ITestamente eNtsha 2023
EyeSilimela 5–11. Yohane 14–17: “Hlalani Ke Eluthandweni Lwam”


“EyeSilimela 5–11. Yohane 14–17: ‘Hlalani Ke Eluthandweni Lwam,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeSilimela 5–11. Yohane 14–17,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
ISidlo SaNgokuhlwa SokuGqibela

The Last Supper, nguWilliam Henry Margetson [ISidlo saNgokuhlwa SokuGqibela]

EyeSilimela 5–11

Yohane 14–17

“Hlalani Ke Eluthandweni Lwam”

Njengoko ufunda iimfundiso zoMsindisi kuYohane 14–17, uMoya oyiNgcwele uya kukunceda ubone imiyalezo eyeyakho. Bhala iimvakalelo ozifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Namhlanje siyibiza ngokuba “Sisidlo saNgokuhlwa sokuGqibela,” kodwa asazi ukuba abafundi bakaYesu babeqonda ngokupheleleyo, xa babehlanganele isidlo sangePasika yeminyaka ngeminyaka, ukuba esi sasiya kuba sisidlo sabo sokugqibela noMfundisi wabo ngaphambi kokufa kwaKhe. UYesu, ngokunjalo, “esazi ukuba lifikile ilixa” (Yohane 13:1). Kungekudala wayeya kujongana nentlupheko yaseGetsemane, ukungcatshwa kunye nokuphikwa kwaKhe ngabahlobo bakhe abasenyongweni, nokufa okubuhlungu emnqamlezweni. Kanti nkqu nakuko konke oku kugquba phambi kwaKhe, ingqawalaselo kaYesu yayingekho kuYe buqu kodwa yayikubafundi baKhe. Ingaba babeya kudinga ukuba bazi ntoni kwiintsuku nakwiminyaka eyayingaphambili? Iimfundiso zikaYesu ezinobubele kuYohane 14–17 zityhila indlela Yena awayeziva ngayo ngabafundi baKhe, ngoko nangoku. Phakathi kweenyaniso ezithuthuzelayo ezininzi Yena awabelana ngazo yayisiqinisekiso sokokuba, ngenye indlela, Yena akasayi kusishiya. “Ukuba nithi niyigcine imithetho yam,” Yena wathembisa, “hlalani eluthandweni lwam” (Yohane 15:10).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yohane 14–15

Ndibonisa uthando lwam kuYesu Krestu ngokugcina imithetho yaKhe.

Njengoko ufunda Yohane 14–15, usenokuphawula indawo nganye esebenzisa igama elithi uthando. Usenokuphawula ukuba igama elithi imithetho liphindaphindwa rhoqo ngokuhambisana negama elithi uthando kwezi zahluko. Yintoni oyifundayo malunga nobudlelwane phakathi kothando nemithetho evela kwiimfundiso zoMsindisi? Ngawaphi amanye amagama okanye amabinzana awahambelana nothando kwezi zahluko?

Cinga nzulu ngokuba uthando loMsindisi lukuphembelele njani.

Bona kananjalo Yohane 13:34–35.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabafundi

The Last Supper, nguClark Kelley Price [ISidlo saNgokuhlwa SokuGqibela]

Yohane 14–16

UMoya oyiNgcwele undinceda ndizalisekise injongo yam njengomfundi kaYesu Krestu.

Kumele ukuba kwakubuhlungu kubafundi ukuva ukuba ixesha labo noMsindisi laliseliza kuphela. Kusenokwenzeka ukuba babekhathazekile ngokuba babeya kuvana kanjani ngaphandle kwaKhe. Njengoko ufunda Yohane 14–16, khangela oko uMsindisi wakuthethayo ukubaqinisekisa. Ingankumbi, qaphela oko Yena wabafundisa kona malunga noMoya oyiNgcwele. Yintoni oyifundayo malunga noMoya oyiNgcwele ephuma emazwini woMsindisi ekule miqolo ilandelayo?

Kwakutheni abafundi bafune olu hlobo loncedo oluvela kuMoya oyiNgcwele? Ingaba uMoya oyiNgcwele uzizalisekise kanjani ezi ndima kuwe? Cinga ngoko ongakwenza ukuze impembelelo yaWo ibe nokuqina ngakumbi ebomini bakho.

Bona kananjalo 3 Nifayi 19:9; 27:20; IMfundiso neMinqophiso 11:12–14; Moses 6:61.

Yohane 15:1–8

Njengoko ndihlala kuKrestu, ndiya kuvelisa isiqhamo esilungileyo.

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukuhlala [kuKrestu]”? (Yohane 15:4). Yintoni “isiqhamo” sakho esibonisa ukuba unamathele emdiliyeni, wona omele uYesu Krestu?

