ITestamente eNtsha 2023
EyeNkanga 6–12. AmaHebhere 7–13: “UMbingeleli oMkhulu wazo Izinto eziLungileyo Eziza Kubakho”


“EyeNkanga 6–12. AmaHebhere 7–13: ‘UMbingeleli oMkhulu wazo Izinto eziLungileyo Eziza Kubakho,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyeNkanga 6–12. AmaHebhere 7–13,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
UMelkitsedeke unika uAbram intsikelelo

Melchizedek Blesses Abram, nguWalter Rane. [UMelkitsedeke Usikelela uAbram] Isipho segcisa

EyeNkanga 6–12

AmaHebhere 7–13

“UMbingeleli oMkhulu wazo Izinto eziLungileyo Eziza Kubakho”

Njengoko ufunda AmaHebhere 7–13, usenokufumana iimvakalelo ngoMoya oyiNgcwele. Cinga iindlela ongazibhala ngazo; umzekelo, ungazibhala kwesi sishwankathelo, emacaleni wamaphepha ezibhalo zakho, okanye kwincwadi yamanqaku okanye kwincwadana yembali.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Nkqu nabaNgcwele abanyanisekileyo ngamanye amaxesha bajongana “neengcikivo kwaneembandezelo” ezingashukumisa ukuzithemba kwabo (bona AmaHebhere 10:32–38). UPawulos wayesazi ukuba abaguquki bamaYuda ababeguqukela kubuKrestu babejongene nentshutshiso ebuhlungu ngenxa yokholo lwabo olutsha. Ukubakhuthaza ukuba bahlale benyanisekile kubungqina babo, waye wabakhumbuza ngesiko elide lamakholwa anyanisekileyo wembali yabo: Abheli, Enoki, Nowa, Abraham, Sara, Yosefu, Moses—“ilifu lamangqina” lokokuba izithembiso zikaThixo ziyinyani kwaye zifanele ukulindelwa (bona AmaHebhere 11; 12:1). Eli siko lelakho nawe. Lona lilifa lokholo ekwabelwana ngalo ngabo bonke abo bakhangela “kuYesu njengembangi nomgqibelelisi wokholo lwethu” (AmaHebhere 12:2). Ngenxa yaKhe, naninina xa ubunzima busenza sifune “ukuhlehla” endaweni yoko “masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo” (AmaHebhere 10:22, 38). Ngoko ke kuthi, nakubaNgcwele bamandulo, uYesu Krestu “ungumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho” (AmaHebhere 9:11).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

AmaHebhere 7

UBubingeleli bukaMelkitsedeke bundikhomba kuYesu Krestu.

Kumawaka waka weminyaka, amaYuda ayesebenzisa uBubingeleli bakwaLevi, obabusaziwa kanjalo ngoBubingeleli buka-Aron. Kodwa ngenzaliseko yevangeli kaYesu Krestu kwaye kwafika ukubuyiselwa koBubingeleli obukhulu bukaMelkitsedeke, obabunikela ngeentsikelelo ezinkulu ngakumbi. Yintoni oyifundayo ngoBubingeleli bukaMelkitsedeke ku-AmaHebhere 7? Ugcine engqondweni ukuba injongo yale ncwadi—njengazo zonke izibhalo—kukwakha ukholo kuYesu Krestu, usenokuphawula imihlathi engqina ngaYe.

Nantsi eminye imizekelo yezinye iinyaniso osenokuzifumana:

Zeziphi iintsikelelo ozifumeneyo kuBubingeleli bukaMelkitsedeke “nemimiselo yabo”? (IMfundiso neMinqophiso 84:20). Ingaba uBubingeleli bukaMelkitsedeke bukuncede kanjani uze kuYesu Krestu?

Bona kananjalo Alma 13:1–13; IMfundiso neMinqophiso 121:36–46; IsiKhokelo kwiZibhalo, “UBubingeleli bukaMelkitsedeke,” topics.ChurchofJesusChrist.org; IsiKhokelo kwiZibhalo, “Melkitsedeke,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

AmaHebhere 9; 10:1–22

Imimiselo yamandulo neyanamhlanje ikhomba kuYesu Krestu.

