKakayi yinyaniso yokuba asisayi kuze sishiywe sodwa okanye singancediswanga, nokuba ngamanye amaxesha sinokuziva sinjalo” (“None Were with Him,” Liahona, Canzibe 2009, 88). Cinga ngendlela uMsindisi anokukunceda ngayo ukuba woyise isizungu njengoko uwufunda wonke umyalezo kaMdala Holland.

Luka 23:34

UMsindisi ungumzekelo wethu wokuxolela.

Uziva njani xa ufunda amazwi oMsindisi kuLuka 23:34? (bona ukuqonda okunikezwe luGuqulelo lukaJoseph Smith okumbhalo osemazantsic). Ebhekisa kumazwi oMsindisi, uMongameli uHenry B. Eyring wafundisa: “Kufuneka sixolele kwaye singathwali ulunya ngakwabo basikhubekisayo. UMsindisi wabeka umzekelo emnqamlezweni. … Asizazi iintliziyo zabo basikhubekisayo” (“That We May Be One,” Ensign, Canzibe 1998, 68). Lo mqolo ungakunceda njani ukuba unengxaki yokuxolela omnye umntu?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Mateyu 27; Marko 15; Luka 23; Yohane 19. Emva kokuba ufunde ngeziganeko ezichazwe kwezi zahluko, usenokucela abantwana ukuba bawabalise kwakhona la mabali ngamazwi abo. Amalungu osapho anokwabelana ngendlela aziva ngayo ngakuMsindisi ngenxa yoko Yena wakubandezelekayo ngenxa yethu.

Mateyu 27:11–26; Marko 15:1–15; Luka 23:12–25; Yohane 19:1–16.Kwakutheni ukuze uPilato amnikele uYesu ukuba abethelelwe emnqamlezweni, nangona wayesazi ukuba uYesu wayemsulwa? Zifundo zini esizifundayo kumava kaPilato malunga nokumela into esiyaziyo ukuba ilungile? Kunokuba luncedo kusapho lwakho ukuba badlale iindima zemidlalo ezivumela ukuba baziqhelanise nokumela into elungileyo.

Mateyu 27:46; Luka 23:34, 43, 46; Yohane 19:26–28, 30.Mhlawumbi ungabela ilungu ngalinye losapho ukuba lifunde iintetho enye okanye ezingaphezulu ezenziwe nguMsindisi emnqamlezweni, ezifumaneka kule miqolo. Bacele ukuba babelane ngoko bakufundayo kwezi ntetho malunga noMsindisi nomsebenzi waKhe.

Marko 15:39.Ingaba ukufunda malunga noBethelelo lwaseMnqamlezweni kubomeleze njani ubungqina bakho bokokuba uYesu “unguNyana kaThixo?”

Yohane 19:25–27.Sifunda ntoni kule miqolo ngendlela esinokuwathanda kwaye siwaxhase ngayo amalungu osapho?

 Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Linganisa ubomi boMsindisi. “Kuluncedo ukufunda iindlela uMsindisi awayefundisa ngazo—iindlela Yena awazisebenzisayo nezinto Yena awazithethayo. Kodwa amandla oMsindisi okufundisa nokuphakamisa abanye ayephuma kwindlela Yena awayephila ngayo nakuhlobo lomntu Yena awayelulo. Njengoko uzama ngenyameko ngakumbi ukuphila njengoYesu Krestu, uya kukwazi ngakumbi ukufundisa njengaYe” (Teaching in the Savior’s Way, 13

Umfanekiso
UKrestu emnqamlezweni

Christ on the Cross [UKrestu eMnqamlezweni], nguCarl Heinrich Bloch

Shicilela