Yohane 17

UYesu Krestu uyabathethelela abafundi bakhe.

Amazwi awabhalwe kuYohane 17 aziwa ngokuba nguMthandazo weNtethelelo. Kulo mthandazo, uYesu wathandazela abaPostile baKhe kunye “nabo abaya kukholwa [kuYe] ngelizwi labo” (Yohane 17:20). Loo nto ithetha ukuba Yena wayekuthandazela nawe. Yintoni uYesu awayicelela wena nawo onke amanye amakholwa kuYise? Yintoni oko okukufundisa kona malunga neemvakalelo zaKhe ngawe?

Lo mthandazo ukwafundisa iinyaniso ezinzulu nezanaphakade. Zeziphi iinyaniso ozifumanayo? Njengoko ufunda esi sahluko, cinga ngokubhala oko ukufunda malunga noku kulandelayo:

  • Umthandazo

  • Ubudlelwane boMsindisi noYise

  • Ubudlelwane boMsindisi kunye nabafundi baKhe

  • Indlela abafundi ekufuneka bohluke ngayo kwihlabathi

  • Ezinye iinyaniso ezithi zigqame kuwe

Yohane 17:11, 21–23

UBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu bamanyene ngokugqibeleleyo.

Emthandazweni waKhe kuYohane 17, uYesu wagxininisa umanyano lwaKhe noYise. Ngeziphi iindlela apho uBawo noNyana baba “banye” ngazo? (Yohane 17:11, 21–23). Qaphela okokuba uMsindisi wathandazela abafundi baKhe ukuba babe banye “njengokuba”—okanye ngendlela efanayo naleyo—yokuba Yena noYise babanye (Yohane 17:22). Loo nto ithetha ntoni kuwe? Cinga ngobudlelwane bakho—umzekelo, nomlingane wakho okanye namanye amalungu osapho, namalungu esebe, kunye namanye amaKrestu. Ungalusebenzela njani uhlobo lomanyano uYesu analo noYise?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Yohane 14:5–6.Amalungu osapho angonwabela ukutshintshisana ngokukhokela usapho lwenu kuhambo olusendleleni. Ingaba uYesu “uyindlela” kanjani? Yena usikhokelela kuphi?

Yohane 14:26–27.Ingaba uxolo lukaYesu lwahluke kanjani kolo “njengokunikwa lihlabathi”? Amalungu osapho angabelana ngeendlela awafumane ngazo uxolo nentuthuzelo ngoMoya oyiNgcwele.

Yohane 15:1–8.Kusenokuba mnandi ukufundela le miqolo ngaphandle ecaleni komdiliya, komthi, okanye kwesityalo. Yintoni eyenzeka kwisebe xa lisusiwe kwisityalo? Ningathetha ngokuba sifana kanjani namasebe kwaye nokuba kuthetha ukuthini “ukuhlala” eMsindisini “nokuthwala isiqhamo.”

Yohane 15:17–27; 16:1–7.Kutheni ucinga ukuba uYesu walumkisa abafundi baKhe malunga nentshutshiso? Ingaba abafundi bakaKrestu batshutshiswa njani namhlanje? Ingaba ingcebiso yoMsindisi kule miqolo inokusinceda njani xa sijongene nentshutshiso?

Yohane 16:33.Uloyise njani uYesu Krestu ihlabathi? Ingaba iNtlawulelo yaKhe isizisele kanjani uxolo nokomelela? (bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 68:6).

Yohane 17:21–23.Yintoni eya kunceda usapho lwakho lufunde ngendlela olungamanyana ngayo ngakumbi njengoYesu Krestu noBawo oseZulwini? Mhlawumbi ningathetha ngeqela lezemidlalo enilithandayo nangokuba lisebenzisana kanjani ukuze lifezekise injongo enye. Okanye ningamamela ikwayala okanye iqela labakhalisi bezikhaliso kwaye nixoxe ngendlela aba baculi bamanyene ngayo ekwenzeni umculo omnandi.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa ushicilelo lwesandi. Njengoko ufundisa usapho lwakho izibhalo ezingcwele, cinga ngokumamela uhlobo lwesandi lwezibhalo olufumaneka ku- ChurchofJesusChrist.org okanye kusetyenziso lweThala leeNcwadi zeVangeli. Ukumamela kuYohane 14–17 kungaba namandla ngakumbi ngenxa yokuba ezi zahluko ziqulethe amazwi amaninzi kakhulu oMsindisi.

Umfanekiso
Imidiliya esidiliyeni

UYesu wafundisa, “Umdiliya ndim, nina ningamasebe” (Yohane 15:5).

Shicilela