Abafundi besiHebhere sokoqobo bale ncwadi bebeya kuqhelana kakhulu nomnquba wamandulo nemimiselo uPawulos awayeyichaza. Kodwa abanye babengaqondi ngokupheleleyo ukuba injongo yale mimiselo yayikukhokelela kwidini lokuhlawulela likaYesu Krestu.

Ngamaxesha webhayibhile, ngeholide yangomnyaka eyayibizwa ngokuba nguMhla weNtlawulelo, umbingeleli omkhulu wayengena kwindawo engcwele kakhulu (okanye iNgcwele yeeNgcwele) etempileni yaseYerusalem aze enze idini lebhokhwe okanye lemvana ukucamagushela izono zakwaSirayeli.

Njengoko ufunda inkcazelo kaPawulos yale mimiselo, khangela imiqondiso neemfundiso ezingakunceda uqonde ngokungcono umsebenzi wokuhlawulela woMsindisi.

Imimiselo esiyenzayo namhlanje yahlukile kuleyo yangemihla kaPawulos, kodwa injongo yayo iyafana. Ingaba imimiselo yanamhlanje ingqina kanjani kuwe ngoYesu Krestu?

 

AmaHebhere 11

Ukholo lufuna ukuba uthembele kwizithembiso zikaThixo.

Ukuba umntu angakucela ukuba umchazele ngokholo, yintoni ongayitsho? UDade Anne C. Pingree wasebenzisa ulwimi olufana na-AmaHebhere 11 ukunika le nkcazelo yokholo: “Ukukwazi ngokwasemoyeni ukuba uthundezelwe izithembiso ezibonakala ‘zikude’ kodwa ezingenakufikeleleka kobu bomi” (“Seeing the Promises Afar Off,” Liyahona, Nkanga 2003, 14).

Cinga ngokuphuhlisa inkcazelo eyeyakho yokholo njengoko ucinga nzulu ngezimvo eziku-AmaHebhere 11. Yintoni imizekelo yabantu abakhankanywa kwesi sahluko ekufundisa yona malunga nokholo? (Bona kananjalo Etere 12:6–22.)

Zeziphi izithembiso ozibona “zikude”? Ungayibonisa njani iNkosi ukuba “uzikholosile, kwaye [uzithakazele]”? (AmaHebhere 11:13).

Bona kananjalo Alma 32:21, 26–43.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

AmaHebhere 10:32–36.Ungamema amalungu osapho ukuba abelane ngamava okomoya xa ayeve “ekhanyiselwe” ngenyaniso. Ingaba la mava angasinceda kanjani ukuba “singalahli ngoko ukungafihlisi [kwethu]” ngamaxesha esilingo okanye entandabuzo?

AmaHebhere 11.Ungawanceda njani amalungu osapho lwakho ukuba afunde kwimizekelo yabanyanisekileyo abakhankanywa ku-AmaHebhere 11? Kusenokuba lulonwabo ukuba nilinganise amabali weminye yale mizekelo.   Okanye mhlawumbi usapho lwakho lungaxoxa ngemizekelo yabanye abantu abanyanisekileyo enibaziyo—kuquka izinyanya, iinkokheli zeBandla, okanye amalungu oluntu lwenu.  

AmaHebhere 12:2.Ngokwalo mqolo, kwakutheni uYesu azimisele ukunyamezela intlungu nentsokolo yomnqamlezo? Yintoni oku okusifundisa kona malunga nokunyamezela izilingo zethu?  

AmaHebhere 12:5–11.Kutheni iNkosi isohlwaya kwaye isilungisa? Yintoni esiyiqaphelayo kule miqolo malunga nendlela iNkosi ebona ngayo isohlwayo? Ingaba le miqolo iyichaphazela njani indlela esinika okanye esifumana ngayo isohlwayo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa umculo ukumema uMoya kwaye ufunde imfundiso. UBongameli bokuQala bathi, “Umculo unamandla enganamida okusisa kubumoya obukhulu ngakumbi” (“First Presidency Preface,” Hymns, x). Mhlawumbi iculo elimalunga nokholo lingongeza kwingxoxo yosapho ephuma ku-AmaHebhere 11.

Umfanekiso
umfanekiso weYerusalem yamandulo

Imiqondiso nemimiselo yetempile yamandulo yayifundisa ngendima kaYesu Krestu.

Shicilela