ITestamente eNtsha 2023
EyoMnga 4–10. IsiTyhilelo 1–5: “UZuko, naMandla, Malube … nakuyo iMvana kuse Emakaphakadeni”


“EyoMnga 4–10. IsiTyhilelo 1–5: ‘Uzuko, naMandla, Malube… kwiMvana Kuse Emaphakadeni,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNtsha 2023 (2022)

“EyoMnga 4–10. IsiTyhilelo 1–5,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2023

Umfanekiso
imvana ihleli engceni

EyoMnga 4–10

IsiTyhilelo 1–5

“UZuko, naMandla, Malube … Makubekho nakuyo iMvana kuse Emakaphakadeni”

Cinga ngokubhala phantsi imibuzo onayo malunga nento oyifundayo kwi-IsiTyhilelo. Ungakhangela emva koko iimpendulo kwimibuzo yakho okanye uxoxe ngayo nelungu losapho okanye kwiiklasi zeBandla.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ingaba wakhe wasokola ukuchazela abanye oko wawukuva ngexesha lamava okomoya anamandla? Ulwimi lwemihla ngemihla lunokuvakala lungonelanga ukuchaza ukuva neemvakalelo zokomoya. Mhlawumbi kungenxa yoko le nto uYohane wasebenzisa umfuziselo otyebileyo nemifanekiso ukuchaza isityhilelo sakhe esizukileyo. Ngewayethethe ngokulula ukuba wabona uYesu Krestu, kodwa ukuze asincede siqonde amava akhe, wachaza uMsindisi esebenzisa amazwi anjengala: “Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo,” kwaye “emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini,” kunye “ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo ” (IsiTyhilelo 1:14–16). Njengoko ufunda incwadi ye-IsiTyhilelo, zama ukufumana imiyalezo uYohane awayefuna ukuba uyifunde kwaye uyive, nokuba awuyiqondi intsingiselo esemva komqondiso ngamnye. Kutheni le nto enokuthelekisa amabandla eBandla neziphatho zezibane, uSathana nenamba, noYesu Krestu nemvana? Ekugqibeleni, akufuneki uqonde umqondiso ngamnye kwi-IsiTyhilelo ukuqonda imixholo yayo ebalulekileyo, kuquka nomxholo wayo obalaseleyo: UYesu Krestu kunye nabalandeli baKhe baya koyisa phezu kwezikumkani zabantu nezikaSathana.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Umbono kaYohane ufundisa ngecebo likaBawo waseZulwini lokusindisa abantwana baKhe.

Incwadi ye-IsiTyhilelo kunokuba nzima ukuyiqonda, kodwa ungatyhafi. Isithembiso sikaYohane sinokuphembelela ukuba uqhubeke uzama: “Banoyolo abo bawalesayo, kwanabo bawevayo nabawaqondayo amazwi esi siprofetho, baze bazigcine ezo izinto ezibhaliweyo kuso, kuba ixesha lokufika kweNkosi likufuphi” (uGuqulelo lukaJoseph Smith, IsiTyhilelo 1:3 [kwisiKhokelo kwiZibhalo], ugxininiso longeziwe).

Enye indlela yokufunda IsiTyhilelo kukukhangela unxibelelwano necebo losindiso. Esi sishwankathelo ngokubanzi sinokunceda:

Njengoko ufunda, zibuze, “Oku kundifundisa ntoni ngecebo likaThixo? Wenze ntoni uThixo ukundinceda ndoyise ububi nokuba ndibuyele kuYe? Zithini izithembiso zaKhe kwabathembekileyo? ”

Kunokuba luncedo ukuyazi ukuba IMfundiso neMinqophiso 77 icacisa eminye yemiqondiso esetyenzisiweyo kwi-IsiTyhilelo. Ukongeza, uGuqulelo lukaJoseph Smith lucacisa imiqolo eliqela kwi-IsiTyhilelo, jonga IsiKhokelo kwiZibhalo rhoqo.

Bona kananjalo kwakhona IsiKhokelo kwiZibhalo, “Yohane,” “IsiTyhilelo sikaYohane.”

IsiTyhilelo 1

UYesu Krestu nguNyana Ophilayo kaThixo Ophilayo.

Isahluko sokuqala se-IsiTyhilelo sichaza ukubonakala kukaYesu Krestu kuYohane embonweni. Mhlawumbi ungenza uluhlu lwazo zonke izinto ezithethwa sesi sahluko ngoYesu Krestu, kuquka nokuba ungubani Yena na, into Yena asenzela yona, nokuba Yena unjani na.

Ezinye izinto ozifundayo ziya kuvela kwimiqondiso. Cinga nzulu ukuba yintoni na iNkosi enokuba izama ukufundisa ngaYo ngale miqondiso. Umzekelo, qaphela ukuba uMsindisi uzibiza ngokuba “sisiqalo nesiphelo” kwaye “owokuqala nowokugqibela.” Kutheni ucinga ukuba ezi zibizo zibalulekile? Yintoni ezi zibizo zikufundisa yona malunga noMsindisi?

IsiTyhilelo 2–3

UYesu Krestu uyandazi ngenkqu kwaye uya kundinceda ndoyise imiceli mngeni yam.

Amazwi oMsindisi kwi-IsiTyhilelo 2–3 atyhila ukuba Yena wayeziqonda iimpumelelo kunye nemizabalazo eyahlukileyo kwisebe ngalinye leBandla ngomhla kaYohane. Yena wazincoma iinzame zabaNgcwele kwaye wabalumkisa nangezinto ekwakufuneka bezitshintshile. Ufunda ntoni kwindumiso nezilumkiso zoMsindisi?

UMsindisi kananjalo uyaziqonda iimpumelelo zakho kunye nemizabalazo, kwaye Yena ufuna ukukunceda. Qaphela izithembiso zarhoqo Yena azinika abo boyisayo. Yintoni ekumangalisayo ngezi zithembiso? Yintoni iNkosi enokufuna uyoyise? Ungenza ntoni ukuze ufumane uncedo lwaKhe?

IsiTyhilelo 4–5

NguYesu Krestu kuphela owayenokwenza icebo likaBawo oseZulwini libe nokwenzeka.

Ufunda ntoni ngoBawo waseZulwini kwi-IsiTyhilelo 4 kwakunye nangoYesu Krestu kwi-IsiTyhilelo 5? Cinga ngendlela ekumele ukuba kwakunjani xa sonke saqonda ukuba uYesu Krestu (“iMvana”) wayeza kwenza icebo likaBawo waseZulwini libe nokwenzeka (uMsindisi wayenakho “ukuyivula … incwadi, nokuwanqika amatywina ayo asixhenxe” [IsiTyhilelo 5:5]). Kwakutheni ukuze uYesu Krestu yedwa akwenze oku? Ungalubonisa njani ukholo lwakho kuYe njengoMsindisi wakho?

Bona kananjalo Yobhi 38:4–7; IMfundiso neMinqophiso 77:1–7.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

IsiTyhilelo 1:20.Kwakutheni ukuze uYesu athelekise iBandla laKhe neziphatho zezibane? (bona Mateyu 5:14–16).

IsiTyhilelo 2–3.Yenza ngathi uYohane uceliwe ukuba anike umyalezo kusapho lwakho njengaleyo wayinika amabandla ngexesha lakhe. Yintoni angathi ihamba kakuhle? Unokuphucula njani?

IsiTyhilelo 3:15–16.Emva kokufunda le miqolo, usapho lwakho lungasela into edikidiki enencasa engcono xa ishushu okanye ibanda. Kuthetha ukuthini ukuba dikidiki ngokomoya?

IsiTyhilelo 3:20.Bonisa umfanekiso woMsindisi enkqonkqoza emnyango (bona ekupheleni kwesi sishwankathelo) njengoko usapho lwakho lufunda IsiTyhilelo 3:20. Kutheni le nto uYesu enkqonkqoza endaweni yokuba angene nje? Amalungu osapho anokutshintshisana enkqonkqoza emnyango. Emva koko omnye umntu kusapho angacebisa ukuba “singavula njani umnyango” kuMsindisi kwaye sivumele ilungu losapho lingene. Kungavakala njani ukuba noMsindisi ekhayeni lethu?

IsiTyhilelo 4:10–11.Kuthetha ukuthini ukunqula uBawo waseZulwini? Yintoni esiyaziyo ngaYe esenza sifune ukumnqula??

IsiTyhilelo 5:6, 12–13.Kutheni uYesu Krestu ebizwa ngokuba “yiMvana”? Ingaba esi sibizo sisifundisa ntoni malunga naYe?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Khuthaza imibuzo. Imibuzo yimbonakaliso yokuba amalungu osapho akulungele ukufunda kwaye anike ukuqonda kwindlela abaphendula ngayo ikule nto bayifundiswayo. Fundisa usapho lwakho indlela yokufumana iimpendulo kwizibhalo. (Bona Teaching in the Savior’s Way,, 25–26.)

Umfanekiso
UKrestu enkqonkqoza emnyango

Let Him In [Mvumele Yena Angene], nguGreg K. Olsen

Shicilela